YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 22

22
Izono zeJerusalem
1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, sigwebe, ewe, sigwebe esi sixeko siphalaza igazi! Sixelele zonke izenzo zaso ezinezothe, 3uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Yeha, sixekondini esizibizela intshabalalo ngegazi eliphalazwa phakathi kuso nesizigqwalisa *ngezithixo eziqingqiweyo, 4unetyala ngenxa yegazi oliphalazileyo, wazigqwalisa ngezithixo oziqingqileyo. Iintsuku zakho zifezekile, nesiphelo seminyaka yakho sesisondele. Ngako oko ndiza kukwenza into ephoxekileyo phakathi kweentlanga, ube yintlekisa emazweni onke. 5Uya kuphoxwa ngabakufutshane nabakude, sixekondini esidume kakubi, nesizele luqhushululu.
6“Khangela iinkosi zakwaSirayeli ezihlala kuwe zisebenzisa amagunya azo ukuze ziphalaze igazi. 7Kuwe, Jerusalem, abantwana ababenzeli imbeko ooyise noonina. Bayacinezelwa abangeneleli; ziphathwa kakubi iinkedama nabahlolokazi. 8Zideliwe izinto ezinikelwe kum, yaxajelwa *iMihla yam yokuPhumla. 9Apho kuwe kunyakazela amadoda anolwimi, azimisele ukuphalaza igazi; apho kuwe kuhlala abantu abadla kwizibingelelo zasezintabeni, benze neentlondi. 10Apho kuwe kuhlala amadoda alala nabafazi booyise, alala nabafazi abasexesheni, benomlaza ke ngoko. 11Apho kuwe kuhlala amadoda alala nabafazi babamelwane, noomolokazana bawo, noodade bawo ngokooyise. 12Apho kuwe kukho amadoda athengwayo ukuba abulale; kukho abadlela abanye ngokubabiza ingeniselo egqithileyo abamelwane ababolekise ngemali kubo. Mna undilibele, itsho iNkosi uNdikhoyo.
13“Ngokwenene mna ndiya khamnqa ngenxa yengeniselo yakho yobuqhetseba nokuphalaza kwakho igazi. 14Ngaba uya kuba naso na isibindi kwanamandla mhla sahlangana? Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo, ndiya kuyenza loo nto. 15Ndiya kukusarhaza phakathi kweentlanga, utsho uphalale kwamanye amazwe; kunjalo nje ndiza kuwuphelisa umlaza onawo. 16Zakukubona uxabhelekile ezinye izizwe uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”
Iziko likaThixo lokunyibilikisa
17Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 18“Mntundini, indlu kaSirayeli xa iyonke kum seyinjengentlenge yobhedu, nenkcenkce, nesinyithi, nelothe. Ewe, injengentlenge yesiliva esele kwiziko lokunyibilikisa. 19Ke ngoko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Njengoko niyintlenge ndiza kunibutha nonke, ndinibuthele eJerusalem. 20Ndiya kuxelisa amadoda xa ebutha isiliva, nobhedu, nesinyithi, nelothe, nenkcenkce, aze aziphose kwiziko lokunyibilikisa, awuvuthele umlilo. Nam emsindweni wam nakwingqumbo yam ndiya kuniphosa esixekweni, ndininyibilikise. 21Ndiya kunibutha ndinivuthele ngomsindo wam ovuthayo, ninyibilikele eJerusalem. 22Niya kunyibilikela kuyo nixele isiliva inyibilikela eziko. Xa kunjalo ke niya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndiwukhuphele kuni umsindo wam.”
Ubutyala beenkokheli
23Kwakhona ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 24“Mntundini, yithi kweli lizwe: ‘Ungumhlaba ongafumananga zimvula namikhwitsho ngexesha lengqumbo.’ 25Kukho iyelenqe leenkosana zawo elifana noburhalarhume bengonyama egqumayo, iqwenga ixhoba. Ziyabaqwenga abantu, zibaphanga izinto zabo zexabiso, zitsho ilizwe lazala ngabahlolokazi. 26Ababingeleli balo mhlaba bayawugqwetha umthetho wam; bayazixabhela izinto ezinikelwe kum; abahluli phakathi kwento eyodwa nento nje; abawucacisi umahluko phakathi kwento enomlaza nenyulu; abakukhathalele ukuhlonitshwa *koMhla woPhumlo; ngoko nditsho ndanyeliseka phakathi kwabo. 27Amagosa alo mhlaba anjengeengcuka eziqwenga amaxhoba: aphalaza igazi, abulale abantu, asekeleze inzuzo yobutshijolo. 28Ezi zenzo abashumayeli bazihombisa ngemibono engeyonyani nangezihlabo zobuxoki, besithi: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo,’ abe uNdikhoyo engakhange athethe. 29Abantu balo mhlaba bayabaxhaphaza abanye; bayabakhuthuza nokubakhuthuza; bayawacinezela amahlwempu neembedlenge; bayabadlakathisa abangeneleli, babaphathe ngokungekho mthethweni.
30“Ndafuna phakathi kwabo indoda yokwakha udonga, ize ime esikrobeni phambi kwam, imele ilizwe, ukuze mna ndingalitshabalalisi; kodwa andiyifumani. 31Ngoko ke ndiza kuyikhuphela kubo ingqumbo yam, ndibatshabalalise ngobushushu bomsindo wam, bavune loo nto bayihlwayeleyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy