YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 21

21
Ubugebenga
1“Xa sewukwelo lizwe uza kuliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, waza wafumana umntu enzakaliswe wafa engaphandle komzi, ube wena ungazi ukuba ubulewe ngubani na, 2kufuneka amadoda amakhulu nabagwebi baye kuloo ndawo afele kuyo, bafike balinganise umgama ukusuka kuloo ndawo ukuya kwiidolophu ezikufutshane. 3Ke wona amadoda amakhulu aloo dolophu iyeyona ikufuphi kuloo mntu kofuneka akhethe ithokazi lenkomo elingazange lisebenze. 4Aya kulithatha ke, aye nalo ngasentlanjeni engatshiyo, apho kungazange kwalinywa, afike alaphule ilungu lentamo. 5Ababingeleli bakwaLevi kofuneka babekho nabo apho, kuba ngabo abanyulwe nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba baqwalasele imicimbi yonqulo, baze bathamsanqele egameni likaNdikhoyo, bade baphicothe bagwebe kwimibandela yeembambano nobugwinta. 6Onke ke amadoda amakhulu aloo dolophu ikufuphi kufuneka ahlambe izandla phezu kwelo thokazi laphulwe ilungu lentamo, 7athi: ‘Akagetyengwanga sithi lo mntu, futhi asimazi nomntu oyenzileyo le ntlekele. 8Awu, Ndikhoyo, nceda, waxolele amaSirayeli owawahlangula eJiputa. Lala ngenxeba usixolele, ungalibeki phezu kwethu eli tyala legazi elimsulwa.’ 9Xa wenze ngokwalo mmiselo kaNdikhoyo ke, uya kuba uzihlambile kwityala lobugebenga.”
Abathinjwa ababhinqileyo
10“Xa uNdikhoyo ekunike uloyiso emfazweni, waza wanabantu obathimbayo, 11kungenzeka apho kwâbo bantu wena ubone inzwakazi, uze unqwenele ukuyithatha. Yithathe, 12uyise emzini wakho, ifike igugule intloko, inqumle iinzipho, 13ikhulule izambatho efike nazo. Emva koko ke mayihlale apho, izilele ikhaya layo ngokunjalo nabazali bayo isithuba esingangenyanga, wandule ke ukuyithatha ibe ngumkakho. 14Kamva ke, xa ungasayifuni, yikhulule ihambe iye apho ithande khona. Kaloku uyenze umkakho; ngoko ke akunalungelo lakuyithengisa ibe likhoboka.”
Ilifa lenkulu
15“Ukuba indoda inabafazi ababini, omnye imthanda kunomnye, baza ke bobabini bazala oonyana, kwaza kwathi kanti lo ulizibulo akanguye owomfazi oyintandane, 16ngoku ke xa le ndoda ifuna ukubabela ilifa layo, mayingabi nagobe ngokubhekiselele kulo nyana womfazi oyintandane, imnike inxaxheba yonyana wamazibulo. 17Unyana wamazibulo makanikwe ilifa eliphindwe kabini, nokuba akazalwa ngumfazi oyintandane. Kaloku nguye oluphawu lwamandla kayise. Ilungelo lenkulu lelakhe.”
Unyana oyinjubaqa
18“Xa indoda inonyana onenkani, oyinjubaqa, ongevayo naxa selelulekwa ngabazali bakhe, 19kufuneka abazali abo bamthathe bamse enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo. 20Baya kuthetha benjenje: ‘Lo nyana wethu unenkani, uyinjubaqa; akasiphulaphuli. Ulidla-kudla, futhi ulinxila.’ 21Amadoda edolophu leyo makamxulube ngamatye ade afe, khon' ukuze buncothulwe ububi phakathi kwenu. Aya kuthi ke amaSirayeli akuyiva le nto ihlileyo atsho oyike.”
Eminye imithetho
22“Xa indoda ithe inetyala yagwetyelwa ukufa, yaza ke yabulawa yaxhonywa emthini, 23makungade kuse isaxhonyiwe. Mayithulwe ingcwatywe kwangaloo mini; kaloku umntu oxhonywe emthini uqalekisiwe nguThixo. Ngoko ke mawungcwatywe umzimba, khon' ukuze *ungagqwaliseki umhlaba owuphiwe *nguNdikhoyo uThixo wakho.

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy