YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 18

18
UJetro utyelela uMosis
1Ke kaloku uyise womka-Mosis uJetro, owayengumbingeleli waseMidiyan, weva ngezinto awayezenzelwe nguThixo uMosis kunye namaSirayeli, ukubakhupha kwakhe eJiputa. 2Wasuka weza kuMosis, ehamba noZipora umka-Mosis, 3noGershom noElizere oonyana bakhe, kuba kaloku bona wayebabuyisele ebukhweni bakhe. UMosis wathi xa ethiya omnye woonyana bakhe wathi nguGershom, kuba esithi: “Ndandingumbhaceli kwelasemzini.” 4Waza ke omnye wathi nguElizere, kuba esithi: “UThixo woobawo wandinceda wandihlangula kwikrele lokumkani waseJiputa.”
5OoJetro ke badibana noMosis entlango, emise ngasentabeni kaThixo. 6Lafika ke ilizwi kuMosis, livela kuJetro, esithi: “Ndiyeza nomkakho noonyana bakho bobabini.” 7Waphuma ke uMosis, wabahlangabeza. Akufika kuyise womkakhe wakhahlela wamanga. Babuzana impilo ke, baya kungena endlwini kaMosis.
8UMosis wabalisela uJetro ngazo zonke izenzo *zikaNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nangamasuka-ndihlala amaSirayeli ekuphumeni kwawo eJiputa ekhokelwa nguNdikhoyo. 9UJetro wavuya kakhulu akuziva ezo ndaba zimnandi zokuhlangulwa kwamaSirayeli nguNdikhoyo kumaJiputa. 10Wadanduluka wathi: “Makabongwe uNdikhoyo onihlangule kukumkani waseJiputa nabantu bakhe. 11Ngoku nam ndiyangqina ukuba ehlabathini akakho olingana noNdikhoyo, kuba yena amaSirayeli uwahlangule kolungaka lona ulunya lwamaJiputa.” 12Ngoko ke uJetro wenzela uThixo idini elitshiswayo neminye imibingelelo. Ke uAron, ekunye namadoda amakhulu akwaSirayeli, beza baxhamla izidlo ezo kunye noJetro umkhwe kaMosis, bekhonza uThixo.
Ukumiselwa kwabalamli
(Hlaz 1:9-18)
13Kwangentseni ngomhla olandelayo uMosis waba sisinxadanxada, echophele amatyala, esombulula iingxaki zamaSirayeli kwada kwahlwa.
14Uthe ke uJetro akuyibona le meko yokuxakeka kukaMosis, wabuza wathi: “Khawutsho, yintoni kanye le niyenzayo naba bantu bakho? Khona, ngani ukuba ube wedwa, bona beze bengumngcelele, bafike bakuphahle kwangentseni kude kuhlwe?”
15UMosis waphendula wathi: “Kaloku aba bantu beza kum khon' ukuze ndibabeke emkhondweni mayela nentando kaThixo, 16kuthi xa benembambano beze kum ukuze ndibalamle ndibachazele imimiselo nemiyalelo kaThixo.”
17Ke yena uJetro wathi kuMosis: “Hayi, nyana, olu hlobo wenza ngalo alulunganga. 18Ngale ndlela uqhuba ngayo uyaziqoba. Uya kuxhwaleka uphel' amandla; naba bantu baya kudinwa yile nto. Kaloku umsebenzi onje awukulingananga uwedwa. 19Khawuphulaphule ke ndikucebise; ngamana wakunceda ke uThixo. Into ofanelwe kukuyenza kukuzakuzelela abantu kuThixo, use imicimbi yabo kuye. 20Wena kufuneka ubafundise imimiselo nomthetho kaThixo, ubacacisele indlela yokuziphatha, nako konke okulindelekileyo kubo. 21Ngaphezulu khetha amadoda aziinkokheli ezifanelekileyo, uwamisele phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi angamahlanu njalo-njalo. La madoda ke mayibe ngabantu abamthobelayo uThixo, abathembekileyo, abantu abanganyobekiyo. 22Wona isigxina sawo mayibe kukuchophela imicimbi yaba bantu. Imicimbi elula makayiphicothe ayilungise ngokwawo, ke yona imicimbi ewaxakayo ayizise kuwe. Ngale ndlela ke nawo aya kuba nenxaxheba kulo msebenzi wakho, akuphungulele umthwalo. 23Ukuba wenjenje ke ngokuvuma kukaThixo, awuyi kuqobeka, futhi ke nabantu aba baya kutsho bavisisane.”
24Ngenene ke uMosis wenza ngokwecebo likaJetro, 25wawakhetha amadoda afanelekileyo kumaSirayeli, wawamisela aziinkokheli phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi ngamahlanu njalo-njalo. 26Wona ke aba ngabalamli abavunyiweyo bokuphicotha imicimbi yamaSirayeli. Yonke imicimbi elula yayisonjululwa ngawo, ithi ke ewaxakayo ayigqithisele kuMosis. 27Ke kaloku uMosis wamkhulula uJetro, waphindela kwelakowabo.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 18: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy