YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 18

18
UAbraham uthenjiswa unyana
1*UNdikhoyo wabonakala kuAbraham ngakwimithi kaMamre. UAbraham wayehleli ngasemnyango wentente emini emaqanda. 2Nako kusithi thu amadoda amathathu. Uthe ke ukuwabona kwakhe wakhawuleza ukuwahlangabeza, wafika waqubuda ekhahlela. 3“Bahlekazi,” utshilo kuwo, “noko sanukudlula emzini wam ningakhanga nikhe nithule imithwalo. Kaloku ndikholo nina apha. 4Ndinganiphathela amanzi, nikhe nihlambe iinyawo, lo gama nisaphumle phantsi kwalo mthi. 5Ndiza kuniphathela nento etyiwayo, ukuze nifumane amandla endleleni. Nakuthi ke nandule ukuhamba loo ndlela yenu inidlulise ekhaya apha.”
Athe ke wona amadoda: “Ngxatsho ke, ungénjenjalo.”
6UAbraham wakhawuleza ukungena ententeni, wafika wathi kuSara: “Khawuthathe izitya ezithathu zomgubo wengqolowa, uxove wenze amaqebengwana, ukhawulezise.” 7Watsho ekhawulezile uAbraham ukuya ezinkomeni, wafika wakhetha elona lityebileyo ithole, wathi malixhelwe ngokukhawuleza. 8Wathatha amasi anengqaka nenyama leyo, wabeka phambi kwaloo madoda, azenzela apho phantsi kwaloo mthi, emi apho yena ngakuwo.
9Ambuza athi: “Uphi na umkakho uSara?”
Wathi: “Usendlwini.”
10Lwathi olunye undwendwe: “Malunga neli xesha kunyaka ozayo ndobe ndibuye. USara umkakho woba enomntwana oyinkwenkwe.”
USara wabavela emi emva kwabo ngasemnyango. 11Bobabini, uAbraham noSara, babesebaluphele kakhulu, uSara selegqithile kwixabiso lokuzala. 12Wahleka yedwa ke uSara, wathi: “Sendigqithile kwixabiso lokuzala, kanti nomyeni wam selaluphele.”
13Uthe uNdikhoyo kuAbraham: “Uhleka ntoni uSara, ade athi: ‘Ndingamfumana njani umntwana sendaluphele nje?’ 14Niba kukho into enokuxaka uNdikhoyo? Bendithe ngeli xesha kunyaka ozayo ndobe ndibuye; uSara woba enomntwana oyinkwenkwe.”
15USara wakhanyela, kuba wayesoyika, wathi: “Andikhange ndihleke.”
Wathi yena: “Hayi, uhlekile.”
UAbraham ucelela iSodom
16La madoda anduluka, ayivelela iSodom. UAbraham wayehamba nawo ewakhapha. 17Uthe *uNdikhoyo: “Mandingayifihli kuAbraham into endifuna ukuyenza. 18Inzala yakhe yoba sisizwe esikhulu, yaye ndozithamsanqelisa ngaye zonke izizwe. 19Ndimtyumbele ukuze aqeqeshele abantwana bakhe kunye nabazukulwana bakhe ekundithobeleni nasebulungiseni. Xa besenjenjalo ndozizalisekisa izithembiso zam kuAbraham.”
20Uqhube wathi kuAbraham uNdikhoyo: “Iyakhalazelwa iSodom neGomora ngenxa yobubi besono sayo. 21Ngako oko ndiza kukhe ndihle ndiye kuzibonela ukuba kunjalo na. Ndobona ngoko ukuba akunjalo.”
22Emka ke loo madoda, abheka ngaseSodom. Wasala noNdikhoyo yena uAbraham. 23Uthe uAbraham kuNdikhoyo: “Ngaba ngenene, *Mhlekazi, uza kutshabalalisa amalungisa ndawonye nezibhoja? 24Ukuba kukho amashumi amahlanu amalungisa, ngaba ungasibhangisa eso sixeko? Akungesisindisi ngenxa yamashumi amahlanu lawo? 25Hayi kaloku, akunakuyenza into enjalo ukutshabalalisa abangenatyala ndawonye nabagwenxa, ube njalo wohlwaya amalungisa ngesohlwayo esinye naboni. Ngunongekhe lowo. UMgwebi welizwe liphela akamele kugweba ngobulungisa na?”
26Uthe uNdikhoyo: “Ukuba kungakho amashumi amahlanu abantu abamsulwa eSodom, ndingasisindisa eso sixeko sonke ngenxa yabo.”
27Uthe kwakhona uAbraham: “Ndinyamezele, Mhlekazi, ndiyintw' engento, andifanele nakuthetha oku nawe. 28Ukuba ngaba kukho amashumi amane anantlanu endaweni yamashumi amahlanu, ungátshabalalisa isixeko sonke ngenxa yokuba bengaphantsi nje ngesihlanu abantu abamsulwa?”
Uthe uNdikhoyo: “Nokuba ngamashumi mane anantlanu abantu abamsulwa, ndosisindisa isixeko.”
29Ubuye wathi uAbraham: “Ukuba ngamashumi mane nje kuphela?”
Uthe uNdikhoyo: “Sosinda nokuba kunjalo.”
30Wathi ke uAbraham: “Mhlekazi, ungakhathazeki, ndisafuna ukuqonda. Kuya kuthini ke xa bengamashumi amathathu?”
“Nokuba ngamashumi amathathu, sosinda,” utshilo uNdikhoyo.
31“Ndinyamezele, Mhlekazi,” utshilo uAbraham. “Ukuba bangamashumi mabini kuphela, kothini?”
“Nokuba bangamashumi mabini, ndosisindisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.
32Wathi uAbraham: “Mhlekazi, selundinyamezela oku kokugqibela! Kuya kuthini ukuba lishumi linye kuphela abantu abamsulwa abalapho?”
“Nokuba lishumi nje qha, andiyi kusitshabalalisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.
33Wemka ke uNdikhoyo akugqiba ukuthetha noAbraham, naye uAbraham wagoduka.

Currently Selected:

EYEZIQALO 18: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy