YouVersion Logo
Search Icon

KWABASE-EFESE 4

4
Umzimba: imbumba yamanyama
1Ngoko ke mna endingumbanjwa ngenxa yokuba ndisisicaka seNkosi, ndiyanibongoza: ziphatheni ngohlobo olungawuthobiyo umgangatho wendima enamiselwa yona nguThixo mhla wanibiza; 2nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando. 3Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele. 4Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo. 5INkosi inye, nokholo lunye, nobhaptizo lukwalunye. 6Kanti ukwamnye noThixo onguYise woluntu luphela, olawula izinto zonke, esebenza ngezinto zonke, ekwakho kwiinto zonke.
7Umntu ngamnye wabelwe isiphiwo esisodwa ngangobubele bukaKrestu. 8Yiyo ke le nto *iziBhalo zithi:
“Unyukele ezulwini eqhuba abathinjwa,
waza wabela abantu izipho.”
9Kuthetha ukuthini ke ukuthi unyukile? Kuthetha ukuthi wehla kuqala waya emathunjini omhlaba. 10Lowo ke wehlayo usekwangulo kanye wenyukela ngaphaya kwamazulu, khon' ukuze izinto zonke azizalise ngobukho bakhe. 11Nguye ke lo wababelayo izipho ezizezi abantu: Wabamisela *bangabathunywa abanye, abanye *bangabashumayeli, bangabavakalisi beendaba ezimnandi abanye, abanye bangabelusi nabefundisi. 12Wabanika ezi zipho zokulungiselela lonke usapho lukaThixo emsebenzini walo, ukuze kwakheke ibandla elingumzimba kaKrestu. 13Ekugqibeleni ke sonke siya kuba yiloo mbumba yamanyama iqulethwe lukholo lwethu, kwakunye nokwazi kwethu uNyana kaThixo; sibe ngabantu abakhule bagqibelela, silingane noKrestu ogqibeleleyo. 14Ngoku ke asisengobantwana abafane bakhukuliseke ngamaza, baphephetheke nayiyiphi na imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhetseba. 15Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko. 16Umzimba wonke uxhomekeke kuye; ilungu ngalinye limanywe namanye kuye. Ngoko ke le mbumba yamanyama ikhuliswa ngumsebenzi welungu ngalinye, izakhe ngothando.
Ubomi obutsha kuKrestu
17Ngoko ke ndiyanibongoza ndinilumkisa egameni leNkosi. Yahlukanani nokuziphatha ngokwabahedeni abangqiqo ziphuthileyo, 18abangqondo zimfiliba. Abananxaxheba kubomi bukaThixo, kuba basemnyameni ombonde-mbonde, baqaqadekile. 19Baphelelwe ziintloni, bazilahlele emanyaleni nasekungcoleni, bangooncanyelweni.
20Kodwa ke nina animfundanga ngolo hlobo uKrestu. 21Kambe senivile ngaye, ibe ke njengamaKrestu niyifundisiwe inyaniso kaKrestu. 22Ngoko ke silahleni isimo senu esidala. Besinilahlekisa ngeenkanuko ezingendawo ezinirhuqela ekufeni. 23Iintliziyo zenu mazihlaziyeke ngokupheleleyo. 24Thathani isimo esitsha esidalwe safuza uThixo, esizibonakalisa ngobomi obumsulwa, obungcwele, obunyanisekileyo.
25Ngoko ke musani ukuba saxoka! Elowo makathethe inyaniso nowabo, kuba xa sisonke singamalungu omzimba kaKrestu. 26Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. 27Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu. 28Umntu obekade elisela makahlukane nokuba. Ndaweni yaloo nto makasebenze enyanisekile, azixhase, abe nako nokunceda abahlelelekileyo. 29Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo. 30Musani ukumdakumbisa uMoya oyiNgcwele kaThixo, kuba uniphawulele umhla wokugqibela wenkululeko. 31Yahlukanani nayo yonke inzondo, iphuku, nomsindo; ukuthukisa, nokunyelisa nalo lonke ulunya. 32Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.

Currently Selected:

KWABASE-EFESE 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy