YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 7

7
UNdikhoyo uyaleza uMosis noAron
1*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Uyabona ke, wena ndiza kukwenza ube ngathi unguThixo kukumkani waseJiputa, yena umkhuluwa wakho abe *ngumshumayeli wakho. 2UAron uze umxelele konke endikuyalela kona, ke yena uya kubhekisa kukumkani, atsho akhulule amaSirayeli aphume emhlabeni wakhe. 3Kambe ke ndiya kumqaqadekisa ukumkani, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli noba sendiyiphinda-phinda kangakanani na imiqondiso nemimangaliso yam kwelaseJiputa. 4Ngoko ke ndiya kuba ngqongqo kwelaseJiputa, ndilohlwaye. Ke bona abantu bam amaSirayeli ndiya kubakhupha ngendlu yabo. 5Igunya endiya kuwakhupha ngalo amaSirayeli eJiputa liya kubetha aqonde amaJiputa ukuba ndinguNdikhoyo.”
6Ke uMosis noAron bênza kanye ngendlela ababeyalelwe ngayo nguNdikhoyo. 7Ukuthetha kwabo nokumkani waseJiputa uMosis wayenamashumi asibhozo eminyaka, ke yena uAron emashumi asibhozo nantathu.
Induku ka-Aron
8*UNdikhoyo wabayala ooMosis noAron, wathi: 9“Xa ukumkani esithi: ‘Ndibonise ummangaliso,’ uze uthi kuAron: ‘Phosa induku yakho phambi kokumkani.’ Yojika ke ibe yinyoka.”
10Bahamba ke uMosis noAron, baya kukumkani, benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphosa phambi kokumkani namaphakathi akhe induku yakhe, yaza yajika yayinyoka. 11Kuthe ke kwakuba nje, ukumkani wabiza oosiyazi namaqili elaseJiputa, nabo bazijika ezabo iinduku ngemilingo yabo. 12Ewe, baziphosa phantsi, yayileyo yajika yaba yinyoka; koko ke yona eka-Aron yasuka yaziginya zonke. 13Kodwa ke ukumkani wenza njengoko wayetshilo uNdikhoyo, intliziyo yakhe yaqaqadeka, akabaphulaphula.
Izibetho kwelaseJiputa: Igazi
14Ke kaloku *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Ukumkani uneenkani; akavumi ukubakhulula abantu bam. 15Ngoko ke, phumani kusasa xa aya emlanjeni, niyokumlindela elunxwemeni lomlambo, niphethe laa nduku yayijike yaba yinyoka. 16Thethani naye nenjenje: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere wandithuma esithi: “Khulula abantu bam, baye kundinqula entlango!” Kambe ke awukayenzi loo nto unangoku. 17Ngoku ke uNdikhoyo uthi: “Nantsi ke into eza kukwenza ukuba uqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo” – la manzi omlambo iNayile ndiza kuwabetha ngale nduku isesandleni sam, atsho ajike abe ligazi. 18Iintlanzi ziya kufa, umlambo utsho unuke, amaJiputa atsho awacekise amanzi eNayile.’ ”
19UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba athi kuAron: “Thatha induku yakho, uwalekuze ngayo amanzi aseJiputa, emilanjeni, ezintlanjeni, emachibini, nasemaquleni, atsho ajike abe ligazi. Koba ligazi ke kulo lonke elaseJiputa; nditsho nasezityeni zomthi nakwezamatye.”
20UMosis noAron benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphakamisa induku yakhe ekho ukumkani namaphakathi akhe, wawabetha amanzi omlambo iNayile, aza ke onke amanzi omlambo lowo ajika aba ligazi. 21Zafa ke iintlanzi apho emlanjeni, aza amanzi awo anuka kangangokuba amaJiputa angabi nako ukuwasela; yaba ligazi nje konke kwelaseJiputa.
22Ngemilingo yawo amaqili aseJiputa nawo ayenza loo nto yayisenziwa ngooMosis. Ngenxa yoko ukumkani waqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron njengoko wayetshilo uNdikhoyo. 23Ndaweni yaloo nto wasuka wee khwitshi wangena ebhotwe, akayikhathalela le nto ihlileyo. 24AmaJiputa wona azigrumbela amanzi apho kufuphi nomlambo, kuba la omlambo ayengaseleki.
Amasele
25Kwadlula iintsuku ezisixhenxe emveni kwesibetho saseNayile.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy