YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 23

23
Ubulungisa
1“Ungaze uhlwayele iindaba zolwimi. Sukuncedisana netshijolo ngokulingqinela ngobuxoki. 2Sukuvuma ukona ngenxa yokukhukuliswa sisihlwele. Ungaze uyigqwethe inyaniso ngenxa yefuthe lesihlwele. 3Sukuba negobe ngakwihlwempu xa kuthethwa ityala lalo.
4“Xa ubhaqe inkomo okanye idonki yotshaba lwakho ilahleka, yithathe uyigoduse. 5Ukuba ubona umntu okuthiyileyo eqhuba idonki ebuthisayo isoyiswa ngumthwalo, sukumyekela; mncedise niyivuse.
6“Musa ukugqwetha umthetho xa kuthethwa ityala lehlwempu. 7Bucezele ubuqhophololo bokutyhola umntu ongenatyala, ungabi sisizekabani sokufa kwelungisa elimsulwa, kuba iqhophololo ndiyaligweba. 8Sukuvuma ukunyotywa, kuba unyobo luyamfamekisa, luwawexule amalungisa. 9Ungamcinezeli umbhaceli. Kaloku uyazi ukuba kunjani na ukuba ngumbhaceli, kuba wawukhe wangumbhaceli kwelaseJiputa.”
Unyaka wesixhenxe nosuku lwesixhenxe
10“Amasimi akho walime uwavune iminyaka ibe mithandathu. 11Ke ngowesixhenxe wayeke alale. Into evelayo kuwo yoba yeyamahlwempu; eseleyo ke ibe yeyeenyamakazi. Yoba seso nakwisidiliya nesinquma sakho.
12“Sebenza iintsuku zibe ntandathu, kodwa ngolwesixhenxe ungawuphathi umsebenzi, ukuze izicaka nababhaceli ngokunjalo nemfuyo yakho ifumane ikhefu ihlaziyeke.
13“Wanyamekele amazwi endiwathethileyo kuwe. Ungazinquli *izithixo, ungaze uzikhankanye nokuzikhankanya oku.”
Amatheko amathathu abalulekileyo
(Mfud 34:18-26; Hlaz 16:1-17)
14“Ndenzeleni itheko kathathu ngonyaka. 15Ngenyanga uAbhibhi enaphuma ngayo eJiputa, yenzani itheko lesonka sentlama engenagwele njengoko ndaniyalelayo. Kwithuba leentsuku ezisixhenxe zeli theko ze nitye sona sodwa.
“Sanukuza phambi kukaThixo ningaphathanga mnikelo.
16“Yenzani itheko lolibo ukuqala kwenu ukuvuna.
“Yenzani itheko lesivuno xa niqokelela iziqhamo zomsebenzi wenu emasimini. 17Minyaka le ngexesha lala matheko mathathu amadoda makeze kundinqula mna *Ndikhoyo iNkosi yenu.
18“Xa niphalaza igazi, nisenza idini, ze ninganikeli ngaxa-nye ngesonka sentlama enegwele. Ngala mathuba ke amanqatha edini elo makangabekwa mbeko.
19“Minyaka le zisa ulibo lwesivuno sakho endlwini kaNdikhoyo uThixo wakho.
“Uze ungaze ulipheke itakane lebhokhwe ngobisi lukanina.”
Izithembiso nemiyalelo
20“Uyabona ke, ndiya kukuthumela isithunywa sam, sikulondoloze endleleni yakho, sikuse kuloo ndawo ndikulungiselele yona. 21Uze usithobele, ungasivukeli, kuba simele mna; ibe ke asiyi kuba nalusini kulowo usivukelayo. 22Kambe ke ukuba uyayiphulaphula ngenyameko into ethethwa siso, wenze ngokomyalelo wam, iintshaba zakho ziya kuba zezam, ndibachase abakuchasayo. 23Isithunywa sam siya kukukhokela, sikuse kwilizwe lama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaKanana, amaHivi, namaJebhusi, ndize mna ndiwatshabalalise. 24Ungakhe ulinge uguqe unqule *izithixo zawo; ungazingeni neendlela zawo zonqulo. Ndaweni yaloo nto uzuzikhiqe izithixo zawo; uyiqhekeze uyiqethule imifanekiso yazo yamatye. 25Ukuba ke uthe wanqula mna *Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu. 26Kwelo lizwe lenu akukho mfazi uya kuphuma sisu, kungayi kubakho mfazi ungaphathiyo. Ewe, ndiya kunenza niphile nide nikhokhobe.
27“Ndiya kubenza barhwaqele bonke abantu abakuchasayo, ndizenze zidideke zonke izizwe olwa nazo. Ewe, ndiya kuba ngakuwe, utsho uziswantsulise zonke iintshaba zakho. 28Ndozithumela ngoonomeva iintshaba zakho, atsho asabe ungekafiki amaHivi, amaKanana, namaHiti. 29Andiyi kuwagxotha ngonyaka omnye, khon' ukuze kungabi senkangala kwelo lizwe, uthi wena ufika abe amarhamncwa selegunyile. 30Ndaweni yaloo nto ndiya kuthi chu ukuwafifinga oku, ude wena wande ngokwaneleyo, ube nako ukulithatha elo lizwe ulimé. 31Imida yakho iya kusuka kuLwandle oluBomvu, iye kuthi xhaxe kulwandle iMeditera; isuke kumlambo iEfrati, iye kuthi gaa ngentlango. Ndiya kubanikezela kuwe abemi belo zwe, ubagxothe phambi kwakho. 32Uze ungenzi mnqophiso nabo, okanye *nezithixo zabo. 33Uze ungabavumeli beme emhlabeni wakho, hleze bakulukuhle undivukele. Mhla wazinqula izithixo zabo, woba ungenile emgibeni.”

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 23: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy