YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 46

46
1“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Isango lentendelezo ephakathi elijonge empumalanga kufuneka livalwe mba ngazo zonke iintsuku ezintandathu zomsebenzi, luze luvulwe *ngoMhla wokuPhumla nangoMhla wokuThwasa kweNyanga. 2Inkosi iya kungena ngevaranda yesango, ize ime malunga nomgubasi. Ababingeleli baya kuyilungiselela idini elitshiswayo nomnikelo wobudlelwane. Iya kukhahlela isemgubasini wesango, ize yandule iphume, kodwa isango aliyi kuvalwa kude kube ngokuhlwa. 3NgeMihla yokuPhumla neyokuThwasa kweNyanga abantu belizwe bonqula phambi kukaNdikhoyo ekungeneni kwesango. 4Idini elitshiswayo eliya kuza nenkosi phambi kukaNdikhoyo ngoMhla wokuPhumla liya kuba ngamaduna amathandathu amaxhwane nenkunzi yegusha, zonke zingenasiphako. 5Umnikelo weenkozo okhapha inkunzi yegusha uya kuba ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha ezihamba neelitha ezintathu zamafutha omnquma, kodwa lowa ukhapha amaxhwane uya kuba kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha. 6NgoMhla wokuThwasa kweNyanga wonikela ngenkunzi eselula yenkomo, isithandathu samaxhwane, nenkunzi yegusha, zonke zingabi nasiphako. 7Kufuneka akhuphe umnikelo weenkozo oziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha uhamba nenkunzi yenkomo, kwanongako ohamba nenkunzi yegusha, yombini ikhatshwa ziilitha ezintathu zamafutha omnquma, kanti kumaxhwane uya kukhupha kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha. 8Xa inkosi ingena yongena ngesango elinevaranda, ize iphume kwangalo.
9“ ‘Xeshikweni abantu belizwe beze phambi koNdikhoyo ngexesha lemisitho emiselweyo, umntu othe wangena ngesango langentla eze kunqula kufuneka aphume ngesango langezantsi; othe wangena ngesango langezantsi kufuneka aphume ngesango langentla. Akukho mntu uya kuphuma ngesango ebengene ngalo, kodwa umntu ngamnye makaphume ngesango elijongene nalo. 10Inkosi kufuneka ibe phakathi kwabo, ingene kunye nabo, ize iphume kunye nabo.
11“ ‘Emibhiyozweni nakwimisitho emiselweyo umnikelo wokutya okuziinkozo ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha kunye neelitha ezintathu zamafutha omnquma ezihamba kunye nenkunzi yenkomo, ngokunjalo kunye nenkunzi yegusha. Phofu ezihamba namaxhwane ziya kuba ngangokuthanda komntu, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha. 12Xa inkosi yenza umnikelo kuNdikhoyo iqhutywa yintliziyo, nokuba lidini elitshiswayo, okanye umnikelo wobudlelwane, iya kuvulelwa isango elingasempuma. Idini layo elitshiswayo okanye umnikelo wobudlelwane iya kuwunikela njengoko isenza ngoMhla wokuPhumla. Yophuma ke, ize ithi yakuphuma livalwe isango.
13“ ‘Yonke imihla khuphani ixhwane elimnyaka mnye elingenasiphako libe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo; likhupheni yonke imihla kusasa. 14Xa nilikhuphayo ngeentsasa zonke niya kukhupha nomnikelo womgubo wengqolowa oziikhilogram ezimbini oxutywe nelitha yamafutha omnquma. Ukwenza lo mnikelo kuNdikhoyo ngummiselo oya kuhlala uhleli. 15Ngoko ke idini lexhwane nomnikelo wokutya okuziinkozo namafutha liya kwenziwa yonke imihla kusasa, libe lidini elitshiswayo eliya kuhlala lihleli.’
16“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa inkosi ithatha umhlaba elifeni layo ize yenze isipho komnye woonyana bayo loo mhlaba uya kuba lilifa lesizukulwana sakhe. 17Kodwa ukuba ithathe umhlaba elifeni layo ize iphe isicaka sayo, loo mhlaba siwuphiweyo isicaka ngowaso de kufike unyaka wenguqulelo; ngelo thuba ke wobuyela enkosini. Ilifa layo leloonyana bayo kuphela. 18Inkosi mayingabahluthi abantu ilifa labo, ibagxothe emhlabeni wabo. Ilifa loonyana bayo maliphume kumhlaba wayo, ukuze kungabikho mntu uhluthwa umhlaba wakhe.’ ”
19Le ndoda yangena nam kumnyango omalunga nesango lamagumbi awodwa ababingeleli ajonge emantla, yandibonisa indawo esentla kwicala lasentshonalanga. 20Yathi ke kum: “Le ndawo kulapho ababingeleli baya kupheka khona amadini etyala nawesono, baze boje khona umnikelo wokutya, khon' ukuze bangezi nayo kwinkundla engaphandle, baze ngokwenza njalo babeke abantu esichengeni.”
21Yandisa kwinkundla engaphandle, yandibonisa iimbombo zone zayo, kwimbombo nganye ndabona indawana ebiyelweyo. 22Kuzo zone iimbombo zenkundla engaphandle kwakukho iindawana ezibiyelweyo ezibude bungamashumi amabini eemitha, nobubanzi obulishumi elinantlanu leemitha. Zazilingana zonke ezi ndawana ezikwiimbombo zone. 23Umphakathi wezi ndawana nganye wawujikelezwe lungqameko lwamatye, olutyhutyhwe ngamaziko okuphemba umlilo ngaphantsi kwalo. 24Yathi kum: “Ezi ziindawo zokupheka apho abaququzeleli bendlu kaThixo baphekela khona amadini aze nabantu.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 46: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy