YouVersion Logo
Search Icon

UAMOS 6

6
Ukutshatyalaliswa kwamaSirayeli
1Mawoo! Lusizi okwenu, nina bantundini bathe zava eZiyon,
nina nizicingelayo ukuba nikhuselekile kwintaba yaseSamariya –
nditsho nina, zindwalutho zesizwe,
nina kuziwa kuni ngabantu bakwaSirayeli.
2Khanenjenjeya niye kuvelela iKalene,
nidlule apho niye kwesaa sixekokazi iHamati,
nihle nibheke eGati isixeko samaFilistiya.
Ngaba loo mimandla iyidlula ngantoni eyenu?
Ngaba kanene loo mihlaba mikhulu kuneyenu na?
3Nina niwubekela kude umhla weshwangusha,
kanti nisondeza ukulawulwa lugonyamelo.
4Nithe zukumfa kwiibhedi ezihonjiswe ngamabamba eendlovu,
nee ngqendevu kwezo sofa zenu,
nisitya eyona nyama ikhethiweyo yegusha nenkomo.
5Nivukwa yinkenkqe yakutsho ihapu,
niqambe ingoma nixelise uDavide.
6Nizibetha zichuchumale iindebe yiwayini,
niziqhole ngawexabiso amafutha,
ningabi nantlungu ngokutshabalala kwendlu kaJosefu.
7Ngoko ke kuya kuqala kuthinjwe nina,
aphele loo matheko enithe zava kuwo.
8INkosi *uNdikhoyo ifunge igama layo;
ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke,
uthi: “Ndiyalicekisa ikratshi lenzala kaYakobi;
ndithiye nkqu loo mabhotwe bahlala kuwo.
Ke ngoko isixeko nako konke okukuso ndiza kusinikela kwiintshaba.”
9Kumzi ekukho ishumi lamadoda kuwo, aya kufa. 10Siya kuthi isizalwana esingcwabayo xa siphakamisa isidumbu sisikhuphela ngaphandle ukuze sitshise amathambo, sakubiza umntu osengontsini yendlu sisithi: “Ngaba uwedwa apho?” aze athi: “Ndindedwa!” isizalwana eso sithi: “Yithi cwaka; igama likaNdikhoyo malingakhankanywa kule nto.”
11Niyabona, uthethile uNdikhoyo;
umzi omkhulu uwudiliza ube ngamabhodlo
nomncinane ube ziintanda.
12Akhe aphale na amahashe emaweni?
Ngaba ukho olima apho ngeenkabi zeenkomo?
Kodwa nina ubulungisa nibujike baba yityhefu,
nokunyaniseka nakutsho kwaba likhala elikrakrayo.
13Nivuyiswa kukuthimba iLodabhare,
futhi niqhayisa ngokuthi iKarnayim nayoyisa ngamandla enu.
14Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke,
uthi: “MaSirayeli, ndinizisela isizwe!
Siza kuniphatha gadalala ukususa kulaa ngxingwa yaseHamati
kude kuye kutsho kulaa ntili ingaseArabha.”

Currently Selected:

UAMOS 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy