YouVersion Logo
Search Icon

KUMAGALATI 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna Pawulos ndabizwayo ndaba *ngumthunywa, ndingabizwanga mntu, okanye ndimiselwe mntu; koko ndibizwe nguYesu Krestu noThixo uYise, owamvusayo uYesu ekufeni. 2Mna namawethu onke akunye nam siyanibulisa, mabandla aseGalati, sithi: 3Wanga uThixo wethu neNkosi yethu uYesu Krestu anganenzela isisa, aniphe uxolo.
4UKrestu wancama ubomi bakhe ngenxa yezono zethu, ukuze asihlangule egunyeni leli hlabathi longendawo, ethobela ukuthanda kukaYise uThixo wethu. 5Makadunyiswe uThixo ngonaphakade! *Amen.
Iindaba ezimnandi ezizodwa
6Ndinithele nqa ukuba nithi ngexeshana nje elingephi nibe senindlandlatheka emva kwezinye iindaba ezingathi zimnandi, nimfulathele lowo wanibizayo ngesisa sikaKrestu. 7Eneneni akukho ndaba zimbi zimnandi zizezinye, koko nditsho nje kuba kukho abantu abaniphazamisayo, bezama ukuzigqwetha iindaba ezimnandi ezingoKrestu. 8Kodwa ukuba kukho umntu, nokuba ndim, nokuba sisithunywa sezulu, oshumayela iindaba ezinxamnye nezo ndanishumayeza zona: uqalekisiwe lowo. 9Besenditshilo, nangoku ndiyaphinda, ndithi: Ukuba kukho bani onishumayeza iindaba ezingathi zimnandi eziphikisana nezo senizamkele, loo mntu makaqalekiswe!
10Ngaba ndivakala ngathi ndifuna abantu babe ngakwicala lam na? Hayi, nguThixo kuphela endifuna abe ngakum. Niba ngaba ndizicengezela ebantwini? Ukuba bendizicengezela ebantwini, ngendingesiso isicaka sikaKrestu.
Ukubizwa kukaPawulos
11Mandiyithethe ngokuphandle, mawethu, into yokuba ezi ndaba ndizishumayelayo aziyonto nje equlunqwe ngumntu. 12Nam andizinikwanga mntu, futhi ndingazifundiswanga mntu; ndazityhilelwa nguYesu Krestu.
13Ndiyacinga ukuba senivile ngobomi bam ngokuya ndandingekaguquki ekulandeleni izithethe zonqulo lwamaJuda. Okuya ndandilitshutshisa ngokungenanceba ibandla likaThixo, ndifunzele ukulitshabalalisa. 14Kwezonqulo ndandigalawele kuneentanga zam ezininzi. Ndandibalasele ngenzondelelo kwizithethe zamanyange.
15Kodwa uThixo wandinyula ndingekazalwa, wandibiza ngenxa yesisa sakhe ukuba ndimsebenzele. Kuthe ke kwakukholeka kuThixo 16ukumbonakalisa uNyana wakhe kum, ukuze ndishumayele iindaba zakhe ezintlangeni, andabi sabuza nto mntwini, 17andabi saya nokuya naseJerusalem *kubathunywa abadala kunam emsebenzini, koko ndasuka ndaya ngqo kwelama-Arabhu. Emva koko ke ndabuyela eDamasko. 18EJerusalem ndaya emva kweminyaka emithathu, ndinomnqweno wokwazana noPetros; ndahlala naye ke iiveki zambini. 19Akukho mthunywa wumbi ndambonayo ngaphandle kukaYakobi umntakwabeNkosi.
20Ndithetha inyaniso; andixoki; uThixo uyazi! 21Emva kwexesha ndaya kwimimandla yaseSiriya naseKiliki. 22Ngelo xesha ke amabandla kaKrestu akwaJuda ayengekandiboni. 23Babeseva nje ngembali, kusithiwa: “Laa mfo wayekade esitshutshisa, ngoku ushumayela iindaba zokholo, ezi kanye wayezitshabalalisa.” 24Kambe ke babemdumisa uThixo ngenxa yam.

Currently Selected:

KUMAGALATI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy