YouVersion Logo
Search Icon

AMAVA ENGQONDI 3

3
Yonke into inexesha layo
1Yonke into inexesha layo;
umbandela ngamnye unethuba lawo apha emhlabeni.
2Ukuzalwa kunexesha lako,
nokufa kunexesha lako.
Likho ixesha lokutyala,
likwakho nexesha lokuncothula.
3Likho ixesha lokubulala,
kanti likho nexesha lokunyanga.
Ukuchitha kunexesha lako,
nokwakha kunexesha lako.
4Ukulila kunexesha lako,
nokuhleka kunexesha lako.
Likho ixesha lokuzila,
likwakho nexesha lemihlali.
5Ukusarhaza amatye kunexesha lako,
nokuqokelela amatye kunexesha lako.
Likho ixesha lokuwolana,
likwakho nexesha lokuyeka ukuwolana.
6Ukufuna kunexesha lako,
nokuncama kunexesha lako.
Ukugcina kunexesha lako,
nokulahla kunexesha lako.
7Likho ixesha lokukrazula,
likwakho nexesha lokuthunga.
Ukuthi cwaka kunexesha lako,
kanti nokuthetha kunexesha lako.
8Uthando lunexesha lalo,
nokucaphukela kunexesha lako.
Likho ixesha lemfazwe,
kanti likwakho nexesha loxolo.
9Umntu uzuza ntoni ke ngemizabalazo yakhe? 10Ndilubonile uxanduva alunike uluntu uThixo. 11Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni. 12Ndifumanise ukuba akukho nto iyenye angayenzayo umntu ngaphandle kokuba ahlale onwabile, enze okulungileyo lo gama esaphila, 13kwanokuba wonke umntu atye asele aneliseke yimigudu yakhe. Kaloku sisipho esivela kuThixo eso. 14Ndiyazi ukuba yonke into eyenziwa nguThixo iya kuhlala ihleli; akukho nto inokongezwa kuyo, kungekho nto inokususwa kuyo. UThixo uyakwenza oku ukuze ahlonelwe ngabantu.
15Into ekhoyo ibiselikho kakade,
nento eya kubakho ibikho ngaphambili.
UThixo uyakubuyisela obekusele kudlule.
Inkohlakalo ehlabathini
16Ngaphezu koko ke ndifumanise ukuba apha phantsi kwelanga usuka ufumane inkohlakalo endaweni yokugweba ngokufanelekileyo, nditsho inkohlakalo endaweni yobulungisa. 17Ndagqiba kwelithi: “UThixo uza kugweba bonke, abalungileyo nabakhohlakeleyo, kuba umise ixesha layo yonke imicimbi nazo zonke izenzo.”
18Ndagqiba ngelithi: “UThixo uyaluvavanya uluntu, efuna ukuba luqonde ukuba alwahluke kuya phi ezilwanyaneni. 19Kaloku isiphelo somntu siyafana nesesilwanyana. Ukufa kubabopha ngentambo enye ngokufanayo. Ewe, umoya mnye emntwini nasesilwanyaneni. Ke umntu akasidluli nganto isilwanyana. Yonke into ingamampunge. 20Umntu ndawonye nesilwanyana baya ndaweni-nye; njengoko bephuma emhlabeni, babuyela kwasemhlabeni. 21Ngubani owaziyo ukuba umoya womntu uyenyuka ubheke phezulu, ingubani owaziyo ukuba umoya wesilwanyana uyehla ubheke emhlabeni?”
22Ke kaloku ndabona ukuba into emfaneleyo umntu kukwanela, axhamle imigudu yakhe, kuba kambe eso sisabelo sakhe. Kakade ngubani onokumbonisa oko kuza kwenzeka za sele engekho?

Currently Selected:

AMAVA ENGQONDI 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy