YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 6

6
Umyalelo omkhulu
1“Nanku ke umyalelo, imigaqo, nemimiselo endithunywe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba ndinifundise yona. Ngoko ke ze niyithobele nakufika kwelo lizwe niya kulo. 2Ngalo lonke ithuba lobomi bakho, wena nezizukulwana zakho, kufuneka nimhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, uyithobele imithetho nemiyalelo yakhe endikunike yona, khon' ukuze ube nokuxhamla ubomi obude. 3Hoyina, maSirayeli! Yiphulaphuleni niyithobele le miyalelo! Xa niyenzile ke loo nto nolungelwa nande kakhulu kwelo lizwe lendyebo eliphuphuma ubisi nobusi, elo nilinikwa ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wooyihlo.
4“Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba! 5Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke. 6Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. 7Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo. 8Uze uyiqhinele ibe ngumqondiso esandleni sakho, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ihlale isisikhumbuzo. 9Uze uyikrole emigubasini, ngokunjalo nasemasangweni akho.”
Ingozi yokungeva
10“Ngokwesifungo sakhe kookhokho benu, uAbraham, uIsake, noYakobi, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuninika ilizwe elizixeko zihle zikhulu, nangona phofu ungazakhanga ngokwakho. 11Izindlu zakhona ziphuphuma ubuyoko-yoko ongabulalekanga ngabo. Uya kufumana amaqula aselembiwe, ngokunjalo nezidiliya nezinquma esezityaliwe. Xa sowusitya uhlutha 12uze ulumke hleze umlibale uNdikhoyo owakukhulula ulikhoboka kwelaseJiputa.
13“Uze umhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, ukhonze yena yedwa, izifungo zakho uzenze ngegama lakhe. 14Ungaze ulandele *thixo wumbi, nditsho nowezo zizwe zikuphahlileyo, 15hleze umsindo kaNdikhoyo uvuthe, anitshabalalise ningabikho kulo mhlaba. Kaloku uNdikhoyo uThixo wakho ohlala phakathi kwenu nguThixo onekhwele.
16“UNdikhoyo uThixo wenu ze ningamlingi njengoko nênzayo eMasa. 17Iziyalo nezicwangciso ngokunjalo nemimiselo eniyinikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ze niyithobele ngenyameko. 18Kuphela ze nenze ezo zinto athi uNdikhoyo zintle zilungile, khon' ukuze nilungelwe. Xa nisenjenjalo ke noba nako ukulizuza elo lizwe lihle kunene lathenjiswa nguNdikhoyo kookhokho benu ngesifungo. 19Noba nako ukuzigxotha iintshaba zenu ngokwelizwi lakhe.
20“Kaloku kumaxesha ezayo unyana wakho uya kukubuza athi: ‘Kwakutheni ukuze uNdikhoyo uThixo wethu akunike ezi zicwangciso nale mimiselo, nale migaqo nje?’ Ke wena uze umxelele uthi: 21‘Kaloku sasingamakhoboka ekumkani yaseJiputa, waza ke uNdikhoyo wasikhulula ngamandla akhe amakhulu. 22Ewe, sayibona ngamehlo imiqondiso nemimangaliso erhwaqelisayo awayenzayo uNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nakukumkani nendlu yakhe. 23Wasikhulula kwelaseJiputa, ukuze asibeke apha kweli lizwe awayebathembise ngalo oobawo-mkhulu ngesifungo. 24Ngokwenjenjalo ke uNdikhoyo uThixo wethu wasiyalela ukuba siyithobele le mimiselo simhlonele, size ke silungelwe bonke ubomi bethu, siphile njengokuba kunjalo namhlanje. 25Xa sithe sayithobela yonke imiyalelo, siya kumkholisa uNdikhoyo uThixo wethu.’ ”

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy