YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 39

39
1“Mntundini, mkhalimele uGogi, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, Gogi, nkosi enkulu yaseMesheki naseTubhali. 2Ndiza kukujika ndikurhuqe. Ndiza kukulanda kwelikude emantla, ndikuse ezintabeni zakwaSirayeli. 3Isaphetha sakho ndiya kusibetha siwe kwisandla sakho sasekhohlo, neentolo zakho ziwe kwisandla sakho sasekunene. 4Wena nawo wonke umkhosi wakho nesizwe sakho siphela niya kufela ezintabeni zakwaSirayeli. Ndiya kunenza nibe kukutya kweentaka namarhamncwa. 5Niya kufela endle elubala, kuba kuthethe mna, itsho iNgangalala uNdikhoyo. 6IMagogi nabemi baselunxwemeni abangalindele ngozi ndiya kubathumela ngomlilo ukuze bazi ukuba ndinguNdikhoyo.
7“Ndiya kulazisa igama lam elingcwele kubantu bam amaSirayeli. Andiyi kuvuma lingcoliswe igama lam elingcwele, kwaye nezizwe ziya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndinguYedwa wakwaSirayeli. 8Iyeza! Ewe, iza kufika, itsho iNgangalala uNdikhoyo. Yile mini bendiyixela ke leyo. 9Noko abantu abahlala ezixekweni zakwaSirayeli baya kuphuma bazibase zitshe izixhobo zabo, iingweletshetshe namakhaka amakhulu, izaphetha neentolo, amabhunguza nemikhonto. Iya kuphela iminyaka esixhenxe bezenza iinkuni zokubasa. 10Akusayi kubakho mfuneko yakutheza endle nokugawula iinkuni emahlathini, kuba baya kubasa izixhobo. Baya kuthimba kwa-abo bebefudula bethinjwa ngabo, batyhuthule abo bebefudula betyhuthulwa ngabo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
11“Ngaloo mhla uGogi uya kungcwatyelwa kwaSirayeli, kwintlambo ekuhanjwa kuyo ngabahambi abaya ngasempumalanga ngakuLwandle oluFileyo. Elo ngcwaba liya kuxaba endleleni yabahambi, kuba aya kuba elapho amangcwaba kaGogi nesihlwele sakhe siphela. Iya kubizwa ngokuba yintlambo yesihlwele sikaGogi.
12“Indlu kaSirayeli iya kubangcwaba iinyanga ezisixhenxe ukuze licoceke ilizwe. 13Baya kungcwatywa sisizwe siphela, ize loo mini yobungangamsha bam ibe ludumo kubo, itsho iNkosi uNdikhoyo.
14“Kuya kumiselwa amadoda aya kuzingisa ngokulicoca ilizwe. Amanye aya kuhamba lonke ilizwe, amanye angcwabe ezo zidumbu zisabonakalayo phezu komhlaba. Emva kweenyanga ezisixhenxe aya kuqalisa ukuzingela kulo lonke ilizwe, 15kuze kwenziwe umqondiso apho kubhaqwe khona ithambo lomntu de lingcwatywe ngabangcwabayo kwintlambo yesihlwele sikaGogi. 16Apho kuya kubakho nesixeko esiyiHamona. Kuya kuba njalo ke ukuhlanjululwa kwelizwe.
17“Mntundini, itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Biza zonke iintlobo zeentaka nazo zonke izilo zasendle, uthi: ‘Yizani niqokelelane kweli dini ndinilungiselela lona, inyhikityha yedini phezu kweentaba zakwaSirayeli. Apho niza kutya inyama nisele negazi. 18Niya kutya inyama yeengangamsha, nisele negazi leenkosi zalo mhlaba ngokungathi ziinkunzi zeegusha namatakane, iibhokhwe neenkunzi zeenkomo, zonke zityetyiswe eBhashan. 19Kwidini endinilungiselela lona niya kutya amanqatha nide niwatyekeze, nisele igazi nide ninxile lilo. 20Kwisithebe sam niya kutya amahashe nabakhweli bawo, iingangamsha nazo zonke iindidi zamadoda omkhosi,’ itsho iNkosi uNdikhoyo.
21“Udumo lwam ndiya kulubonisa ezizweni, ukuze zonke izizwe zisazi isohlwayo nobugadalala besandla sam. 22Ukususela kuloo mini isizwe sakwaSirayeli siya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo waso. 23Izizwe ziya kwazi ukuba abantu bakwaSirayeli bathinjwa ngenxa yesono sabo, kuba babenganyanisekanga kum. Ke mna ndazifihla kubo, ndaza ndabanikezela ezintshabeni zabo, bonke babulawa ngekrele. 24Ndabohlwaya kangangokudyobheka kwabo nakangangezikreqo zabo. Ndazifihla kubo.
25“Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuyijika imeko kaYakobi, ndibe novelwano kubo bonke abantu bakwaSirayeli; ndiya kuba nekhwele ngenxa yegama lam elingcwele. 26Ngexesha abahleli bekhuselekile ezweni labo bengalindele ngozi baya kulilibala ihlazo labo nokunganyaniseki kwabo kum ngaphambili. 27Ndakuba ndibaphuthumile ezizweni, ndababutha emazweni eentshaba zabo, zonke izizwe ndiya kuzibonisa ngabo ukuba akukho namnye unjengam. 28Baya kwazi ngoko ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wabo, kuba, nakuba ndabathumela ezizweni baba ngabathinjwa, ndiya kubaqokelela, ndibabuyisele ezweni labo, ndingashiyi namnye. 29Andiyi kuphinda ndizifihle kubo, kodwa ndiya kuphokozela uMoya wam kumaSirayeli, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 39: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy