YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 13

13
Ukuphawulwa kwamazibulo
1*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: 2“Ndiphawulele onke amazibulo azalwayo kwaSirayeli abe ngawam, nditsho awabantu nawemfuyo.”
Umbhiyozo wezonka ezinganyuswanga
3UMosis wathetha nabantu wathi: “Ze ningaze niwulibale lo mhla wokukhululeka kwenu ebukhobokeni kwelaseJiputa. Kaloku nikhululwe bubungangamsha *bukaNdikhoyo. Ngawo makungatyiwa sonka sinyusiweyo. 4Lo mhla wale nyanga inguAbhibhi yimini yokunduluka kwenu. 5UNdikhoyo wabathembisa ookhokho benu ukuba uya kubanika ilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaHivi, namaJebhusi. Nakufika kwelo lizwe lihle liyinzwakazi, livuza ubisi nobusi, ze nenze isikhumbuzo ngawo wona lo mhla wale nyanga minyaka le. 6Niya kutya isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe. Ngolu lwesixhenxe ke niya kwenza itheko lokuwonga uNdikhoyo. 7Niya kutya isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe; into evutyelweyo okanye igwele lingakhe lifumaneke kummandla wenu. 8Xa nisenza eli theko ke, ze nibaxelele abantwana benu, nithi: ‘Ngalo mhla siwonga uNdikhoyo ngokusikhupha kwakhe eJiputa.’ 9Lo mbhiyozo ke uya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, ukuze ningalibali ukubalisa ngommiselo kaNdikhoyo. Kaloku kwaba ngesandla sakhe ukuphuma kwenu eJiputa. 10Ngoko ke eli siko lenzeni ngexesha lalo minyaka le.”
Amazibulo
11“Ke kaloku xa *uNdikhoyo ede wakufikisa kwelaseKanana njengoko wakuthembisayo wena nooyihlo, 12uze umphawulele onke amazibulo azalwayo. Onke amazibulo emfuyo yakho angamaduna ngakaNdikhoyo. 13Ke lona izibulo ledonki uya kulikhulula ngokulihlawulela ngexhwane; ungayenzanga loo nto uze ulophule ilungu lentamo. Nonyana wakho wamazibulo uze umkhulule ngentlawulo. 14Kuya kuthi ke xa oonyana bebuza ukuba lithetha ntoni na elo siko, uthi: ‘Sisikhumbuzo sokuba saphuma ebukhobokeni baseJiputa ngokusebenza kwamandla kaNdikhoyo. 15Kaloku wathi ukumkani waseJiputa akungavumi ukusikhulula, uNdikhoyo wawabulala amazibulo abantu nawemfuyo kwelaseJiputa. Ngesi sizathu ke amazibulo angamaduna kwimfuyo ndenzela ngawo uNdikhoyo idini. Ke wona amazibulo oonyana ndiwakhulula ngokuwahlawulela. 16Eli siko ke liya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, lihlale lisikhumbuza ukuba kukusebenza kwamandla kaNdikhoyo okwasikhupha eJiputa.’ ”
Umqulu welifu nesithatha somlilo
17Wathi ukumkani waseJiputa akuwakhulula amaSirayeli, uThixo akawakhokela ngendlela ecanda kwelamaFilistiya, nakuba yayiyeyona imfutshane. Kaloku uThixo wathi: “AmaSirayeli akuzibona egaxeleka emfazweni, angafuna ukubuyela eJiputa.” 18Ngoko ke uThixo wawakhokela ngendlela yasentlango esinga kuLwandle oluBomvu. AmaSirayeli ke aphuma eJiputa exhobele imfazwe.
19Ke kaloku uMosis wawathatha wahamba nawo amathambo kaJosefu, kuba uJosefu wayethe kumaSirayeli: “Ngenye imini uThixo uya kuze anivelele, anikhuphe nimke apha; ngoko ke fungani ukuba niya kuhamba nawo amathambo am.”
20AmaSirayeli ke anduluka eSukoti, aya kuphumla e-Etam enyeleni yentlango. 21Apho ke eluhambeni *uNdikhoyo wayewakhokela ngomqulu welifu emini, aze ebusuku awakhokele ngesithatha somlilo. 22Lo mqulu welifu ke wawuhlala uhamba phambi kwawo emini, nesithatha somlilo sisenjenjalo ebusuku.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy