YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 30

30
1URakeli wayengekazali mntwana wonke lo gama. Waba nobukhwele ngodade wabo, wavakala esithi kuYakobi: “Ndiphe abantwana; kungenjalo ndisuke ndife kunale nto.”
2Wacaphuka uYakobi, wathi ukuphendula: “NdinguThixo kakade mna? Uvalwe ndim, ungazali nje?”
3Uthe uRakeli: “Nanku uBhiliya impelesi yam; ungamngeni nje, andizalele umntwana, nowam umzi wande?” 4Wayikhulula ke impelesi yakhe, wayinika umyeni wakhe, wayambatha. 5Wakhulelwa uBhiliya, wazala umntwana oyinkwenkwe. 6Wathi uRakeli: “UThixo undigwebele; usivile isicelo sam, wandipha unyana.” Wathi ke igama laloo mntwana nguDan. 7Waphinda wakhawulwa uBhiliya, wazala enye inkwenkwe kwakhona. 8Wathi uRakeli: “Ndizamene gqitha nodade wethu, kodwa ngoku ndimoyisile.” Wathi ke igama laloo nkwenkwe nguNafetali.
9Uthe ke uLeya akuziqonda ukuba akasazali, wanika uYakobi impelesi yakhe uZilipha ukuba ibe liqadi lakhe. 10Wazala inkwenkwe uZilipha. 11Wathi uLeya: “Ndisikelelekile.” Wathi ke igama layo nguGadi. 12UZilipha wazala enye inkwenkwe. 13Wathi uLeya: “Andisavuyi ngako! Nabanye abafazi baza kuthi ndiyavuya.” Kwathiwa ke loo nkwenkwe nguAshere.
14Xa kwakuvunwa ingqolowa, uRubhen wafumana imithuma yentando emasimini, wayisa kuLeya unina. URakeli wathi kuLeya: “Khawundiphe emithumeni leyo ifunyenwe ngumntwanakho.”
ULeya wathi: 15“Yho! Hleli nje, kanti akwanelanga kukuhlutha indoda yam! Ngoku selufun' ukundihlutha nemithuma le yomntwanam!”
Wathi uRakeli: “Kanti ungalala naye ngokuhlwanje uYakobi, ukuba uyandipha.”
16Ukufika kukaYakobi, evela emasimini ngokuhlwa, uLeya wamkhawulela, wafika wathi: “Uza kulala nam ngokuhlwanje, kuba ndikuthenge ngemithuma yomntwanam.” Walala noLeya ke ngoko kuhlwa uYakobi.
17UThixo wayiva imithandazo kaLeya, wakhawula, waphinda wazala enye yesihlanu inkwenkwe. 18Wathi: “UThixo uyandibuyisela kuba impelesi yam ndiyinikele kumyeni wam.” Wathi ke loo nkwenkwe nguIsakare. 19Wakhulelwa, waphinda wazala enye inkwenkwe uLeya, eyesithandathu ngoku. 20Wathi: “UThixo undiphe isipho esihle; umyeni wam kuya kunyanzeleka ukuba andixabise, ndizele amadoda amathandathu nje.” Wathi ke loo nkwenkwe nguZebhulon. 21Emva koko wazala intombi, wathi yona nguDayina.
22UThixo wamva uRakeli, wayiphendula imithandazo yakhe, wamvula wazala. 23Wakhawula, wazala inkwenkwe. Wathi: “UThixo ulisusile ihlazo lam.” 24Wathi ke igama layo nguJosefu, esithi: “Wanga uNdikhoyo angandongezela kwaenye inkwenkwe.”
Iqhinga likaYakobi
25Emva kokuvela kukaJosefu, uYakobi wathi kuLabhan: “Ndikhulule, khon' ukuze ndibuyele kowethu. 26Ndinike abafazi bam nabantwana bam endibasebenzeleyo, ndihambe. Uyakwazi ukubulaleka kwam ndikusebenzela.”
27Wathi uLabhan: “Mandiyithethe yona into yokuba ndityhilelwe ukuthi ndihlumé ndatsho ndasisinhanha ngenxa yokuba *uNdikhoyo ekusikelele. 28Ndixelele umvuzo owufunayo nje wena, ndikunike.”
29Uthe uYakobi: “Wazi kakuhle indlela ebendisebenza ngayo, nento yokuba yande kangakanani na imfuyo yakho ebisaluswa ndim lo. 30Laa mbinana wawunayo ukufika kwam, yande kakhulu, yaye noNdikhoyo ebekuthamsanqelisa ngenxa yam. Nam ngoku ndifuna ukusebenzela intsapho yam.”
31“Ndikuhlawule ntoni?” ubuzile uLabhan.
Uthe uYakobi: “Andifuni ntlawulo. Ndiza kuhlala ndiyaluse imihlambi yakho, ukuba nje siyavumelana ngale ndawo. 32Namhlanje ndiza kuya phaya emhlambini, ndifike ndiwakhethe onke amatakane amnyama nazo zonke iibhokhwe ezingcitha. Kuphela komvuzo endiwufunayo ke lowo. 33Kuya kuba lula ke kamva ukuqonda xa ndibile. Uya kuthi uqonde ngaloo nto ke xa uze kuhlola ukuba ndibile na: xa uthe wafika ndingenazo iibhokhwe ezingcitha, kungekho nagusha imnyama, uya kwazi ukuba ndibile.”
34Uthe uLabhan: “Sivene ke, mfo. Masenjenjalo ke.” 35Kwangaloo mhla uLabhan wazahlula emihlambini zonke iinkunzi zeebhokhwe ezingcitha, kwakunye nezeegusha ezimnyama. Wathi mazaluswe ngoonyana bakhe, 36bemka nawo loo mhlambi umgama owawunokuthathwa ngeentsuku ezintathu. UYakobi yena wasala neminye imihlambi kaLabhan.
37UYakobi wagawula iipali ezisemanzi zepampiri, nezom-almondi, kunye nompleyini. Wazixoza amaxolo, kwavela iindawo ezimhlophe. 38Wazigxumeka emijelweni kwezo ndawo kusela kuzo imihlambi. Loo nto wayenza kuba iinkunzi zazikhwela xa zize kusela. 39Ezo mazi zeebhokhwe zazikhwelwa ngaphambi kwezo pali zazala amatakane angcitha.
40UYakobi wazahlula iigusha ezibhokhweni, wazijongisa ngakweziya zingcitha. Wawenza ngolu hlobo ke owakhe umhlambi, wawahlula kokaLabhan.
41Xa zikhwelwa iimazi ezomeleleyo, uYakobi wayedla ngokumisa ezo pali phambi kwazo kuloo ndawo yokusela, ukuze zizalele phantsi kwezo pali. 42Kodwa imigqutsuba wayengayizisi yona phantsi kwezo pali. Kungekudala ekaLabhan imihlambi yaba yile iyimigqutsuba, ekaYakobi yona yaba yile yomeleleyo. 43Wahluma, watyeba ngaloo ndlela ke uYakobi. Waba nemihlambi emininzi, nezicaka, iinkamela, needonki.

Currently Selected:

EYEZIQALO 30: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy