YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 12

12
IPasika
1*UNdikhoyo wabayalela ooMosis noAron kwelaseJiputa, wathi: 2“Le iya kuba yinyanga yenu yokuqala enyakeni. 3Thetha namaSirayeli, uthi ngomhla weshumi kule nyanga umzi ngamnye mawuzifunele ixhwane. 4Kambe ke ukuba umzi lowo unabantu abambalwa, awunako ukulitya uligqibe ixhwane, mawudibane nommelwane, yomibini ihlanganyele ixhwane elinye ngokobubanzi beentsapho zayo. Ngoko ke umzi ngamnye uya kulinganiselwa ixhwane kwangaphambili. 5Ixhwane elo lichongwayo malingabi nasiphako, libe nonyaka ubudala. Ingalelegusha okanye elebhokhwe. 6Maligcinwe kude kube ngumhla weshumi elinesine wenyanga, apho liya kuthi lonke ibandla lamaSirayeli liwaxhele amaxhwane alo ngorhatya. 7Ngaloo mini ke baya kuthatha igazi lexhwane elo, bayidyobhe ngalo imigubasi yaloo ndlu batyela kuyo, ngapha nangapha naphezulu. 8Ngobo busuku inyama leyo ze bayose, bayifake umthi womkrakriso, bayitye, bayidibanise nesonka esenziwe ngentlama engenagwele. 9Ningakhe nilinge niyitye iluhlaza, okanye iphekiwe. Mayosiwe xa iyonke; nditsho nentloko namanqina nezibilini. 10Le nyama ke ize ingabekelwa ingomso. Xa kwenzekile yasala, ize itshiswe ngomlilo kusasa. 11Uyabona ke ze nenjenje: Yityeni seningxamele ukuhamba; nifinyezile, iimbadada zisezinyaweni, induku isesandleni. Kaloku esi sisidlo sePasika kaNdikhoyo.
12“Kanye ngobo busuku ndiya kulityhutyha elaseJiputa, ndihambe ndiwabulala onke amazibulo, ndiqalele kwawabantu, ndiyokutsho nakwawemfuyo. Mna Ndikhoyo ndiya kuba ngumgwebi phezu *koothixo bamaJiputa. 13Izindlu enikuzo ndiya kuzibona ngegazi; lona loba ngumqondiso endininika wona. Ndiya kuthi ndakubona igazi ndigqithe, angafiki kuni ubhubhani xa nditshabalalisa amaJiputa. 14Le mini ke ize ibe sisikhumbuzo kuni. Ze ningayilibali, ngayo nibhiyozele uNdikhoyo, niyenze ibe ngummiselo olisiko nakwizizukulwana.”
Umsitho wesonka esingenagwele
15Waqhuba *uNdikhoyo wathi: “Uyabona ke, niya kuthatha iintsuku ezisixhenxe nisitya isonka esenziwe ngentlama engenagwele. Ngosuku lokuqala ze niligqogqe nilikhuphe lingabikho igwele ezindlwini zenu. Kwezi ntsuku ke umntu okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa kwibandla lamaSirayeli. 16Umhla wokuqala nomhla wesixhenxe uya kuba ngumhla owodwa wenkonzo; akukho msebenzi uya kwenziwa ngayo ngaphandle kokupheka. 17Lo msitho ke ze niwugcine, kuba ngawo nokhumbula umhla endanikhupha ngawo eJiputa ningamabutho ngamabutho. Ngoko ke wenzeni ube ngummiselo kammiselo. 18Ukususela kurhatya lomhla weshumi elinesine, kuye kutsho kurhatya lomhla wamashumi amabini ananye, ze ningasityi isonka esinyusiweyo. 19-20Ngezo ntsuku zisixhenxe malingabikho igwele ezindlwini zenu, kuba okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa ebandleni likaSirayeli, noba uyinzalelwane, okanye ngumngeneleli. Naphi na apho nikhoyo ze nitye isonka esinganyuswanga; esinegwele ze ningasifaki emlonyeni.”
IPasika yokuqala
21UMosis ke wawabiza amadoda amakhulu amaSirayeli, wathi kuwo: “Hambani ngoku nizifunele amaxhwane ngokwemizi yenu, nixhelele *iPasika. 22Umntu makathathe amahlamvu ehisopu, awathi nkxu kwigazi lexhwane elisesityeni, afefe imigubasi yomibini naphezu kwayo. Akuyi kuphuma mntu ke apho kuloo ndlu kude kube kusasa ngengomso. 23Kaloku xa *uNdikhoyo ejikeleza, ehamba ebulala amaJiputa, uya kuthi akubona igazi emigubasini, awugqithe loo mnyango, angamvumeli umtshabalalisi angene anibulale. 24Ze niyilulamele le miyalelo ibe ngummiselo kuni nakwizizukulwana. 25Naxa senide nafika nakwelo lizwe nathenjiswa ngalo nguNdikhoyo ze ningayilibali. 26Niya kuthi ke xa nibuzwa ngabantwana benu ngalo msitho, besithi ngaba uthetha ntoni na, 27nibaxelele nithi: ‘Ngalo msitho sitya idini lePasika lokudumisa uNdikhoyo, sikhumbula mhla wazigqitha izindlu zamaSirayeli eJiputa, mhlenikwezeni watshabalalisa amaJiputa, wasisindisa ke thina.’ ” AmaSirayeli ke asuka athi guqaqa, anqula uNdikhoyo. 28Ahamba ke amaSirayeli aya kwenza ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis noAron.
Ukubulawa kwamazibulo
29Kwathi ke ezinzulwini zobusuku *uNdikhoyo walihlasela elaseJiputa, wawabulala onke amazibulo, kuqalela kwelikakumkani lowo wayengqendeve ebhotwe, kuye kuqhina kwelombanjwa owayengaphaya kwezitshixo, ngokunjalo nawemfuyo. 30Ke kaloku ngobo busuku ukumkani, amaphakathi, nawo onke amaJiputa, baphaphama, bevuswa sisimbonono sesijwili. Kaloku kwakungekho mzi ungafelwanga. 31Kwangobo busuku ukumkani waseJiputa wathumela buphuthu-phuthu ukuba kubizwe uMosis noAron. Befikile ke, wathi kubo: “Vukani nihambe, niphume phakathi kwabantu bam; nditsho nina namaSirayeli jikelele. Hambani niye kukhonza uNdikhoyo njengoko nanicelile. 32Thathani konke okwenu, ningayishiyi imihlambi yenu yeenkomo, neegusha, neebhokhwe, niphel' emehlweni – nam nindithamsanqelise!”
33AmaJiputa athundeza amaSirayeli ukuba emke, esithi: “Singabafileyo xa enokungahambi amaSirayeli.” 34Ngoko ke amaSirayeli azalisa izitya zawo zokuxovela ngentlama engenagwele, aza azisongela ngeempahla, azixway' emagxeni. 35Bayenza nento ababeyiyalelwe nguMosis, kuba bacela izinto zesiliva nezegolide, kunye nempahla yokunxiba, kumaJiputa. 36UNdikhoyo wawenza axatyiswa amaSirayeli ngamaJiputa, aza awaxhobisa ngako konke awayekufuna. Ngaloo ndlela ke amaSirayeli awaphanga amaJiputa.
Ukunduluka kwamaSirayeli eJiputa
37Ke kaloku anduluka amaSirayeli eRamesi, aya kutsho eSukoti. Inani lamadoda ngaphandle kwelabafazi nabantwana lalingamakhulu amathandathu amawaka. 38Kanti ke kwabakho nengxubevange yabantu ehamba namaSirayeli, ngokunjalo nemihlambi yeenkomo, neebhokhwe, neegusha. 39Babhaka izonka ngaloo ntlama inganyuswanga babemke nayo eJiputa. Kaloku lalingekho igwele, ibe ke ukuphuma kwabo eJiputa bagxagxanyiswa kangangokuba bangabi nako nokuzenzela nomphako lo.
40KwelaseJiputa amaSirayeli ahlala iminyaka engamakhulu amane anamashumi amathathu. 41Kwathi kanye ke ngosuku lokugqibela lokuphela kwaloo minyaka uhlanga lukaNdikhoyo lwaphuma eJiputa lungamabutho ngamabutho. 42Ngenxa yokuba uNdikhoyo walinda ngobo busuku, elindele ukuwakhupha eJiputa, nangoku amaSirayeli anesiko lokulinda ngobu busuku, esenza isikhumbuzo sikaNdikhoyo.
Imiqathango ngokuqhutywa kwePasika
43*UNdikhoyo wabayalela uMosis noAron, wathi: “Nantsi imimiselo emaniyigqale xa kubhiyozelwa *iPasika: Umntu wolunye uhlanga akavumelekanga ukuba abe nenxaxheba. 44Ke lona ikhoboka elithengiweyo livumelekile lakuba lalukile. 45Umhambi okanye umqeshwa makangabi nanxaxheba. 46Inyama leyo yotyelwa kuloo ndlu iphekelwe kuyo, kungàphunywa nayo phandle. Amathambo ayo makangakrotyozwa. 47Lo msitho uya kubhiyozelwa ngamaSirayeli ephela. 48Umngeneleli omi phakathi kwenu, xa enqwenela ukuthatha inxaxheba kulo msitho, makuqale koluswe onke amadoda kuloo ndlu yakhe. Xa kunjalo ke woba nelungelo njengabo bonke abomthonyama. 49Umntu ongalukanga akanalungelo kuloo msitho, nokuba uyinzalewane okanye ngumngeneleli.” 50AmaSirayeli ke ayithobela yonke loo miyalelo kaNdikhoyo kuMosis noAron. 51Ngaloo mini kanye uNdikhoyo wawakhupha amaSirayeli eJiputa engamabutho ngamabutho.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy