YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 40

40
Ukumiselwa nokuvulwa kwesibingelelo
1*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: 2“Ngomhla wokuqala ngenyanga yokuqala uze umise *isibingelelo. 3Uya kuthatha ityesi enobungqina bomnqophiso, uyifake esibingelelweni, uyivalele ngomkhusane. 4Uze ungenise itafile, ngokunjalo nezinto ezibekwa phezu kwayo, uyimise ngohlobo lwayo. Phezu kwayo uze ubeke nesibane nobuxhaka-xhaka baso. 5Ngoku ke faka iqonga lesiqhumiso, eliya lenziwe ngegolide, phambi kwetyesi yomnqophiso; uze ufake umkhusane wesango lesibingelelo. 6Apho ke phambi komnyango wesibingelelo misa iqonga lamadini. 7Faka isitya sokuhlambela phakathi kweqonga lamadini nesango lesibingelelo, usigalele amanzi. 8Ngoku ke twabulula uthango lwenkundla jikelele, ufake umkhusane esangweni.
9“Wakukhov' ukwenjenjalo ke, uya kuthatha amafutha, umisele isibingelelo ngokusithambisa ngawo xa sisonke ndawonye neempahla zaso. Wakuba uyenzile ke loo nto, siya kuba yindawo eyodwa ekhethekileyo. 10Kamva ke uya kuthambisa iqonga lamadini ndawonye nezixhobo zalo. Nalo ke liya kutsho libe yindawo ekhethekileyo. 11Kwangokunjalo ke uze uthambise nesitya sokuhlambela nesiseko saso.
12“Kwakhona ke uya kubiza uAron noonyana bakhe, beze esangweni lesibingelelo, ubahlambe ngamanzi. 13Ngoku ke uAron makavathe ezobubingeleli, umthambise ummisele abe ngumbingeleli. 14Noonyana bakhe bathi wambu ngeyabo iminweba. 15Kwanjengoyise nabo bathambise, ubamisele ebubingelelini. Ewe, ngokubathambisa uya kuba ubamisela ukuba babe ngababingeleli bona nazo zonke izizukulwana zabo.”
16Ke kaloku yonke le nto uMosis wayenza kanye ngokomyalelo lowo kaNdikhoyo. 17Ngoko ke kwathi ngomhla wokuqala, kwinyanga yokuqala, ngonyaka wesibini bemkayo eJiputa, samiselwa isibingelelo. 18Ukumisa kukaMosis isibingelelo wenjenje: wazimisa iziseko eendaweni zazo, wazimisa izakhelo zaso, wafaka imiqadi, wamisa neentsika. 19Wasuka ke wayitwabulula intente yesibingelelo, wayambathisa nangesigqubuthelo sayo kanye ngokomlomo kaNdikhoyo. 20Ngoko ke wathatha amacwecwe amabini anobungqina bomnqophiso, wawafaka kwityesi yomnqophiso. Wathatha nemiqobo, wayifaka kuloo makhonkco etyesi, waza wayivala ngesivalo sayo. 21Emva koko wathatha ityesi yomnqophiso leyo, wayingenisa esibingelelweni, wavala ngomkhusane. Ngale ndlela ke wayivalela ityesi yomnqophiso ngokwelizwi likaNdikhoyo.
22Ke kaloku wathatha itafile, wayingenisa esibingelelweni, wayibeka kwicala langasentla nganeno komkhusane, 23waza wathatha isonka esinikelwe kuNdikhoyo, wasibeka phezu kwayo ngokomyalelo. 24Wathatha nesibane, wangena naso, wasibeka kwicala langasezantsi, sajongana netafile. 25Zimi njalo phambi koNdikhoyo wazilumeka izibane ngokomyalelo kaNdikhoyo. 26Wangenisa iqonga legolide ngaphakathi, walibeka phambi komkhusane, 27watshisa eso siqhumiso sivumba limnandi ngokwelizwi likaNdikhoyo. 28Waxhoma umkhusane esangweni lesibingelelo, 29waza wemisa iqonga lamadini apho ngasesangweni. Belisenziwa apho ke idini elitshiswayo kunye nedini leenkozo ngokomlomo kaNdikhoyo. 30Wabeka isitya sokuhlambela phakathi kweqonga lamadini nentente yesibingelelo, waza wasizalisa ngamanzi. 31UMosis, uAron, noonyana bakhe, babehlamba izandla neenyawo zabo apho kuloo manzi, 32ngalo lonke ixesha bengena esibingelelweni okanye besiya kwiqonga lamadini, ngokwelizwi likaNdikhoyo. 33Ke kaloku uMosis wabiyela inkundla yangqonga isibingelelo neqonga lamadini, waza walivala ngomkhusane isango layo. Waba ke ngoko uwufezile umsebenzi.
Ilifu eliphezu kwesibingelelo
(Ntlango 9:15-23)
34Kwesi sithuba ke lasuka ilifu lasigubungela *isibingelelo, saza isibingelelo sathi qhakra bubuqaqawuli *bukaNdikhoyo. 35Ngenxa yale meko uMosis akabanga saba nako ukungena esibingelelweni.
36Kolu hambo lwawo ke amaSirayeli ayesithi apho lisuke khona ilifu esibingelelweni athabathise eluhambeni kwakhona. 37Kanti ke ayelinda anganduluki xa lisafukamile ilifu elo. 38Kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesoloko elibona ilifu elalatha ubukho bukaNdikhoyo likhakhaba apho esibingelelweni xa kusemini, lisuke ke ebusuku lithi qhakra umlilo.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 40: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy