YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 12

12
Ukufuduka kuka-Abram
1*UNdikhoyo wathi kuAbram: “Lishiye ilizwe lakowenu, izizalwana kunye nekhaya lakho, umke uye kwilizwe endiza kukwalathisa lona.
2“Ndiza kukunika inzala eninzi,
eya kuba sisizwe esikhulu;
ndikunike amathamsanqa,
libe nodumo igama lakho,
ube lithamsanqa nakwabanye.
3Abo bakuthamsanqelisayo nam ndobathamsanqelisa,
ndibaqalekise abo bakuqalekisayo.
Zonke izizwe zothamsanqeliswa ngawe.”
4Wanduluka ke uAbram eHaran ngokomyalelo kaNdikhoyo. Wayemashumi asixhenxe anantlanu ubudala. ULothe naye wahamba kunye noAbram. 5UAbram wemka nomkakhe uSarayi, kunye noLothe unyana womninawa wakhe. Wathatha bonke ubutyebi bakhe, kunye nezicaka zakhe azifumene eHaran, wenjenjeya ukubheka eKanana.
Bakufika eKanana, 6uAbram wenjenjeya wada waya kugaleleka eShekem kwindawo enomthi kaMore. Ayesemi kwelo zwe ngelo xesha amaKanana. 7UNdikhoyo wabonakala kuAbram, wathi: “Nali ke ilizwe eliya kumiwa yinzala yakho.” UAbram ke wenza iqonga apho, wanqula uNdikhoyo owabonakala kuye. 8Ukusuka apho wabheka ngasemazantsi kweleentaba kwicala langasempuma yesixeko saseBhetele. Wazigxumeka apho iintente, ephahlwe yiBhetele ngasentshona neAyi ngasempumalanga. Nalapho wenza iqonga, wanqula uNdikhoyo. 9Wanduluka nalapho, egqitha kwiindawo ngeendawo, ejonge emazantsi eKanana.
UAbram eJiputa
10Kwakukho indlala eKanana. Yayinkulu kangangokuba uAbram wehla waya eJiputa, wakha wahlala apho ixeshana. 11Akufika emideni, wathi kumkakhe uSarayi: “Ndiyazi ukuba umhle gqitha, 12yaye akukubona amaJiputa, aza kuthi ungumkam, aze andibulale mna, akushiye wena. 13Uze uthi ke ungudade wethu. Aya kundiphatha kakuhle ke ngenxa yakho, angandibulali.” 14Akugqitha emideni engena eJiputa, amaJiputa akhangwa bubuhle bomka-Abram. 15Amaphakathi kakumkani athi nawo akumbona abuncoma ubuhle bakhe kukumkani. Wathathwa ke, waya kuhlala ebhotwe kwakumkani. 16Ukumkani wamphatha kakuhle uAbram ngenxa yomkakhe, wamphawulela imihlambi yeegusha neebhokhwe, iinkomo needonki, izicaka neenkamela.
17Kodwa ngenxa yokuthathwa kukaSarayi ngukumkani, uNdikhoyo wathumela izibetho zezifo kukumkani nakubantu bonke bakomkhulu. 18Waza ke ukumkani wabiza uAbram, wathi: “Yintoni le nto undenze yona? Kutheni ungandixelelanga nje ukuba ngumkakho lo? 19Kutheni usithi ngudade wenu nje, undiyeke ndimenze umkam? Nanko ke umkakho; mthathe umke naye.” 20Ukumkani wayalela amadoda ukuba uAbram makakhutshelwe ngaphandle kwemida yelo zwe, emke nomkakhe, nayo yonke impahla yakhe.

Currently Selected:

EYEZIQALO 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy