YouVersion Logo
Search Icon

KWABASE-EFESE 5

5
Hlalani ekukhanyeni
1Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena. 2Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.
3Nanjengoko nilusapho lukaThixo, makungakhankanywa phakathi kwenu ukurheletya nako konke ukungcola nokunyoluka. 4Izinto ezinjengokuthetha krwada, nokulavuza, neentetho ezingcolileyo, azinto zinifaneleyo konke. Nifanelwe kukuhlala nibulela uThixo nina endaweni yezi zinto. 5Yiqondeni kakuhle into yokuba akukho mntu urheletyayo, nongcolileyo, nosisinyolunyolu, uya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguKrestu nanguThixo. Kaloku ukunyoluka yenye indlela yokunqula izithixo.
6Ningavumeli bani anikhohlise ngentetho ephuthileyo. Zizinto ezinjalo kanye eziza nengqumbo kaThixo kwabo bangamthobeliyo. 7Nina ke ningazibandakanyi nabantu abanjalo. 8Nani benifudula nihleli ebumnyameni. Nithe ke nakuba ngamaKrestu, nasekukhanyeni. Ngoko ke ziphatheni ngokwabantu abaqheleneyo nokukhanya. 9Kaloku apho kukhoyo ukukhanya, kulapho kuntshula khona konke ukulunga, nabo bonke ubulungisa, nenyaniso. 10Zamani ukukuqonda ukuthanda kweNkosi; 11ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo. 12Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese. 13Kodwa ke xa zisekukhanyeni zonke izinto, ziyacaca into eziyiyo; 14kuba kaloku yonke into ecacileyo isekukhanyeni. Yiyo le nto kuthiwa:
“Phaphama, thongorhandini, uvuke ekufeni;
uKrestu wokukhanyisela.”
15Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. 16Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi. 17Musani ukuba zizidenge ke; nina zamani ukuqonda ukuthanda kweNkosi.
18Musani ukunxila butywala obunonakalisayo. Ndaweni yaloo nto phuphumani nguMoya oyiNgcwele, 19nincokola ngeendumiso namaculo, neengoma, nivuma iingoma niyidumisa iNkosi ngentliziyo. 20Bulelani uThixo uBawo wethu imihla ngemihla ngenxa yeento zonke, ngegama leNkosi yethu uYesu Krestu.
Amakhosikazi nabayeni bawo
21Thobelanani, niqhutywa kukuba noKrestu nimthobela.
22Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kanye ngale ndlela niyithobela ngayo iNkosi. 23Kaloku indoda iyintloko yomfazi, kanye njengokuba noKrestu eyintloko yebandla. Ke yena uKrestu ukwanguMhlanguli walo ibandla elingumzimba wakhe. 24Ngoko ke abafazi mabawathobele ngokupheleleyo amadoda abo, kanye ngale ndlela ibandla lizinikele ngayo ekuthobeleni uKrestu.
25Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. 26Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe, 27khon' ukuze azithathele lona liyinzwakazi, linyulu, lingenasici, lingenabala nakushwabana nasinye isiphako. 28Ngoko ke amadoda afanele ukuba nebhongo lokubathanda abafazi bawo, kanye ngale ndlela azithanda ngayo iziqu zawo. Indoda emthandayo umfazi wayo iyazithanda. 29(Akakho umntu ongazithandiyo, endaweni yaloo nto uyazondla azixhase, kanye njengokuba noKrestu elilungiselela ibandla. 30Kaloku singamalungu omzimba wakhe.) 31Kunjengoko *neziBhalo zisitsho ukuthi: “Ngoko ke indoda iya kumshiya uyise nonina, imanywe nomfazi wayo, baze abo babini badibane babe banye.” 32La mazwi atyhila inyaniso enzulu; ke mna ndithi isingisele kuKrestu nebandla. 33Kambe ke ikwasingisele nakuni. Ngoko ke yonke indoda mayimthande umfazi wayo, kanye ngale ndlela izithanda ngayo nayo. Ngokukwanjalo ke wonke umfazi makayihlonele indoda yakhe.

Currently Selected:

KWABASE-EFESE 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy