YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKOLOSE 4

4
1Nina basemagunyeni, izicaka zenu ziphatheni kakuhle, ngobulungisa. Ze nikhumbule ukuba nani nineNkosi esezulwini.
Iziyalo
2Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo. 3Nam nindikhumbule emthandazweni, ukuze uThixo andivulele ithuba lokushumayela, ndivakalise udaba olungoKrestu obelukade lungaziwa mntu. Ndikhonkxiwe nje kaloku yiloo nto. 4Ze nindithandazele ukuze ndiyithethe icace le mfihlelo, njengoko ndimelwe kukwenjenjalo.
5Yilumkeleni indlela eniziphatha ngayo phambi kwabo bangakholwayo, nilisebenzise kakuhle ithuba eninalo. 6Incoko yenu mayisoloko imnandi, inika umdla. Fundani ukucebisana kakuhle nomntu ngamnye enidibana naye.
Umbuliso
7Umwethu oyintanda, uTikiko okholekileyo, umncedi nogxa wam emsebenzini weNkosi, uza kunibalisela ngemeko yam apha. 8Yiyo le nto ndimthumela kuni nje, ndifuna aze kunixelela ngempilo yethu, anivuselele. 9Uza kuba ehamba no-Onesimo, ikholwa eliyintanda lakuni. Bonixelela ke zonke iindaba zalapha.
10Uyanibulisa uAristarko ongumbanjwa kunye nam, kwanoMarko umzala kaBharnabha. (Beseniwufumene umyalezo ngaye, ngoko ke xa athe wafika mamkeleni azive esekhaya.) 11NoYesu onguYusto uyabulisa. Ngâba kuphela kumakholwa amaJuda abândincedisáyo emsebenzini wokuvakalisa ulawulo lukaThixo. Futhi ke bayintuthuzelo kum. 12Uyabulisa uEpafra , isicaka sikaKrestu Yesu, okwangowakuni. Uthe rhoqo ukunithandazela ukuba nime ningahexi, nikhule, nizinikele ngokupheleleyo ekwenzeni intando kaThixo. 13Nam ndiyangqina ukuba akaphumli esebenzela nina nabaseLawodike nabantu baseHirapoli. 14Nomhlobo wethu othandekayo ugqirha uLuka uyabulisa, ngokunjalo noDemas.
15Ndibuliseleni kumawethu aseLawodike, nakuNimfa nebandla elo lihlanganela endlwini yakhe. 16Xa seniyifundile le leta yigqithiseleni kwibandla laseLawodike, ifundwe nakhona. Ngokukwanjalo ke nani ze niyifunde laa leta yaseLawodike. 17Gqithisani lo myalezo kuArkipo: “Nakanjani na, umsebenzi owawunikwa yiNkosi wenze ngokufezekileyo.”
18Umbuliso lo ubhalwa ndim mna Pawulos. Khumbulani ukuba ndikhonkxiwe! Ubabalo lukaThixo malube nani.

Currently Selected:

KWABASEKOLOSE 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy