YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 20

20
AmaSirayeli anenkani
1Ngosuku lweshumi kwinyanga yesihlanu ngonyaka wesixhenxe, kweza kum iqela lamadoda amakhulu akwaSirayeli, ahlala phambi kwam, eze kubuzisa *kuNdikhoyo.
2Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 3“Mntundini, thetha namadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo: Ithi iNgangalala uNdikhoyo: Nize kubuzisa kum na? Ngokwenene ndiyafunga andiyi kunivumela nibuzise kum, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
4“Mntundini, bagwebe! Ewe, bagwebe! Baxelele ngezenzo ezinezothe zooyise, 5uthi kubo: Naku okuthethwa yiNgangalala uNdikhoyo: Mhla ndazinyulela uSirayeli, ndafunga ndamisa izibhozo phambi kwesizukulwana sendlu kaYakobi, ndaza ndazityhila kubo eJiputa. Ewe, ndamisa isibhozo, ndathi kubo: ‘Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.’ 6Ngaloo mhla ndafunga kubo ndathi ndiya kubakhupha eJiputa, ndibase kwilizwe endibafunele lona, ilizwe eliphuphuma ubisi nobusi, elona lizwe lilibhongo emazweni. 7Ndaza ndathi kubo: ‘Omnye nomnye kuni makahlukane *nemifanekiso enezothe esenizimisele kuyo, niyeke ukuzigqwalisa *ngezithixo zaseJiputa. Ndim uNdikhoyo uThixo wenu.’
8“Bandivukela, bala ukundiphulaphula, abayilahla imifanekiso enezothe ababezimisele kuyo, abazilahla izithixo zaseJiputa. Ndatsho ke ukuthi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam; baya kuwuva umsindo wam eJiputa. 9Kodwa ngenxa yegama lam ndenza ngako konke ukuba lingabandakanywa nokungendawo zizizwe abahlala phakathi kwazo nendizityhile phambi kwazo kumaSirayeli xa ndandiwakhupha eJiputa. 10Ndawakhupha ke eJiputa, ndaza ndawazisa entlango. 11Ndawanika imimiselo yam, ndawabekela nemithetho yam, ngokuba umntu oyithobelayo uya kudla ubomi ngayo. 12Ndada ndawamisela *iMihla yam yokuPhumla njengomqondiso phakathi kwam nawo, ukuze azi ukuba mna Ndikhoyo ndiwenze abantu ababodwa.
13“Kodwa kuko konke oku abantu bakwaSirayeli bandivukela entlango, bayityeshela imimiselo yam, bayilahla imithetho yam – nakuba lowo uyithobelayo eya kudla ubomi ngenxa yayo – bayinyelisa kwaphela iMihla yam yokuPhumla. Ndatsho ukuthi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam, ndibatshabalalise entlango. 14Kodwa ngenxa yegama lam ndenza ngako konke ukuba lingenyeliswa emehlweni ezizwe abahlala phakathi kwazo nezandibona xa ndadibakhupha. 15Kwakhona ndafunga entlango ndisithi andiyi kubasa kwilizwe endabanika lona, ilizwe eliphuphuma ubisi nobusi, ilizwe elilibhongo emazweni, 16kuba bayilahla imithetho yam, baza bayityeshela imimiselo yam, bayinyelisa iMihla yam yokuPhumla. Kaloku babethe swii zizithixo zabo. 17Kodwa ke noko ndaba nenceba kubo, ndaza andabatshabalalisa baphelele entlango. 18Entlango ndithe kubantwana babo: ‘Maze ningahambi ngemimiselo yooyihlo, okanye nithobele imithetho yabo, nizigqwalise ngezithixo zabo. 19Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; yenzani ngokwemimiselo yam, niyithobele imithetho yam ngononelelo. 20Yigcineni iyodwa iMila yam yokuPhumla, ukuze ibe ngumqondiso phakathi kwam nani. Kwakuba njalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.’
21“Kodwa nabo abantwana bandivukela, bayityeshela imimiselo yam, baza abayigcina imithetho, nakuba umntu oyithobelayo aya kudla ubomi ngayo, bayinyelisa iMihla yam yokuPhumla. Ngako oko ndathi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam, uphelele kubo umsindo wam entlango apho.
22“Kodwa ke noko ndazibamba ngenxa yegama lam, ndenza ngako konke endinako ukuba linganyeliswa ezintlangeni abahleli phakathi kwazo nezandibonayo xa ndandibakhupha. 23Ndaza ke entlango apho ndafunga kubo ndiphakamise isibhozo ukuba ndiya kubacitha-chitha babe ziimbacu emazweni, 24kuba kaloku abayithobelanga imithetho yam, bayilahla nemimiselo yam, bayinyelisa neMihla yam yokuPhumla, balangazelela izithixo zooyise. 25Ndabayeka bahamba ngemimiselo engeyiyo, bathobela nemithetho abangenakudla ubomi ngayo; 26ndabayeka bazigqwalisa ngeminikelo yabo – idini lezibulo – khon' ukuze batsho barhwaqele, ze bandazi mna ukuba ndinguNdikhoyo.
27“Ngoko ke, mntundini, thetha nabantu bakwaSirayeli, uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ooyihlo bandinyelisa ngokungathembeki.
28“Ndathi ndakufika nabo kumhlaba endandifungile ukuba ndiya kubanika wona, bona baba ngábona induli ephakamileyo okanye umthi oqhamileyo, basuka benza amadini neminikelo, into eyandixhokonxayo, bade banikela nangeziqhumiso ezivumba limnandi nangezinto ezithululwayo. 29Ndabuza ndathi kubo: ‘Sisiphi esi sibingelelo niquqela kuso?’ ” (Nanamhla oku kuthiwa sisibingelelo. )
Isigwebo nobuyiselo
30“Ke ngoko yithi kwindlu kaSirayeli: Itsho iNgangalala *uNdikhoyo ukuthi: Ngaba niza kuzigqwalisa nixele ooyihlo, nilangazelela *izithixo ezinezothe? 31Xa ninikezela izipho zenu – idini elingoonyana benu emlilweni – niyazigqwalisa nangoku ngezithixo zenu. Ke, mzi kaSirayeli, nithi mandiniyeke nibuzise kum? Ndiyafunga, mna Nkosi Ndikhoyo, andisokuze ndiyivume loo nto.
32“Nina nithi: ‘Sifuna ukufana nezinye iintlanga, nabanye abantu behlabathi abanqula umthi nelitye.’ Kodwa ayisokuze ihle loo nto niyifunayo. 33Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiyafunga, ndiza kunilawula ngesandla esigadalala, niyive ingqumbo yam. 34Ngamandla am amakhulu ndiya kuniphuthuma ezizweni, ndinibuyise emazweni ebenibhacele kuwo ngenxa yengqumbo yam. 35Ndiya kunibeka kwintlango yeentlanga, ndinigwebe sijongene ubuso ngobuso.
36“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kunigweba njengoko ndandenzile kooyihlo kwintlango yaseJiputa. 37Ndiya kunalusa nihambe phantsi komsimelelo wam, ndinifake phantsi kwembophelelo yomnqophiso.
38“Ndiya kubakhuphela ngaphandle abo banenkani bandivukelayo. Nakuba ndiya kubakhupha kwilizwe abaphambukele kulo, kodwa abayi kungena kwilizwe lakwaSirayeli. Niya kuqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.
39“Kuni ke, ndlu kaSirayeli, itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Hambani nonke ngabanye, niye kunqula izithixo zenu ezinezothe. Kodwa kamva niya kundiphulaphula, nahlukane nokunyelisa igama lam elingcwele ngeminikelo nezithixo zenu.
40“Nanku umlomo weNkosi uNdikhoyo: Phezu kwentaba yam eyodwa, intaba ephakamileyo kaSirayeli, apho kanye elizweni, kulapho iya kundinqula khona indlu kaSirayeli iphela, nam ndoyamkela. Apho ndiya kuyifuna imirhumo yenu neminikelo yenu ekhethiweyo kwakunye namadini enu awodwa. 41Ndiya kunamkela okwesiqhumiso esivumba limnandi xa ndiniphuthuma ezizweni ndinihlanganisa kuloo mazwe nibhacele kuwo, ndize ndizityhile ubungcwele bam kuni, ezinye izizwe zibona. 42Niya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo xa ndiningenisa elizweni lakwaSirayeli, ilizwe endafunga ndamisa isibhozo ukuba ndiya kulinikezela kooyihlo. 43Apho ke niya kuyikhumbula indlela ebeniziphethe ngayo, nezenzo zenu ezinigqwalisileyo, nize nizizonde ngobugwenxa benu. 44Niya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo xa sendinibonelela egameni lam, ndingazinanze nganto iindlela zenu ezigwenxa nezenzo zenu zenkohlakalo, ndlu kaSirayeli. Nguwo lowo umlomo weNgangalala iNkosi uNdikhoyo.”
Intshumayelo echasene nomzantsi
45Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 46“Mntundini, bheka emzantsi, wenze intshumayelo echasene nomzantsi namahlathi awo. 47Yithi kwihlathi lomzantsi: Live izwi likaNdikhoyo. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukuntumeka ngomlilo oya kutshisa yonke imithi yakho eluhlaza neyomileyo. Akukho uya kulicima idangatye elivuthayo elosuka ligqatse bonke ubuso ngezantsi nangentla elizweni. 48Wonke umntu uya kuqonda ukuba ngumlilo ophenjwe ndim Ndikhoyo, kuba awuyi kucima.”
49Ndithe ke mna: “Yini, Ngangalala Ndikhoyo, baza kuthi: ‘Úyantsonkotha kwakhona!’ ”

Currently Selected:

UHEZEKILE 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy