YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 35

35
Imithetho mayela noMhla wokuPhumla
1UMosis waliqokelela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “Nantsi imiyalelo *kaNdikhoyo: 2iintsuku zokusebenza imisebenzi yenu zintandathu evekini, kodwa lona usuku lwesixhenxe ngumhla owodwa okhethekileyo; ngumhla kaNdikhoyo, umhla wokuphumla. Nabani na ke owenza nawuphi na umsebenzi ngawo wobulawa. 3Ngawo akunakubaswa nomlilo lo emizini yenu.”
Iminikelo yesibingelelo
(Mfud 25:1-9)
4UMosis waliyalela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “*UNdikhoyo uthi 5wonke umntu oziva elangazelela ukunikela kuye makathathe kwinto anayo: igolide, isiliva, ubhedu, 6nelaphu elihle, elizuba, elimsobo, nelibomvu, nelaphu loboya bebhokhwe, 7nofele lwenkunzi yegusha olubomvu, nesikhumba esisukiweyo; nomngampunzi, 8neoyile yezibane, nobulawu bokuqhola ioyile nokuqhola isiqhumiso sitsho sibe nevumba elimnandi; 9amatye ekarneli namanye amatye exabiso okuhombisa *isidanga nesikhuselo-sifuba sombingeleli omkhulu.”
Izinto zokwakha isibingelelo
(Mfud 39:32-43)
10Waqhuba uMosis wathi: “Onke amagcisa omsebenzi wezandla akhoyo phakathi kwenu makeze azokwenza *isibingelelo nezinto ayalele ukuba zenziwe *uNdikhoyo: 11intente kunye nesigqubuthelo sayo, amahaki, uphahla lwentente, izakhelo, imiqadi, kunye neziseko; 12ityesi yomnqophiso, inemiqobo yokuyiphatha, nesivalo, kunye nomkhusane; 13itafile, inemiqobo namasolotya ayo, kunye nesonka esingumnikelo kuThixo; 14isibane nobuxhaka-xhaka baso, neoyile; 15iqonga lesiqhumiso nemiqobo yokuliphatha, amafutha okuthambisa, isiqhumiso esivumba limnandi, umkhusane wesango lesibingelelo; 16iqonga lamadini linxityelelwe isisefu esenziwe ngobhedu, imiqobo yalo nako konke okwalo; isitya sokuhlambela nesiseko saso; 17umkhusane wenkundla neentsika neziseko zayo; umkhusane wesango lenkundla; 18izikhonkwane neentsontela zomphakathi ngokunjalo nenkundla; 19kunye nezo zivatho zingayiwayo zinxitywa ngababingeleli xa bebusa kwigumbi elingcwele, ngokunjalo nezivatho ezizodwa zika-Aron kunye noonyana bakhe.”
Abantu bezisa iminikelo
20Ke kaloku lonke ibandla lamaSirayeli lamshiya uMosis, 21waza uwonke-wonke kulo owayeziva elangazelela ukunikela *kuNdikhoyo khon' ukuze kwakhiwe *isibingelelo, weza ephethe umnikelo. Beza nayo yonke into eyayiyimfuneko kwezonqulo nasekwenzeni izivatho zababingeleli. 22Amadoda nabafazi ababeziva belangazelela ukunikela beza nezipeliti zokuhombisa, amacici, imisesane, amaso, nazo zonke iintlobo-ntlobo zobunewu-newu begolide, bazenza umnikelo owodwa kuNdikhoyo. 23Bezisa amalaphu amahle, azuba, amsobo, nabomvu; ilaphu loboya bebhokhwe, ufele olubomvu lwenkunzi yegusha, nesikhumba esisukiweyo. 24Kanti ke nabathanda ukunikela ngesiliva okanye ubhedu benjenjalo. Abanye banikela ngomngampunzi, khon' ukuze usetyenziswe nakuwuphi na umsebenzi. 25Onke amakhosikazi angamagcisa okusonta ezisa amalaphu amahle nemisonto ezuba, emsobo, nebomvu, awayeyisontile. 26Benza umsonto ngoboya bebhokhwe. 27Iinkokheli zona zeza namatye ekarneli namanye amatye okuhombisa *isidanga nesikhuselo-sifuba, 28iziqholo neoyile yesibane, neziqholo zeoyile, neziqhumiso ezivumba limnandi. 29Onke amaSirayeli awayeziva enolangazelelo ezisa iminikelo kuNdikhoyo, khon' ukuze kufezekiswe umsebenzi owawuyalelwe uMosis.
Iingcibi zokwakha isibingelelo
(Mfud 31:1-11)
30UMosis wathi kumaSirayeli: “Niyabona, *uNdikhoyo unyule uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda. 31Umzalisile ngoMoya wakhe, wamthi jize ngobugcisa nobuchule nengqiqo ephangaleleyo, 32ukuze akwazi ukucwangcisa nokuyila nokusebenza ngegolide, isiliva, nobhedu, 33ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa. 34Yena enoHoliyabhi unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan ubaphile ubuchule bokufundisa abanye ubugcisa. 35Ubaphe ubuchule beendidi zonke kumsebenzi wabakroli nabayili, nomsebenzi wokusonta amalaphu azuba, amsobo, nabomvu, nazo zonke iindidi zamalaphu. Ewe, bangamachule angawo kuyo yonke imisebenzi yobugcisa nokuyila.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 35: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy