YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 32

32
UYakobi ulungiselela ukuhlangabeza uEsawu
1UYakobi uhambile naye, waza wahlangana nezithunywa zikaThixo endleleni. 2Uthe akuzibona wavakala esithi: “Ngumkhosi kaThixo lo,” waza wathi loo ndawo yiManayim igama layo.
3UYakobi wathumela izigidimi ngaphambili ukuba ziye kumntakwabo uEsawu eSeyire, e-Edom. 4Wathi ze zithi kuye: “Mna, Yakobi, sicaka sakho, ndazisa wena, nkosi yam Esawu, ukuba bekhe ndahlala kwaLabhan, ndaza ndabambezeleka apho kwada kwakalokunje. 5Ndiza neenkomo neegusha, iidonki neebhokhwe, kwakunye nezicaka. Ndithumela lo myalezo ke, mhlekazi, ndinethemba lokuba uya kundamkela.”
6Ukubuya kwazo izigidimi zikaYakobi, zafika zathi: “Simbonile uEsawu umntakwenu; selesendleleni ekukhawulelayo. Uza namakhulu amane amadoda.” 7Wothuka wakhathazeka uYakobi; waza wabahlula bangamaqela amabini abantu bakhe, ngokunjalo neegusha, neenkomo, neebhokhwe, kwaneenkamela. 8Icebo lakhe lalikukuba kusinde eli lesibini iqela, xa athe wahlasela elokuqala uEsawu.
9Uye wathandaza emva koko uYakobi esithi: “Thixo kabawo-mkhulu uAbraham, Thixo kabawo wam uIsake, ndive. Nguwe, *Ndikhoyo, othe mandibuyele ezweni lakowethu naphakathi kwezizalwana zam. Watsho usithi uya kuyenza mhlophe indlela yam, konke kulunge. 10Ububele ondenzele bona, nokunyaniseka kwakho, akundifanele, Nkosi. Ndayiwela iJordan ndingenanto, ndiphethe umsimelelo kuphela. Ngoku ndibuya ndihamba nala maqela mabini. 11Ndihlangule ke kumntakwethu uEsawu, ndiyakubongoza. Ndinoloyiko hleze asihlasele asitshabalalise sonke, umntwana nonina. 12Khumbula ke ukuba wathembisa ukuba konke kondilungela, wathembisa nokuba wondipha inzala engenakubalwa bani, ebuninzi bungangobentlabathi elunxwemeni lolwandle. ”
13Ngengomso uYakobi wakhetha kuloo mhlambi wakhe ezo wayeza kuzipha umntakwabo uEsawu: 14iimazi zeebhokhwe zaba ngamakhulu mabini, iinkunzi zangamashumi mabini; amakhulu mabini eemazi zeegusha, namashumi mabini eenkunzi zeegusha, 15amashumi amathathu eemazi zeenkamela namankonyane azo; kunye namashumi mane eemazi zeenkomo, kunye neshumi leenkunzi; namashumi mabini eemazi zeedonki; kunye neenkunzi ezilishumi. 16Wazahlula-hlula zayimihlambi, waza umhlambi ngamnye wakhokelwa sisicaka. Wathi mazihambe ngaphambili, zishiye isithuba phakathi komhlambi ngamnye. 17Wathi kwisicaka esasingaphambili, ze sithi xa ebuza uEsawu ukuba ngaba ngubani na inkosi yaso, besiya ngaphi na, wona umhlambi lo ungokabani: 18“ZezikaYakobi, isicaka sikaEsawu. Wenza ngazo isipho kuEsawu inkosi yakhe. Yena uYakobi uyalandela ngasemva.”
19Wabaxelela loo nto bonke abakhokela imihlambi, owesibini nowesithathu njalo-njalo, esithi: “Nakuhlangabezana noEsawu ze nithi: 20‘Ewe, isicaka sakho uYakobi siyeza ngasemva.’ ”
Icebo likaYakobi lalikukuba amenze athambe ngezo zipho uEsawu, aze xa efika yena Yakobi kuye axolelwe. 21Wazindulula ke ezo zipho, waza yena walalisa apho esikhululweni ngobo busuku.
UYakobi ujijisana noThixo
22Ngobo busuku wavuka uYakobi, wahamba nabafazi bakhe bobabini, namaqadi abo, kunye nabantwana bakhe abalishumi nanye, wawuwela umlambo iJabhoko. 23Akubaweza waweza nempahla yakhe yonke, 24kodwa yena wasala ngasemva.
Kwafika umntu, wajijisana naye kwada kwasekuzeni kokusa. 25Wathi loo mntu akubona ukuba akamngquli uYakobi, wamchukumisa enyongeni, yatsho yagungxuka endaweni yayo. 26Watsho esithi: “Ndiyeke ndihambe, kuyasa.”
UYakobi wathi: “Andisobe ndikuyeke, de undithamsanqelise.”
27“Ungubani igama lakho?” ubuzile loo mntu.
“NdinguYakobi,” uphendule watsho yena.
28Uthe ke loo mntu: “Akusokubuya kuthiwe unguYakobi, kuba kaloku wena ujijisene noThixo kwakunye nabantu, waphumelela. Ngoko ke kuya kuthiwa unguSirayeli igama lakho. ”
29Uthe yena uYakobi: “Nawe ndixelele elakho igama.”
Uthe loo mfo: “Uza kulenzani igama lam?” Watsho esikelela uYakobi.
30UYakobi wathi: “UThixo ndimbonile ubuso ngobuso, ndibe naku ndisaphila.” Wathi ke loo ndawo yiPeniyeli. 31Laphuma ilanga xa uYakobi emkayo apho ePeniyeli. Wayeqhwalela ngenxa yenyonga egungxulekileyo. 32AmaSirayeli akawutyi umsipha kasikrotyana unanamhlanje, kuba kaloku wachukunyiswa kuloo ndawo uYakobi.

Currently Selected:

EYEZIQALO 32: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy