YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 19

19
Ukungcola kweSodom
1Ukufika kwezithunywa ezibini eSodom ngorhatya lwaloo mini, uLothe wayehleli ngasemasangweni edolophu. Uthe khwasululu ukuwabona kwakhe, wawahlangabeza. Ufike waqubuda ekhangele phantsi ekhahlela, wathi: 2“Zinkosi zam, khanikhe niye kwam, nihlambe oku kweenyawo, nilalise khona. Ningavuka ke ngentsasa, nithabathise uhambo lwenu.”
Zithe zona izithunywa ukuphendula: “Hayi noko wena, siza kuhlala phaya ebaleni kude kuse.”
3Wazithundeza, ezicenga-cenga uLothe, zada zoyisakala, zaya naye kwakhe. Wazilungiselela ukutya, wenza namaqebengwana ngentlama engenagwele. Kuthe ke kwakulunga ukutya zatya.
4Ngaphambi kokuba ziye kulala, kwafika amadoda nabafana baseSodom, bevela kumacala ngamacala, bayingqonga indlu kaLothe. 5Bakhwaza bebuza kuLothe ukuba aye phi na laa madoda ayeze kulala kwakhe ngobo busuku. Batsho besithi makawakhuphe, kuba babefuna ukulala nawo.
6Waphuma endlwini uLothe, waluvala ucango ukuphuma kwakhe. 7Ufike wathi kuloo madoda: “He, zinkosi, sanukuyenza into enje ukuba mbi. 8Ndineentombi zimbini apha, ziseziintombi nto; kubhetele ndininike zona, nizenze ukuthanda kwenu endaweni yale nto nifuna ukuyenza. La madoda ziindwendwe zam; aphantsi kokhuselo lwam.”
9Kodwa loo madoda athi: “Suka endleleni, mfikindini! Ungubani wena? Ucinga ukuba singagwetywa nguwe? Singajikela wena thina, kube kubi nangaphezu kwawo.” Atsho emsunduza uLothe, etyhala ezama ukuluqhekeza ucango. 10Kodwa la madoda ayengaphakathi amtsalela endlwini uLothe, aluvala ucango, 11awabetha ngobumfama onke loo madoda ayengaphandle, atsho akalubona ucango apho lukhoyo.
Ukumka kukaLothe eSodom
12Athe kuLothe la madoda mabini: “Ngaba kusekho mntu wumbi na apha – nokuba ngoonyana, nokuba ziintombi zakho, nabayeni beentombi, nasiphi na isizalwana sakho? Yitsho bemke apha. 13Kaloku le dolophu siza kuyitshabalalisa. Isikhalo esivakele ngayo sibi kangangokuba sithunywe *nguNdikhoyo ukuba size kuyibhubhisa iSodom.”
14ULothe ke waya kuxelela amasoka eentombi zakhe ukuba makumkiwe eSodom, kuba uNdikhoyo wayeza kuyibhubhisa. Kodwa wona aba uyaqhula nje.
15Ngentseni izithunywa zamxhesha uLothe, zathi: “Gxabha-gxabhisa, ndoda, umke apha neentombi zakho kunye nomkakho. Kungenjalo uya kutshabalala xa kusohlwaywa le dolophu.” 16Unge angazila-zila, suka zambamba ngesandla, zamkhuphela ngaphandle kwedolophu kunye nomkakhe neentombi zakhe. Kaloku uNdikhoyo wamenzela inceba uLothe.
17Bakuba bengaphandle kwedolophu, esinye isithunywa sathi: “Balekani ukuze nisinde. Ze ningakhangeli ngasemva, ningemi nokuma phaya entilini. Balekelani phaya endulini, kungenjalo nani nakutshabalala.”
18“Hayini noko, nkosi,” utshilo uLothe, “sanukundenjenjalo. 19Sele undincedile kakade ngokundisindisa; noko kukude kakhulu phaya endulini. Le ntlekele isenokundifumana, ndife singekafiki nalapho. 20Uyayibona laa dolophana? Ikufuphi noko yona. Yidolophana nje engenkulu. Mna ndithi ngesele ndisiya khona ukuze ndikhuseleke.”
21Sithe isithunywa: “Kulungile ke. Andiyi kuba sayitshabalalisa loo dolophana uthetha ngayo. 22Kodwa ke khawuleza ukuya apho, kuba akukho nto ndinokuyenza de ube ulapho.” Yiyo ke loo dolophu kuthiwa yiZoware.
Ukubhujiswa kweSodom neGomora
23Laliseliphumile ilanga ukufika kukaLothe eZoware. 24*UNdikhoyo wathobela isalfa evuthayo phezu kweSodom neGomora, 25wazibhubhisa kunye naloo ntili yonke, kunye nabo bonke abantu ababelapho, nento yonke ehlumayo. 26Umka-Lothe wajonga ngasemva, suka wajika waba yintsika yetyuwa.
27UAbraham wavuka kwakusasa, waya kulaa ndawo wayemi noNdikhoyo kuyo. 28Wakhangela ezantsi eSodom naseGomora nakuloo ntili, wabona kukho ukuqhuma okungathi ngumsi ophuma eziko. 29Kodwa uThixo wasikhumbula isicelo sika-Abraham ukubhubhisa kwakhe loo ntili, wamsindisa uLothe.
Umnombo wamaMowabhi nama-Amon
30ULothe woyika ukuhlala eZoware. Uthe ngenxa yoko wenyukela ezintabeni kunye neentombi zakhe, wahlala emqolombeni. 31Yathi intombi enkulu kudade wayo: “Ubawo uyaluphala, yaye akukho madoda apha kule ndawo angasitshatayo sizale. 32Yiza simseze anxile, khon' ukuze simambathe, sifumane abantwana bakhe.”
33Ngobo busuku bamntyintya ngewayini, yaza ke intombi enkulu yamambatha. ULothe wayenxile kangangokuba akazange akuqonde okwaqhubekayo.
34Ngosuku olulandelayo yathi intombi enkulu kwencinci: “Bendikunye naye phezolo. Masiphinde nanamhlanje ngokuhlwa, ukuze nawe ulale naye. Sobabini ke soba nabantwana bakabawo osizalayo.” 35Baphinda ke bamntyintya nangobo busuku, yamambatha nencinci intombi. Wayenxile engayazi into eqhubekayo.
36Yaba njalo ke into yokumitha kweentombi zikaLothe, zimithiswe nguyise. 37Intombi enkulu yazala inkwenkwe, eyathi igama layo nguMowabhi. Nguye lo ungukhokho wamaMowabhi. 38Intombi encinci yazala inkwenkwe nayo, yathi igama layo nguBhenami. Yena ngukhokho wama-Amon.

Currently Selected:

EYEZIQALO 19: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy