YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 32

32
Isithixo esenziwe ngegolide
(Hlaz 9:6-29)
1AmaSirayeli akubona ukuba uMosis akabuyi entabeni, asuka amgungela uAron, athi: “Senzele *uthixo oza kusikhokela. Okokwakhe yena laa Mosis wasikhupha eJiputa, asiyazi into emhleleyo.”
2UAron wayalela ukuba bathathe amacici ebafazini, koonyana, nasezintombini zabo, beze nawo kuye. 3Bawakhulula ke amacici lawo, beza nawo kuAron. 4Wawathatha ke, wawanyibilikisa, waza igolide leyo enziwe ngayo wayibumba ngezixhobo zokubumba, wenza inkunzana yenkomo ngayo. AmaSirayeli ke athi: “Sirayeli, nanku uThixo wakho owakukhupha eJiputa!”
5Akuyibona le nto uAron wakha iqonga lamadini apho phambi kwaloo nkunzana yenkomo, waza wenza isaziso esithi: “Ngomso kobhiyozelwa uNdikhoyo.” 6Kwangentseni ngomhla olandelayo benza amadini atshiswayo kwanatyiwayo. Ke kaloku abo bantu batya, basela, bahakaza, bada barheletya.
7*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Khawuleza uhle! Aba bantu bakho wabakhupha eJiputa babhatyazile; 8sebekhawuleze bawushiya umyalelo endabanika wona. Ngoku bazibumbele inkunzana yenkomo, bayinqula; futhi banikela amadini kuyo. Bathi: ‘MaSirayeli, lo nguThixo wethu owasikhupha eJiputa.’ ” 9UNdikhoyo waqhuba wathi: “Ngoku ndiyabaqonda aba bantu inkani yabo – nqwa neyesele! 10Ngoko ke wena ndiyeke, kuba ndiza kubacim' igama, wena ndikwenze ube sisizwe esikhulu.”
11Kambe ke uMosis watarhuzisa kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Awu, *Mhlekazi, ungathini kaloku ukusuka ulwe kanjalo nabantu bakho owabahlangula wabakhulula ngobungaka bona ubungangamsha kwelaseJiputa? 12Xa kunjalo amaJiputa angatsho ngakhona athi: ‘UThixo wamaSirayeli wawakhupha eJiputa eneenjongo zokuwatshabalalisela ezintabeni, awatshayele angabikho ehlabathini.’ Awu, ndiyakubongoza, Mhlekazi, lala ngenxeba, uxole, ungabi sabahlisela le ntlekele abantu bakho. 13Khawukhumbule izicaka zakho, uAbraham, uIsake, noSirayeli. Kaloku wazifunga kwawena siqu, usithi: ‘Inzala yenu ndiya kuyandisa, ibe ninzi njengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni. Eli lizwe ndinithembise ngalo liya kuba lilifa lezizukulwana zenu ngonaphakade. ’ ” 14Ngenene ke *uNdikhoyo wabuya nganeno kuloo ntlekele wayethe uza kubahlisela yona abantu bakhe.
15UMosis ke wehla apho entabeni, ewaphethe loo macwecwe mabini amatye abhalwe ubungqina bomnqophiso macal' omabini. 16La macwecwe ke ayengumsebenzi kaThixo ncakasana, nombhalo lowo wawukrolwe nguye ngenkqu.
17Akuyiva ingxolo yabantu bekhwaza, uYoshuwa wabhekisa kuMosis wathi: “Ndiva intsholo esikhululweni ngathi lifile.”
18UMosis waphendula wathi: “Kum le ntsholo ingathi asiyiyo eyoloyiso, okanye ukoyiswa; ivakala ngathi yeyeziyolo nje.”
19Uthe ke uMosis akuba kufuphi, ebone loo nkunzi yenkomo, ngokunjalo nabantu beduda bexhentsa, suka wasisifu ngumsindo. Apho kanye phantsi kwentaba wasuka wawalahla phantsi loo macwecwe wayewaphethe, aphuka. 20Wayithatha loo nkunzi babeyibumbile, wayiphosa emlilweni, waza wayicola yangumgubo, wawugalela emanzini aselwa ngamaSirayeli. 21UMosis wabuza kuAron wathi: “Aba bantu bakwenze ntoni na ukuze ubafake kwesinje sona isono?”
22UAron waphendula wathi: “Ungakhathazeki, mntakwethu; kaloku nawe uyabazi aba bantu ukuba baqinel' enyaleni ngesono. 23Basuka bathi kum: ‘Senzele uThixo oza kusikhokela, kuba asiyazi into emhleleyo laa Mosis osikhuphe eJiputa.’ 24Ndithe ke kubo: ‘Ndinikeni izinto zegolide eninazo,’ baza ke benjenjalo. Ndasuka ke ndaziphosa emlilweni, kwee gqi le nkunzi.”
25UMosis ke waqonda ukuba uAron uvule zabhuqa, baza abantu benza unothanda, bazenza intlekisa nasezintshabeni. 26Ngoko ke wasuka wema esangweni, wathi: “Bonke *abangakuNdikhoyo mabaphume ngapha!” Ke kaloku kwaphuma yonke indlu kaLevi, 27waza wathi kubo: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Umntu ngamnye kuni makathathe ikrele, aqale kweli sango, aye kuphuma kweliya lingaphaya, ebinza elalis' ugodo, kumtakwabo, isihlobo, ngokunjalo nommelwane wakhe.’ ” 28AbaLevi abo ke benza ngokwaloo myalelo, baza ke babulala amawaka amathathu amadoda ngaloo mini.
29UMosis ke wathi kubaLevi: “Niyabona ke, namhlanje, ngokubulala abantakwenu noonyana benu, niye naba ngababingeleli bokubusa uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo unithamsanqele.”
30Ngengomso ke uMosis wathi ebantwini: “Nenze isono esilumezayo. Naxa kunjalo ndiza kuphinda ndiye entabeni kuNdikhoyo, ukuze ndenze isingxengxezo ngenxa yesono senu.”
31UMosis waya kuNdikhoyo, wafika wathi: “Aba bantu benze isono esilumezayo. Basuke bazibumbela isithixo ngegolide, basinqula. 32Ngoku ke ndiyakubongoza, baxolele; ukuba akunakuba njalo wosewulicima igama lam encwadini yakho oyibhalileyo. ”
33UNdikhoyo wathi kuMosis: “Abantu abamagama ndiwacimayo encwadini yam, ngabo bandonileyo bodwa. 34Ngoko ke hamba, ukhokele aba bantu, ubase kulaa ndawo ndandithethe ngayo kuwe. Ke sona isithunywa sam siya kukukhokela. Kambe ke lakufika ixesha ndiya kubohlwaya aba bantu ngenxa yesi sono.”
35Ke kaloku uNdikhoyo wawabetha ngobhubhani wesifo amaSirayeli ngenxa yokuba amnyanzelayo uAron ukuba awenzele inkunzi yenkomo yegolide.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 32: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy