YouVersion Logo
Search Icon

UEZRA 1

1
UKoreshi ukhulula abathinjwa
(2 Gan 36:22-23)
1Ngonyaka wokuqala kakumkani uKoreshi wasePeshiya, ukuzalisekisa amazwi awawathetha ngomlomo kaJeremiya, *uNdikhoyo wawuxhokonxa umoya kakumkani uKoreshi wasePeshiya, waza wawisa umthetho kuwo wonke ummandla wakhe, wayalela ukuba ubhalwe, kusithiwa:
2“Utsho uKoreshi, ukumkani wasePeshiya, ukuthi: ‘UNdikhoyo uThixo wezulu uzinikele kum zonke izikumkani zehlabathi, kananjalo undimisele ukuba ndimakhele indlu eJerusalem kwelakwaJuda. 3Ngoko ke, nabani phakathi kwenu nonke ongowabantu bakhe, ngamana uThixo wakhe waba naye, anduluke aye eJerusalem kwelakwaJuda, ayakhe indlu kaNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uThixo oseJerusalem. 4Onke amasalela, ezindaweni zonke axhwarhe kuzo, makancedwe ngabantu bezo ndawo akuzo, anikwe isiliva negolide nenye impahla, kunye nemfuyo kwaneminikelo yokuqhutywa yintliziyo ukwenzela indlu kaThixo eJerusalem.’ ”
5Ke kaloku iinkulu zezindlu zakwaJuda nakwaBhenjamin, ababingeleli, nabaLevi, naye wonke umntu ontliziyo ichukunyiswe nguThixo, balungiselela ukuya kwakha indlu kaNdikhoyo eJerusalem. 6Bonke abamelwane babo babancedisa ngezinto zesiliva, nezegolide, nenye impahla, nangemfuyo, nezipho ezixabisekileyo, ndawonye neminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
7Kananjalo ke ukumkani uKoreshi wayikhupha impahla eyayisetyenziswa endlwini kaNdikhoyo, leyo yayithinjwe nguNebhukadenezare eJerusalem waza wayibeka endlwini yothixo wakhe. 8Ukumkani uKoreshi wasePeshiya wathi mayikhutshwe nguMitredati unondyebo, owazibalayo wazinikezela kuSheshbhazare itshawe lakwaJuda.
9Ngawo la ke amanani azo:
izitya zegolide 30
izitya zesiliva 1 000
iipani zesiliva 29
10iindebe zegolide 30
iindebe zesiliva eziyeleleneyo 410
ezinye izitya 1 000
11Zizonke ke ezi zinto zingamawaka amahlanu anamakhulu amane, izezegolide nezesiliva. Xa bagodukayo ke abathinjwa bephuma eBhabheli besiya eJerusalem, uSheshbhazare wazithatha bahamba nazo.

Currently Selected:

UEZRA 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy