YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 2

2
Ukubhadula entlango
1“Emva koko sanduluka sangena entlango ngendlela eya kuLwandle oluBomvu, ngokwelizwi *likaNdikhoyo. Apho ke sathatha ithuba elide ukujikeleza ezo ntaba zaseSeyire.
2“UNdikhoyo ke wathetha nam, wathi: 3‘Selilide ithuba nizama ukujikela le ntaba, ngoko ke jikani niye kwelasentla. 4Ke ngoko uzubayale abantu, uthi: “Ngoku seniza kungena kweleentaba laseSeyire, umhlaba wamawenu inzala kaEsawu. Ke wona aza kunoyika, 5kambe ke ze nizilumkele ningawaqali, kuba kaloku andiyi kuninika nomhlathana lo kumhlaba wawo. Intaba yeSeyire ndayinika uEsawu nenzala yakhe. 6Ukutya namanzi wathengeni kubo xa nidlulayo.” ’
7“Khumbulani kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unithamsanqele kuko konke enikwenzileyo. Unilondolozile ngalo lonke uhambo lwenu kwesi sithabazi sentlango. Kula mashumi mane eminyaka uNdikhoyo uThixo wenu ebenani, anaswela nto.
8“Ngoko ke sanduluka, sagqitha eSeyire, nditsho kumhlaba wamawethu inzala kaEsawu, sayishiya indlela yasentlango ephuma e-Elati nase-Eziyon-gebhere eya kuLwandle oluFileyo, sajika sasinga kwintlango yaseMowabhi. 9UNdikhoyo wandiyala wathi: ‘Uze ungawabandezeli uwaqale amaMowabhi, inzala kaLothe, kuba ndiwaphe idolophu yaseAra. Ke andiyi kukunika nendawana le kumhlaba wawo.’
10“Apho ke eAra kwakumi uhlanga olomeleleyo, kusithiwa ngamaEma. Nawo ayeziingxilimbela njengama-Anaki. 11Kwanjengama-Anaki nawo kwakusithiwa ngamaRafa, kambe ke wona amaMowabhi ayesithi ngamaEma. 12Wona amaHori ayekade emi eSeyire, aza agxothwa yinzala kaEsawu, yawaphanzisa kwema yona kuloo mhlaba wawo, kwanjengokuba noSirayeli ezigxothile iintshaba zakhe kumhlaba awuphiwe nguNdikhoyo.
13“UNdikhoyo wathi: ‘Sukani niwele umfula iZeredi.’ Senjenjalo ke.
14“Ngoku ke kwakusekuyiminyaka emashumi mathathu anesibhozo saphumayo eKadeshe-bhaneya. Onke amajoni eso sizukulwana ayeselafa ngokomlomo kaNdikhoyo. 15UNdikhoyo wachasana nawo wada wawatshabalalisa kwathi nya.
16“Akuba loo majoni efe onke ke, 17uNdikhoyo wathi kum: 18‘Namhlanje ke niza kucanda kumhlaba waseMowabhi ngaseAra. 19Xa nilapho ke noba kufuphi kumhlaba wama-Amon, inzala kaLothe. Ze ningawabandezi okanye niwaqale; kaloku andiyi kuninika nento le kumhlaba endawunika wona.’
20“Lo mmandla ke ukwaziwa ngokuba ngumhlaba wamaRafa, gama elo lilelabantu ababemi khona ngaphambili, ke wona ama-Amon ayesithi ngamaZamzum. 21Nabo babeziingxilimbela njengama-Anaki. Babeluhlanga olomeleleyo, bebaninzi ngamanani. Phofu ke uNdikhoyo wabatshabalalisa, khon' ukuze umhlaba wabo umiwe ngama-Amon. 22UNdikhoyo wenza kwaloo nto kumaEdom, inzala kaEsawu leyo imi kweleentaba eSeyire. Wawatshabalalisa amaHori, khon' ukuze amaEdom eme kuloo mhlaba wawo. Asekuwo ke unanamhla. 23Ke amaKrete, awayevela kwisiqithi saseKrete, awatshabalalisa ama-Avi, awayemi ntlandlolo kwiidolophu zonke ukuya kuthi xhaxhe eGaza, aza ema khona.
24“Sakuba ke sigqithile eMowabhi, uNdikhoyo wathi: ‘Ke ngoku sukani niwele umlambo iAnoni. USihon ukumkani wama-Amori oseHeshbhon sendimnikele esandleni senu, ngokunjalo nomhlaba wakhe. Mhlaseleni, niye niwuhluthe umhlaba wakhe. 25Ukusukela namhlanje bonke abantu belimiweyo ndiza kubenza banoyike, barhwaqeliswe yingxelo yoko nikwenzileyo.’ ”
Ukoyiswa kukaSihon
(Ntlango 21:21-30)
26“Ngoko ke ndathumela kukumkani uSihon waseHeshbhon xa thina sasikwintlango yeKedemoti, ndizama uxolo, ndisithi: 27‘Siyakubongoza, sivumele sinqumle emhlabeni wakho. Siya kuhamba ngqo, singaphumi endleleni. 28Ukutya namanzi esiwasebenzisileyo siya kuwahlawula. Kuphela into esiyifunayo kukugqitha nje emhlabeni wakho, 29side siye kuwela umlambo iJordan, singene kwilizwe esiliphiwe *nguNdikhoyo uThixo wethu. Ke yona inzala kaEsawu eseSeyire ndawonye namaMowabhi aseAra asivumele ukuba sicande emhlabeni wawo.’
30“Kambe ke ukumkani uSihon wala ukuba sicande emhlabeni wakhe. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu wayemenze wanenkani waqaqadeka, khon' ukuze simoyise siwuthathe lo mhlaba wakhe simi kuwo unangoku.
31“UNdikhoyo ke wathetha nam, wathi: ‘Uyabona ke, ukumkani uSihon sendimgqibile; akusekho yakhe. Ngoko ke ngenani niwuthathe umhlaba wakhe, nime kuwo.’ 32Ke kaloku ukumkani uSihon waphuma nawo wonke umkhosi wakhe, weza kulwa nathi ngaseJaza. 33Kambe ke yena uNdikhoyo uThixo wethu wamnikela kuthi, samoyisa noonyana bakhe nawo wonke umkhosi wakhe. 34-35Ngokunjalo ke sahlasela satshabalalisa kuzo zonke iidolophu, amadoda, abafazi, ndawonye nabantwana, asashiya nempunde le. Iidolophu sazitshabalalisa; ke sathimba kuphela iinkomo namanye amaxhoba. 36Sazitshabalalisa zonke iidolophu ukusukela eArure ekungeneni kwintili yeAnoni, nesixeko esisembindini waloo ntili, ukuya kuthi gaa ngeGiliyadi. Ukomelela kweendonga zezo dolophu kwaba yintwan' encinci kuthi. NguNdikhoyo uThixo wethu owakunikela kuthi konke oku. 37Kambe ke asisondelanga kummandla wama-Amon, okanye kunxweme lomlambo iJabhoko, nakwiidolophu zomhlaba weentaba, nakuyo nayiphi na indawo esasingayalelwanga ngayo nguNdikhoyo uThixo wethu.”

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy