YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 31

31
UYakobi ubaleka uLabhan
1UYakobi weva ukuba oonyana bakaLabhan bathi uzithathe zonke izinto zikayise, yaye nobu butyebi bakhe ubuzuze ngezinto zikayise. 2Waphawula nokuba akasathandwa nguLabhan. 3*UNdikhoyo wathi kuYakobi: “Buyela kwilizwe looyihlo-mkhulu, kumawenu. Mna ndiya kuba nawe.”
4UYakobi ke wathumela ukuba kubizwe uRakeli noLeya ukuba beze kuye endle apho wayesalusa khona imihlambi. 5Uthe kubo: “Ndiyabona ukuba uyihlo akasandithandi ngoku; ukanti uThixo kabawo ubesoloko enam. 6Nazi kakuhle nobabini indlela ebendimsebenzela ngayo uyihlo. 7Kodwa yena wandiqhatha, wawuguqu-guqula umvuzo wam kalishumi. Kodwa uThixo akavumanga ukuba andenzakalise. 8Ubesakuthi uLabhan akuthi ezinamachaphaza ziya kuba zezam, zisuke zonke zizale amatakane anamachaphaza. Kuthi akuthi ziya kuba zezinemizila ezam, zisuke zonke zizale amatakane anemizila. 9UThixo uyihluthile imfuyo kayihlo, wayinika mna.
10“Ngexesha ekwakukhwelwa iimazi ndaba nephupha: ndaphakamisa amehlo, ndabona iinkunzi zeebhokhwe ezazikhwela iimazi, zingcitha, zingcaka. 11Sathi kum isithunywa sikaThixo ngephupha: ‘Yakobi!’ Ndasabela ndathi: ‘Ndim lo.’ 12Sithe ke sona: ‘Phakamisa amehlo, ubone zonke iinkunzi zeebhokhwe ezikhwelayo zingcitha, zingcaka. Ndiyibonile yonke into akwenze yona uLabhan; kungoko ndisenza le nto. 13Mna ndingulaa Thixo wabonakala kuwe eBhetele, apho wathambisa khona ngamafutha ilitye lesikhumbuzo, apho wawenze khona isifungo. Ngoku ke lishiye eli lizwe, ubuyele kwelakowenu.’ ”
14Bathe ukuphendula ooRakeli noLeya: “Asisenabango thina kwizinto zikatata. 15Usiphethe okwabantu basemzini. Wasithengisa, wayitya yaphela naloo nto wayifumana ngathi. 16Ngoko ke seliyeyethu nabantwana bethu yonke loo nto uThixo asihluthele yona kutata. Yenza loo nto wena uThixo akuyalela yona.”
17Kwangoko uYakobi wabakhwelisa ezinkameleni abafazi bakhe noonyana bakhe. 18Wayiqhuba yonke loo mihlambi wayifumana ePadan-aram, wenjenjeya ukusinga kuyise uIsake eKanana. 19ULabhan wayeye kucheba iigusha zakhe. Lo gama angekhoyo uRakeli waya kuba *imilonde-khaya kuyise. 20UYakobi yena wamkhohlisa uLabhan ngokungamazisi uLabhan ukuba uyemka. 21Wathatha konke okwakhe, wemka ngokungxama. Waya kuwela umlambo iEfrati, wenjenjeya ejonge kweleenduli eGiliyadi.
ULabhan usukela uYakobi
22Emva kweentsuku ezintathu uLabhan weva ukuba uYakobi ubalekile. 23Wahamba nezihlobo zakhe, basukela iintsuku zada zasixhenxe, bamfumana kwezo nduli zeGiliyadi. 24Ngobo busuku uThixo wavela ngephupha kuLabhan, wathi: “Uze ulumke, ungathethi nto kuYakobi konke, nenjani na.” 25ULabhan wafika uYakobi emise kwezo nduli zeGiliyadi, waza yena namadoda awayehamba nawo wemisa kwalapho.
26ULabhan wathi kuYakobi: “Yintoni le uyenzileyo? Kutheni undikhohlisa nje, ude uqhube neentombi zam oku kwabathinjwa emfazweni? 27Kutheni le nto usuka uzimele, ungatsho xa umkayo? Ukuba ubuxelile ngendikukhulule kakuhle, wenzelwa iingoma ngamagubu nangeehapu. 28Akukhange undinike nethuba lokuba khe ndange abazukulwana bam neentombi zam, ndithi ndlela-ntle kubo. Hayi noko, bubudenge into oyenzileyo! 29Ndingakwenza into embi ngoku. Kodwa phezolo uThixo kayihlo uthe ze ndingathethi nto kuwe. 30Ndiyazi ukuba umkiswe kukukhumbula ikhaya, kodwa ke uyibele ntoni yona *imilonde-khaya yam?”
31Uthe uYakobi: “Ndoyike ukuba undihluthe iintombi zakho. 32Kodwa ke ukuba kukho umntu apha onayo imilonde-khaya yakho, maze abulawe lowo. Ngoku sikhoyo sonke khangelani nantoni na eyeyenu, niyithathe.” UYakobi wayengazi ukuba imilonde-khaya kaLabhan ibiwe nguRakeli.
33ULabhan waya kukhangela ententeni kaYakobi, wadlulela nakwekaLeya, waya nakweyeempelesi zeentombi zakhe, akafumana nto apho. Wesuka apho waya ententeni kaRakeli. 34URakeli wayeseleyithathile imilonde-khaya wayifaka engxoweni, wahlala phezu kwayo. Wakhangela wagqogqa yonke indawo uLabhan, akayifumana noko.
35URakeli uthe kuyise: “Akuyi kukhathazeka, mhlekazi, xa ndingasukumiyo. Kaloku ndiya exesheni.” Wagqogqa uLabhan, wabuya ze nalapho engayifumananga imilonde-khaya yakhe.
36UYakobi wangcangcazela ngumsindo, wathi: “Uthi yintoni le imbi ndiyenzileyo? Mthetho wuphi lo ndiwaphuleyo ukugunyazisa ukuba uzingelane nam? 37Kukho nto yendlu yakho oyifumeneyo apha wakugqiba ukugqogqa umzi wam? Yirhole ibonwe ngala madoda uhamba nawo nala am, khon' ukuze alathe oyena wonileyo: indim, inguwe.
38“Bendihleli nawe iminyaka engamashumi mabini. Ngalo lonke elo xesha bezizala rhoqo iibhokhwe zakho, yaye andizange nditye nanye igusha yakho. 39Bendisoloko ndiyihlawula igusha nganye eqwengwe zizilwanyana. Andizange ndize nayo kuwe ndisithi asilotyala lam. Wawudla ngokuthi mandibuyise yonke into ebiweyo, nokuba kusemini, nokuba kusebusuku. 40Ndanditshiswa ngamalanga emini, ndidliwa naziingqele ebusuku, kungehli nobuthongo obu, 41kule minyaka imashumi mabini ndinawe. Ndasebenza ishumi elinane leminyaka, ndifuna iintombi zakho. Ndabuya ndasebenza eminye emithandathu, ndisebenzela imfuyo. Kanti ke phezu koko uwuguqu-guqule kwada kwakalishumi umvuzo wam. 42Ukuba ebengenam uThixo woobawo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, ngewandigxotha ndemka ndingaphethe nto. Kodwa ke uThixo ububonile ubunzima ebendikubo nomsebenzi wam, waza ke phezolo wandigwebela.”
Imvumelwano kaYakobi noLabhan
43Wenjenje ukuphendula uLabhan: “Ziintombi zam ezi; naba bantwana bazo ngabam; nale mihlambi yeyam; nditsho yonke le nto ilapha. Kodwa ngenxa yokuba ndingenako ukubanqanda abantwana bam, 44ndingáyenza imvumelwano kunye nawe. Masithathe amatye, siwafumbe ndawonye, abe sisikhumbuzo saloo mvumelwano.”
45UYakobi ke wathatha ilitye, walimisa ukuba libe sisikhumbuzo. 46Wathi amadoda makaqokelele amatye, awafumbe apho. Enjenjalo ke, aza ahlala phantsi apho ngakuloo matye, atya. 47ULabhan wathi loo ndawo yiJegare-saduta, uYakobi wathi yiGaledi. 48ULabhan wathi kuYakobi: “Le ngqumba yamatye iya kuba sisikhumbuzo kuthi.” Yiyo loo nto loo ndawo kwathiwa yiGaledi. 49ULabhan wabuya wathi: “Wanga *uNdikhoyo angasijonga naxa sesahlukene.” Yaza loo ndawo kwathiwa yiMizpa.
50Waqhuba wathi uLabhan: “Ukuba ukhe wabaphatha kakubi abantwana bam, okanye wathatha bafazi bambi, nokuba andiyazanga loo nto, uzukhumbule ukuba uThixo usijongile. 51Nanga la matye afunjwe apha, phakathi kwethu; nali nelitye lesikhumbuzo. 52Zizombini ke ezo zinto zisisikhumbuzo. Andisoze ndidlule apha ndize kukuhlasela; nawe ungaze uzidlule uze kundihlasela. 53NguThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, oya kusigweba.” Waza ke uYakobi wafunga egameni loMhlonitshwa kayise uIsake. 54Waxhela, wenza idini apho, wamemela izihlobo zakhe esidlweni. Bakugqiba ukutya bahlala kuloo ntaba ubusuku bonke. 55Kwakusasa ngengomso uLabhan wanga abazukulwana bakhe neentombi zakhe, esithi ndlela-ntle kubo, wajika wagoduka.

Currently Selected:

EYEZIQALO 31: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy