YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 3

3
Ukoyiswa kukakumkani uOgi
(Ntlango 21:31-35)
1“Ke kaloku senyuka saya eBhashan. Ke yena ukumkani uOgi waphuma nawo wonke umkhosi wakhe, wasihlasela ngase-Edreyi. 2*UNdikhoyo ke wathi kum: ‘Musani ukumoyika; ndimnikele ezandleni zenu, ndawonye nomkhosi wakhe, nawo wonke umhlaba wakhe. Nakuye yenzani kwangaloo ndlela nenza ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori eHeshbhon.’
3“Ngoko ke uNdikhoyo wamnikezela kuthi nokumkani uOgi waseBhashan, saza samxabela ndawonye nabantu bakhe, akwasala namnye. 4Ngokunjalo ke sazihlasela sazithatha zonke iidolophu zakhe, asashiya noba ibe nye. Xa zizonke yaba ziidolophu ezimashumi mathandathu yonke loo ngingqi yaseAgobhi, eyayiphantsi ko-Ogi ukumkani waseBhashan. 5Zonke ke ezo dolophu zazinqatyisiwe zibiyelwe ngeendonga, zinamasango omelezwe ngemivalo yentsimbi; phofu zazikho needolophu ezazingabiyelwanga. 6Zonke ke sazitshabalalisa, sabulala ndoda, mfazi, namntwana wembala, kanye kwangalaa ndlela senza ngayo kwiidolophu zikakumkani uSihon waseHeshbhon. 7Sazithimbela iinkomo namanye amaxhoba apho ezidolophini.
8“Ngelo thuba ke sawuthatha wonke umhlaba wezo kumkani zimbini zama-Amori, ngasempuma yomlambo iJordan, ukusuka kumlambo iAnoni ukuya kwintaba iHermon. 9Ke intaba iHermon yayibizwa ngokuba yiSiriyon ngamaSidon, ama-Amori wona esithi yiSenire. 10Sawuthatha wonke ummandla kakumkani uOgi waseBhashan: ezo dolophu zikuloo mathafa, ummandla waseGiliyadi naseBhashan, sada saya kutsho empuma kwiidolophu zaseSaleka nase-Edreyi.
11“Ukumkani uOgi waba ngowokugqibela kumaRafa. Wayelala ebhedini yentsimbi. Yayiziimitha ezine ubude, zikwisithuba sesibini ububanzi. Nangoku ke isekhona kwidolophu yama-Amon iRabha.”
Izindlu ezasala ngasempumalanga
(Ntlango 33:1-42)
12“Ukuwuthatha kwethu umhlaba osempumalanga yeJordan, amaRubhen namaGadi ndawanika ummandla ongasentla kweArure ngakumlambo iAnoni, nenxalenye yeleentaba zaseGiliyadi, ngokunjalo needolophu zakhona. 13Ke sona isiqingatha samaManase ndasinika loo mhlaba useleyo waseGiliyadi, ngokunjalo neBhashan iphela apho kwakulawula uOgi. Yonke loo ngingqi yaseAgobhi kwelaseBhashan yayisaziwa ngokuba ngumhlaba wamaRafa. 14UJayire wendlu kaManase wawuthatha wonke loo mmandla waseAgobhi, iBhashan, ukuya kutsho kwimimandla yaseGeshuri naseMahaka. Ezo dolophu ke wazithiya ngaye; nangoku ke kusathiwa zezikaJayire. 15Ke yona iGiliyadi ndayinika imizi kaMakire wendlu kaManase. 16AmaRubhen namaGadi ndawabela ummandla waseGiliyadi ukuya kumlambo iAnoni. Umbindi waloo ntili yangumda ongezantsi; umda ongasentla wona yangumlambo iJabhoko onxalenye yawo yayingumda wama-Amon. 17Ngasentshonalanga umda wabo wawuye kuthi xhaxhe ngomlambo iJordan; ngasentla usuka kuLwandle lwaseGalili uye kuthi gaa ngoLwandle oluFileyo ngezantsi, uze uye kuthi rhece kumalengalenga entaba iPisga empumalanga.
18“Kananjalo ngelo thuba ndaniyalela, ndathi: ‘UNdikhoyo uThixo wenu uninikile loo mhlaba usempumalanga yomlambo iJordan ukuba nime kuwo. Ke wona umkhosi wenu wuxhobiseni, niwuthumele uwele iJordan, wandulele amawawo. 19Abafazi nabantwana, ngokunjalo nomhlambikazi weenkomo zenu, mabasale apha kwezi dolophu ndinabele zona. 20Wancedeni amawenu nawo ade azinze kuloo mhlaba awuphiwe nguNdikhoyo kwintshonalanga yomlambo iJordan, njengoko selenzile nakuni. Emva koko ke noba nako ukubuyela apha kulo mhlaba usisabelo senu.’
21“Ndaza ke ndathetha noYoshuwa, ndathi: ‘Sowuyibonile ke into eyênziwa nguNdikhoyo uThixo wethu kookumkani ababini, uSihon no-Ogi. Úsaza kwenza kwaloo nto ke nakubo bonke ookumkani obahlaselayo kwelo lizwe ùya kulo. 22Ningaboyiki, kuba uNdikhoyo uThixo wenu nguye oza kunilwela.’ ”
UMosis uyàlèlwa ukungena eKanana
23“Kwangelo thuba ndambongoza *uNdikhoyo, ndathi: 24‘Mhlekazi Ndikhoyo, nakalokunje wena sowundikrobisile kumsebenzi wakho omkhulu omangalisayo oseluwuqalile. Akukho *thixo wumbi ezulwini nasemhlabeni onako ukwenza imisebenzi enjengale uyenzileyo ukuba mikhulu! 25Ndiyakubongoza kaloku, Ndikhoyo, ndivumele ndiyiwele iJordan, ndiwubone loo mhlaba mhle kunene, ngaphesheya phaya, ezaa nduli zibukekayo ngokunjalo naloo ntaba yeLebhanon.’
26“Kambe ke ngenxa yenu, bantundini, uNdikhoyo wacaphuka, akandiphulaphula, suka wathi: ‘Kwanele; sukuba sathetha nokuthetha! Andisafuni kuva nto ngalo mcimbi. 27Nto nje hamba uqabele kwincochoyi yentaba iPisga, ulibuke ujonge ngasentla, ezantsi, empuma, nasentshonalanga. Uya kulibona kuphela ngamehlo, kuba awusoze uwuwele umlambo iJordan. 28UYoshuwa myale, umkhuthaze, umomeleze, kuba nguye oza kukhokela amaSirayeli awele aye kuma kwelo lizwe ulibonayo.’ 29Ngoko ke sahlala apho kuloo ntili ijongene neBhete-pehore.”

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy