YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 4

4
Intobeko elindeleke kuSirayeli
1UMosis wawayala amaSirayeli, wathi: “Le mimiselo ndinifundisa yona yithobeleni, khon' ukuze niphile, nibe nako ukungena kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wookhokho benu. 2Le miyalelo kaNdikhoyo ndininika yona ze niyigcine, ningaze niyandise okanye niyinciphise. 3Nazibonela ngokwenu into awayenzayo uNdikhoyo eBhali-pehore. Wabatshabalalisa bonke ababenqula uBhali wasePehore, 4kambe ke nina enanibambelele kuNdikhoyo uThixo wenu nisekho unanamhla.
5“Niyabona ke, ndinifundise yonke imimiselo nemigaqo ngokomlomo kaNdikhoyo uThixo wam, khon' ukuze niyithobele nakulizuza elo lizwe niza kungena kulo. 6Yithobeleni niyigcine, zize ezinye izizwe ziniqonde ukuba ninobulumko nengqiqo. Zakuva ngale mimiselo ziya kutsho ukuthi: ‘Hayi, ukulumka nokuba nengqiqo kolu hlanga olukhulu!’ 7Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba *uthixo waso abe kufutshane kuso njengoko uNdikhoyo uThixo wethu esondele kuthi xa simthandaza? 8Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba sibe nemimiselo nemigaqo enjengalo mthetho endiwaneka phambi kwenu namhlanje? 9Lumkani ke, nizigcine ubomi benu bonke, hleze nikulibale konke enakubonayo ngamehlo enu, kulibaleke nakwiinkumbulo zenu. Ze nibalisele abantwana benu, ngokunjalo nabazukulwana 10ngalaa mini nanimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu kwintaba iHorebhe, apho wathetha nam wathi: ‘Bahlanganise ndawonye aba bantu, ukuze baweve amazwi am, bafunde ukundihlonela nanini na besadla amazimba kweli gada lomhlaba, nokuze bafundise nabantwana babo.’
11“Kaloku nakha nasondela nafika nema emazantsi entaba eyayigqunywe yintshinyela yomsi, inamalangatye omlilo awayedangazela esibhakabhakeni. 12UNdikhoyo wathetha nani ekuloo mlilo, naza nakuva ukuthetha kwakhe, kodwa anabi nako mpela ukubona ubuqu bakhe – ibililizwi kuphela. 13Wawubhengeza kuni umnqophiso wakhe emaniwuthobele, nditsho imithetho elishumi ayibhale kumacwecwe amabini amatye. 14UNdikhoyo wandiyala ukuba ze ndinifundise imimiselo nemigaqo eniya kuyithobela kwelo niwelela kulo ukuba nilimé.”
Isilumkiso ngonqulo-zithixo
15“Xa *uNdikhoyo wayethetha nani eselangatyeni lomlilo kwintaba iHorebhe, zange nisibone isiqu sakhe. Ncedani ke nizigcine, 16ningaze none ngokuziqingqela umfanekiso, noba uluhlobo luni na, noba yindoda okanye umfazi, 17isilwanyana okanye intaka, 18into erhubuluzayo noba yintlanzi. 19Ningaze nilingeke nizinqule nizibuse izinto enizibona esibhakabhakeni: ilanga, inyanga, neenkwenkwezi. UNdikhoyo uThixo wenu ezi zinto uziyekele ezinye izizwe ukuba zizinqule. 20Ke nina ningabantu uNdikhoyo abahlangule eJiputa kwiziko lomlilo. Wanikhupha apho, khon' ukuze anenze abantu bakhe ncakasana njengokuba kunjalo namhlanje.
21“Ngenxa yenu uNdikhoyo uThixo wenu waxabana nam, wafunga ukuba andiyi kuwuwela umlambo iJordan ndilibone ilizwe lendyebo aninika lona. 22Ngoko ke mna andizukuwuwela umlambo, koko ndiza kufela apha, kodwa ke nina seniza kuwela niye kuma kwelo lizwe lendyebo. 23Zigcineni kunene, ningaze niwulibale umnqophiso ophakathi kwenu noNdikhoyo uThixo wenu, nisuke niwugqithe umyalelo wakhe, niziqingqele umfanekiso noba ngowantoni na. 24Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ngumlilo olenyayo; unguThixo onekhwele.
25“Naxa senaluphele kwelo lizwe, senide nanabantwana nabazukulwana, ukuba nithe nona ngokuziqingqela umfanekiso, noba ngoluhlobo luni na, nenza okubi phambi koNdikhoyo uThixo wenu, niyamcaphukisa. 26Ke ngoko namhlanje izulu nomhlaba ngamangqina am: ukuba nithe nenjenjalo niya kukhawuleza ningabikho kwelo lizwe. Aniyi kuhlala thuba lide phaya phesheya kweJordan, kweli lizwe niya kulo ngoku. Niya kutshatyalaliswa niphele tu. 27UNdikhoyo uya kunisarhaza phakathi kwezizwe apho kuya kusinda iqaqobana nje kuni. 28Apho ke niya kunqula *oothixo abenziwe ngabantu, abenziwe ngomthi, nangamatye: oothixo abangaboniyo, abangevayo, abangatyiyo, bengajoji nokujoja. 29Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana. 30Niya kuthi kamva nakuba sengxakini zibe zinihlele zonke ezi zinto, nitsho nibuyele kuNdikhoyo uThixo wenu, nimthobele. 31Yena unguThixo onemfesane. Akayi kunilahla kuphele, okanye anitshabalalise; ewe, akayi kuwulibala umnqophiso awawenza ngokwakhe nookhokho benu.”
NguNdikhoyo yedwa uThixo
32“Ze nifunisise nibuzise ngamaxesha amandulo ningekazalwa, de kuye kwixesha apho uThixo wadala umntu emhlabeni. Ze nibuzise ehlabathini liphela. Ngaba into enjengale yakha yehla na ngaphambili? Ngaba ukhona na umntu owakha weva ngento enjengale? 33Ngaba sikho na isizwe esakha seva uThixo ethetha naso eselangatyeni lomlilo, saza saphila, njengani? 34Ukhona na omnye *uthixo owakha waphuthuma abantu kwesinye isizwe, waza wabenza abakhe ncakasana? Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu amandla obungangamsha bakhe wawabonakalisa phambi kwenu; wezisa izibetho neemfazwe, wenza imiqondiso nemimangaliso, watsho kwehla izinto ezirhwaqelisayo, nto leyo wayenzayo ngenxa yenu eJiputa.
35“UNdikhoyo unibonisile zonke ezi zinto, khon' ukuze niqonde ukuba akukho wumbi, nguye yedwa uThixo. 36Wahlokomisa ilizwi lakhe emazulwini kuba eniqeqesha. Nathi nilapha emhlabeni wanibonisa umlilokazi wakhe, waza wathetha nani elapho kuwo. 37Wathi ngenxa yokubathanda ookhokho benu waninyula wanikhupha kwelaseJiputa ngamandla akhe angummangaliso nangobukho bakhe, 38waza wagxotha izizwe ezikhulu nezinamandla kunani, khon' ukuze aningenise kwimihlaba yazo, mihlaba leyo iseyeyenu unanamhla.
39“Kuvumeni nikwamkele ukuba uNdikhoyo unguThixo wamazulu nehlabathi. Akukho Thixo wumbi ngaphandle kwakhe. 40Yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endininike yona namhlanje yithobeleni, khon' ukuze liqaqambe ikamva lenu nezizukulwana zenu. Ngaloo ndlela ke niya kuma ngonaphakade kweli lizwe aniphe lona uNdikhoyo uThixo wenu.”
Iidolophu zokuphephela phesheya kweJordan
41UMosis ke wakhetha iidolophu zantathu ngaphesheya empuma yeJordan, 42apho umntu wayengaphephela khona, ukuze asinde xa ebulele umntu ongelotshaba lwakhe ngengozi. Xa ebalekele kwezi dolophu wayengenakubulawa. 43Indlu kaRhubhen wayinika idolophu yaseBhezere kweso sithabazi sentlango; indlu kaGadi yona wayinika iRamoti kwelaseGiliyadi; waza ke yona indlu kaManase wayinika iGolani eBhashan.
Isingeniso somthetho kaThixo
44-46Ke kaloku uMosis wawandlala phambi kwamaSirayeli umthetho kaThixo, ewakhumbuza ngazo zonke izicwangciso nemimiselo nemigaqo yakhe. Kwakusemva kokuphuma kwawo eJiputa, xa ayekuloo ntili iphesheya kweJordan, malunga neBhete-pehore. Apha ke kwakukummandla owawukade ungokaSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon. Kaloku uMosis namaSirayeli amoyisa ukuphuma kwabo eJiputa. 47Bema emhlabeni wakhe, ngokunjalo nakokaOgi ukumkani waseBhashan phesheya kweJordan, owayengomnye wookumkani ababini aba bama-Amori. 48Lo mhlaba ke wawusuka eArure ekungeneni komlambo iAnoni, ugongothe unyuke uyokutsho kwintaba iSiriyon (okanye intaba iHermon). 49Kwangokunjalo wawuthatha nengingqi ephesheya kweJordan uhle uyokutsho kuLwandle oluFileyo, empuma uyokurheca amazantsi entaba iPisga.

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy