YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 21

21
IBhabheli likrele lokugweba likaThixo
1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, bhekisa eJerusalem, usikhalimele isibingelelo kwanelizwe lakwaSirayeli. 3Yithi kulo: Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndichasene nawe! Ndiya kulithi rhuthu ikrele lam esingxobeni salo, lidle kolilungisa nakokhohlakeleyo ngokufanayo. 4Njengoko ndiza kubulala olilungisa nokhohlakeleyo ikrele lam liza kugwaza bonke abantu ukusuka emzantsi kuye emntla. 5Baya kuqonda ngoko ke bonke abantu ukuba mna Ndikhoyo ndilikhuphile ikrele lam esingxobeni salo; kwaye alisokube liphinde libuyele.
6“Ngako oko, mntundini, yenza incwina! Yenze phambi kwabo incwina yentliziyo eyaphukileyo nokudandatheka okukhulu. 7Bakuthi bakubuza: ‘Yincwina yani na le uyenzayo?’ wophendula ngelithi: ‘Ndenziwa ludaba oluzayo. Luya kuzenza iintliziyo zibe nedyudyu, aphele amandla ezandleni; iya kudakumba imiphefumlo, agevezele amadolo.’ Luyeza! Luyeza, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
8Ndive ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 9“Mntundini, shumayela uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Ikrele, ikrele,
intshengeca ebengezelayo,
10eseyilungele ukugwaza,
ibengezela okombane ulenyeza.
Khawutsho, nyana,
ngaba singavuya na
umsimelelo ugeca yonk' imithi?
11Ikrele selilungele ukusulwa ligude
lize kuthiwa hlasi ngesandla;
ewe, lilolwe labengezela,
lilungele isandla somgwazi.
12Khala wenze isijwili, mntundini,
kuba liza kudla kubantu bam,
liza kudla ezinkosini zakwaSirayeli.
Ziza kuba sisisulu sekrele zona nabantu bam.
Hlunguzelisa intloko wena;
13luyeza lona uvavanyo.
Bekutheni ukuze uwudele umsimelelo?
Hayi, alusayi kuba nampumelelo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
14Ngako oko shumayela, mntundini,
ude ubethe ngesandla.
Ikrele maligwaze kabini,
okanye kude kube kathathu.
Likrele lokutshabalalisa;
ewe, ikrele lokubhubhisa liza kuvela macal' onke.
15Ziya kugubha iintliziyo
nabafayo baya kuba yinyambalala,
kuba ikrele lentshabalalo liya kuba kumasango onke.
Awu! Liya kumenyezela okombane,
kuba lithiwe qhiwu ukuze ligwaze.
16Awu, krele, yidla kosekunene,
udle kosekhohlo,
nakuwo onke amacala.
17Nam ngokwam ndiya kubetha ngesandla,
nengqumbo yam iya kuthotha.
Ndithethile mna Ndikhoyo.”
18Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 19“Mntundini, khomba iindlela ezimbini eziya kukhokela umkhosi wokumkani waseBhabheli kweli lizwe. Zombini ezi ndlela maziphume ndawonye. Yenza umqondiso kuloo ndawo iphambuka khona indlela eya esixekweni. 20Umkhosi walathise indlela eya kwiRabha yama-Amon, uze uwalathise nendlela eya kwaJuda esixekweni esinqatyisiweyo saseJerusalem. 21Kaloku ukumkani waseBhabheli uya kunqumama ekudibaneni kweendlela zombini, afune umqondiso. Uya kwenza amaqashiso ngeentolo, avumise kwizithixo zakhe; uya kujonga nasesibindini. 22Iqashiso lesandla sasekunene liya kumalathisa eJerusalem, apho aya kumisa khona izigodo zokudiliza, ayalele ukuba ikrele malidle emntwini, ahlabe umkhosi wokudiliza amasango ngezigodo zakhe, akhe izikanisi ezayame iindonga zokunqabisa, asirhangqe isixeko. 23Umqondiso uya kuba ngathi yimpazamo kwabo baya kuba bephantsi kolawulo lwakhe eJerusalem. Kodwa uya kubakhumbuza ngobutyala babo, abathimbe.
24“Ke ngoko uthi *uNdikhoyo iNgangalala: Ngenxa yokuba, bantundini, ityala lenu nilibonakalise nazicacisa ukuba ningabavukeli, nazityhila nezono zenu ngazo zonke izenzo zenu, ngoko ke niya kuthinjwa.
25“Wena nkosana yakwaSirayeli ehlazekileyo nekhohlakeleyo, ifikile eyakho imini; ixesha lokohlwaywa lilo eli. 26Itsho iNgangalala iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Khulula iqhiya, uthule isithsaba. Izinto ziguqukile: obesezantsi uza kuphakanyiswa, aze athotywe ophakamileyo. 27Inxuwa! Inxuwa! Isixeko ndosenza sibe linxuwa – nxuwa elo lingayi kuvuswa de afike lowo ufanele ukulivusa. Isixeko ndiya kusinikela ezandleni zakhe ke.
28“Wena ke, mntundini, shumayela uthi: INgangalala uNdikhoyo ibhekisa kuma-Amon nezingcikivo zawo, ithi:
“Ikrele, ikrele lokubulala,
liyabengezela, lifuna emntwini,
limenyezela okombane.
29Nakuloo mibono ingeyonyani,
mibono leyo ingawe,
xa kuvunyiswa ngawe,
wozitsheca iintamo
zabakhohlakeleyo
abafanele ukubulawa;
kuba imini yabo ifikile,
ixesha lokohlwaywa kwabo ligalelekile.
30Libuyisele ikrele esingxobeni salo;
mna ndiya kukohlwayela kuloo ndawo yokuvela kwakho;
ewe, ndokugweba elizweni looyihlo-mkhulu.
31Ndiya kuyikhuphela kuwe ingqumbo yam,
ndikuvuthulule ngoshushu wona umsindo.
Ndiya kukwenza ixhoba lezikrelemnqa,
amachule kanye okubhubhisa.
32Uya kutsha njengeenkuni emlilweni;
igazi lakho liya kuphalala kwelakowenu.
Uya kulityalwa ukuba wakha wakho.
Kaloku ndithethile mna Ndikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy