YouVersion Logo
Search Icon

AMAVA ENGQONDI 5

5
Isilumkiso ngezithembiso
1Lumka, ugqale ukunyathela kwakho xa usiya endlwini kaThixo. Xa usiya khona hamba ngeenjongo zokuphulaphula endaweni yokwenza amadini njengezityhakala ezingaziyo ukuba zenza ubugwenxa.
2Qiqa phambi kokuba uthethe;
musa ukungxama ukwenza izithembiso kuThixo.
Kaloku yena usezulwini, ube ke wena ulapha emhlabeni;
ngoko ke amazwi akho makabe mbalwa.
3Ubuninzi bemicimbi bubanga amaphupha;
ubuninzi bamazwi kuhamba nentetho yobutyhakala.
4Xa wenze isifungo kuThixo, khawuleza usifezekise. Kaloku yena akavani nezityhakala; ngoko ke siphumelelise isifungo sakho. 5Akunani kwaukungenzi sifungo kunokubhambathisa uze ungafezekisi. 6Umlomo wakho mawungakukhokeleli esonweni, uze ke ube ubongoza isigidimi, usithi: “Ndiphazamile.” Ngani ukuba umkhathaze uThixo ngento oyithethileyo, ade atshabalalise umsebenzi wezandla zakho? 7Intlaninge yamaphupha namazwi amaninzi ngamampunge. Kuphela hlonela uThixo!
Ubutyebi ngamampunge
8Sukumangaliswa xa ubona abantu abahlelelekileyo becinezelwa, bengazelelelwa kummandla othile, bengenzelwa ubulungisa nokufanelekileyo. Kaloku igosa ngalinye livelelwa lelinye, aze ke xa ewomabini avelelwe ngamanye angentla kuwo. 9Kambe ke ilizwe lilungelwa yinto yonke xa ukumkani enyamekela ukulinywa kwamasimi akhe.
10Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;
kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.
Nale ke into ngamampunge.
11Yakukhula ingeniso bayanda nabaxhomekeke kuyo,
ibe yintoni ke ezuzwa ngumniniyo?
Kuphela uyitya ngamehlo!
12Umntu ophangelayo ulala athi yoyi,
noba utya kancinci, okanye ke uyahlutha.
Ke bona ubunewu-newu besityebi busitsho siphuthelwe.
13Apha phantsi kwelanga ndibone ububi obungcungcuthekisayo:
umntu angaziqwebela ubutyebi, busuke benzakalise kwayena mnikazi wabo!
14Omnye ke ufumba ubutyebi, alahlekelwe bubo ngenxa yentlekele,
ze ke unyana ozelwe nguye angabi nanto ezandleni.
15Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;
mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.
Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeni
umka engaphathanga nto ngesandla sakhe.
16Ewe ngenene, ibuhlungu le meko!
Umntu umka eyiloo nto ebefike eyiyo.
Kumncede ntoni ke ukusebenzela ilize?
17Kananjalo imihla yobomi bakhe yonke uyidlela ebumnyameni,
egutyungelwa ziinkathazo neenzingo nomsindo.
18Ke kaloku ndifumanise ukuba eyona nto ilungileyo nefanelekileyo ukuba umntu ayenze kukutya asele, akuxhamle enelisekile ukubulaleka kwakhe ngezi ntsukwana zimbalwa aziphiwe nguThixo apha phantsi kwelanga. Kaloku eso sisabelo sakhe. 19Ewe, umntu xa ephiwe ubutyebi nezinye izinto eziphathekayo, aze futhi uThixo amnike inyhweba yokuzixhamla ezo zinto, kufuneka akuxhamle enombulelo ukubulaleka kwakhe – kaloku eso sisipho esivela kuThixo. 20Ngenxa yolo lonwabo aluphiwe nguThixo, umntu utsho angabi sazikhathaza ngobungakanani bobomi bakhe.

Currently Selected:

AMAVA ENGQONDI 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy