YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 11

11
Inqaba yaseBhabheli
1Ngelo xesha abantu elizweni babethetha ulwimi olunye, besebenzisa namagama afanayo ezinto. 2Ke ekubhaduleni kwabo kwelasempumalanga bada baya kutsho kumathafa aseBhabheli, bema apho. 3Bathethana bathi: “Masenze izitena, sizitshise ziqine.” Baza ke basebenzisa ezo zitena endaweni yamatye, netha endaweni yodaka. 4Bathi ke: “Masakhe isixeko, senze nenqaba enencopho eya kutsho esibhakabhakeni, ukuze sibe negama nathi, singathi saa elizweni.”
5*UNdikhoyo wehla weza kusibona eso sixeko babesakhile nenqaba leyo, 6waza wathi: “Xa aba bantu beluhlanga olunye, bekwantetho-nye, sebeqala ngokwenjenje, abanakuxakwa nayintoni na abafuna ukuyenza. 7Yizani sihle, ulwimi lwabo silwenze lube yingxuba-kaxaka, khon' ukuze bangevani ngentetho.” 8Wabathi saa elizweni uNdikhoyo, àbasakha neso sixeko. 9Kwathiwa eso sixeko yiBhabheli, kuba kaloku uThixo wasuka wayenza ingxuba-kaxaka intetho yabantu. Ukusuka apho abantu bathi saa elizweni.
Inzala kaShem
(1 Gan 1:24-27)
10Nanga amagqabantshintshi ngoShem. Kudlule iminyaka yamibini emva konogumbe, uShem wazala unyana uArpakishadi selenekhulu leminyaka ubudala. 11Uhleli amanye amakhulu amahlanu emva koko, wazala abanye abantwana.
12Akuba namashumi mathathu anantlanu uArpakishadi, wazala unyana uShela. 13Emva koko uhleli amakhulu mane anantathu, wazala nabanye abantwana.
14Akuba namashumi mathathu uShela, wazala unyana uHebhere. 15Wahlala amakhulu mane anantathu emva koko, wazala nabanye abantwana.
16Wayenamashumi mathathu anane uHebhere ukuzala kwakhe unyana uPelegi. 17Uhleli amakhulu mane anamashumi mathathu emva koko, wazala abanye abantwana.
18UPelege uzele unyana, uRewu, emashumi mathathu ubudala. 19Uhleli amakhulu mabini anethoba emva koko, wazala nabanye abantwana.
20URewu uzele unyana, uSerugi, emashumi mathathu anambini ubudala. 21Uhleli amakhulu mabini anesixhenxe emva koko, wazala nabanye abantwana.
22Akuba mashumi mathathu ubudala uSerugi, wazala uNahore. 23Uhleli amakhulu mabini eminyaka emva koko, wazala nabanye abantwana.
24Wayenamashumi mabini anethoba uNahore ukuzala kwakhe unyana wakhe uTera. 25Emva koko uhleli ikhulu lineshumi elinethoba leminyaka, waza wazala nabanye abantwana.
26UTera wayeselenamashumi asixhenxe ukuzala kwakhe uAbram noNahore noHaran.
Inzala kaTera
27Nanga amagqabantshintshi ngoTera uyise ka-Abram noNahore noHaran. UHaran wazala uLothe, 28waza kwayena uHaran watshabela kwakweso sixeko sakubo, iUre kwelamaKaledi. Uyise wayesadla amazimba. 29UAbram wathatha uSarayi, waza uNahore yena wathatha uMilika, intombi kaHaran uyise kaIska. 30Ke kaloku uSarayi wayengenabantwana, kuba wayengazali.
31UTera wafuduka eUre, ehamba noAbram unyana wakhe, kunye nomzukulwana wakhe uLothe, unyana kaHaram, kwakunye noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram. Wemka kwelamaKaledi, wafudukela welaseKanana. Bahamba bada baya kutsho eHaran, bafika bema apho. 32Wabhubhela apho eHaran uTera emakhulu mabini anantlanu ubudala.

Currently Selected:

EYEZIQALO 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy