YouVersion Logo
Search Icon

UAMOS 7

7
Umbono weenkumbi
1Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndabona idala umqikela weenkumbi xa kanye ingca yayiqala ukuntshula emva kokuba imfuyo kakumkani yayisikelwe utyani. 2Ndazibona xa seziza kulugqiba lonke uhlaza, ndathi: “Tarhu, Nkosi yam Ndikhoyo, baya kuphila yintoni kodwa abantu bakwaYakobi, beziindwayi nje?”
3UNdikhoyo wasijika isigqibo sakhe. “Ayiyi kuba senzeka loo nto,” utshilo uNdikhoyo.
Umbono womlilo
4Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndayibona ilungiselela ukohlwaya uluntu ngomlilo. Loo mlilo waqala ngokutshisa amanzi enzonzobila, wabuya usiza kubhubhisa umhlaba. 5Ndaza ndathi: “Nceda, Nkosi Ndikhoyo; pheza ngoku. Abantu bakwaYakobi baya kuphela, beziindwayi nje!”
6UNdikhoyo wasijika isigqibo sakhe malunga nalo mba. “Ayiyi kuba senzeka loo nto,” itshilo iNkosi uNdikhoyo.
Isixhobo sokulungelelanisa
7Naku eyandibonisa kona. INkosi yayimi ngaseludongeni olwalwakhiwe lumpuluswa, iphethe isixhobo sokulungelelanisa. 8Uthe ke kum *uNdikhoyo: “Amos, ubona ntoni?” Ndathi: “Ndibona isixhobo sokulungelelanisa.” Yathi iNkosi: “Uyabona, ndiza kubalinganisa ngesixhobo sokulungelelanisa abantu bam amaSirayeli. Ke andiyi kubuya ndijike ndingabohlwayanga. 9Zonke eziya ndawo ziphakamileyo banqula kuzo abendlu kaIsake ziza kubhanga. Ziza kuba ngamabhodlo zonke izibingelelo zamaSirayeli. Indlu kaJerobhowam ndiza kuyibhangisa ngekrele.”
UAmos noAmaziya
10UAmaziya owayengumbingeleli eBhetele wathumela kukumkani uJerobhowam wakwaSirayeli, wathi: “UAmos ukwenzela iyelenqe apha kanye kwaSirayeli. Ilizwe alingekhe liwanyamezele onke amazwi akhe. 11Kaloku uAmos uthi: ‘UJerobhowam uza kufa likrele, amaSirayeli wona athinjwe afuduswe emke kweli lizwe.’ ”
12Waza wabhekisa kuAmos uAmaziya, wenjenje: “Hamb' umke, mbonindini! Hamba ubuyele kwilizwe lakwaJuda, uphangele uzuze isonka sakho ngokushumayela apho. 13Uzungabuye uphinde ushumayele apha eBhetele. Le yindawo yokunqulela ukumkani; esi sisibingelelo sakomkhulu.”
14Wathi uAmos ukuphendula uAmaziya: “Mna andinguye umshumayeli, ndingenguye noweqela labashumayeli abahlawulwayo. Ndingumfuyi mna, ndaye ndilima amakhiwane. 15Ndisuswe *nguNdikhoyo koko kufuya. UNdikhoyo uthe kum: ‘Yiya ushumayele kubantu bam amaSirayeli.’ 16Phulaphula ke, ulive ilizwi likaNdikhoyo. Wena uthi: ‘Musa ukushumayela kuwo amaSirayeli, ungathethi lizwi lichaseneyo nendlu kaIsake.’ 17Ke yena uNdikhoyo utsho kuwe ukuthi: ‘Umkakho uza kuhamba ehenyuza esixekweni. Oonyana bakho neentombi zakho baza kufa likrele. Umhlaba wakho uza kwabelwa abanye abantu. Wena uza kufela ezweni elicekisekileyo. Andisathethi ke ngawo amaSirayeli; wona aza kususwa kowawo umhlaba, asiwe ekuthinjweni.’ ”

Currently Selected:

UAMOS 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy