YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 28

28
1UIsake wabiza uYakobi, wamsikelela, wathi kuye: “Uze ungathathi nanye kwezi ntombi zaseKanana. 2Hamba uye kulonyoko ePadan-aram, kwaBhetuweli, uzithathele umfazi apho phakathi kweentombi zikanyokolume uLabhan. 3Wanga uThixo uSomandla angakusikelela, akunike inzala, yande, ibe zizizwe ezininzi. 4Wanga uThixo angawagqithisela kuwe nakwinzala yakho amathamsanqa ka-Abraham, niwume loo mhlaba uThixo wayemise kuwo uAbraham kuqala.” 5Wenjenjalo ke uIsake ukundulula uYakobi, emthumela ePadan-aram kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram. Lo Labhan ngumnakwabo-Rabheka unina kaYakobi noEsawu.
UEsawu uthatha omnye umfazi
6UEsawu weva ukuba uYakobi usikelelwe wathunyelwa ePadan-aram, ukuba aye kufuna umfazi. Weva nokuba xa wayesikelelwa wayalelwa ukuba angaze athathe umfazi eKanana. 7Weva nokuba uYakobi wamthobela uyise nonina, waya ePadan-aram. 8Waqonda ke uEsawu ukuba uyise wayengazithandi iintombi zaseKanana. 9Waya kwaIshmayeli ke, unyana ka-Abraham, wathatha intombi yakhe uMahalati, udade boNebhayoti.
Iphupha likaYakobi eBhetele
10Wenjenjeya ukusuka eBheshebha uYakobi, esinga eHaran. 11Wafika ndaweni ithile, walalisa apho, kuba laliselitshonile ilanga. Uthathe ilitye, waqamela ngalo, walala. 12Waphupha ngathi ubona ileli esuka emhlabeni, yaya kuthi xhaxhe ngesibhakabhaka. Izithunywa zikaThixo zazisihla zinyuka ngayo. 13Wabona *uNdikhoyo emi ngakuye esithi: “NdinguNdikhoyo, uThixo kayihlo-mkhulu uAbraham noyihlo uIsake. Lo mhlaba ulele kuwo uya kumiwa nguwe nayinzala yakho. 14Inzala yakho iya kuba ngangentlabathi ubuninzi bayo. Yaye iya kuxanda, inabe kumacala onke. Zonke izizwe ziya kuthamsanqeliswa ngenxa yakho nenzala yakho. 15Ndiza kusoloko ndinawe, ndikukhusele naphi na apho uya khona, ndibuye ndikubuyisele kwakule ndawo. Andiyi kukushiya ndide ndizenze zonke izinto endizithembisileyo.”
16Akuphaphama uYakobi, wathi: “Ngenene uNdikhoyo ukho kule ndawo; ndibe bendingayazi loo nto.” 17Wangenwa luvalo kwaoko, wathi: “Hayi ukoyikeka kwayo le ndawo! Yindlu kaThixo le! Lisango lezulu eli!”
18Wavuka kwangentseni uYakobi. Wathatha elo litye wayeqamele ngalo, wenza ngalo isikhumbuzo; waligalela amafutha. 19Wathi loo ndawo yiBhetele. Kodwa ke isixeko salapho kwakusithiwa yiLuzi. 20UYakobi ke yena wenza esi sifungo: “Ukuba uThixo undigcinile wandilondoloza kolu hambo, andiphe ukutya nezambatho 21ndide ndibuyele ekhaya, ngenene ndiya kumkhonza uNdikhoyo, abe nguThixo wam. 22Eli litye lesikhumbuzo ndilimise apha liya kuba yindawo yokunqulela uThixo. Ndiya kumahlulela isishumi kwizinto andipha zona.”

Currently Selected:

EYEZIQALO 28: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy