YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 9

9
Ukuguquka kukaSawule
(Mseb 22:6-16; 26:12-18)
1Ngalo lonke eli thuba uSawule yena wayefutha izisongelo zokwenzakalisa abalandeli beNkosi. Waya kumbingeleli omkhulu, wacela ukuba amnike iincwadi zeziqinisekiso, 2ukuze aye *ezindlwini zesikhungo zamaJuda eDamasko, abe nako ukuthi xa ebafumana abalandeli bale Ndlela yeNkosi, abakhonkxe, amadoda kunye nabafazi, eze nabo eJerusalem.
3Endleleni yakhe eya eDamasko, xa asondelayo apho edolophini, ngequbuliso wabona ukukhanya esibhakabhakeni, okwasuka kwambanekela ngeenxa zonke. 4Watsho wawa phantsi, waza weva ilizwi limbiza lisithi kuye: “Sawule, Sawule, unditshutshiselani na?”
5Yena wabuza wathi: “Wena ungubani, Nkosi?”
Ilizwi elo laphendula lathi: “Mna ndinguYesu, lowo umtshutshisayo wena. 6Phakama, uhambe ungene apha edolophini; uya kuyixelelwa khona into omawuyenze.”
7Ngeli xesha amadoda awayehamba noSawule ayemile, ethe cwaka, eliva lona ilizwi elo lalithetha, kodwa engaboni mntu. 8USawule waphakama, wakhangela ngamehlo, kodwa akabi nako ukubona nento le. Ngoko ke abo babehamba naye bamrhola ngesandla, bangena naye eDamasko. 9Waba ntsuku-ntathu eyimfama, engatyi, engaseli.
10EDamasko apho kwakukho umlandeli kaYesu ogama linguHananiya. INkosi yathetha naye embonweni, yambiza yathi: “Hananiya!”
Yena wasabela wathi: “Ndilapha, Nkosi.”
11Yathi iNkosi kuye: “Khawuleza, uye esitalatweni ekuthiwa sesithe ngqo, uze ufune indlu kaJuda, apho kuyo ukhangele indoda yaseTarso egama linguSawule. Iyathandaza khona, 12futhi embonweni wayo ibone indoda egama linguHananiya, ingena ibeka izandla phezu kwayo, ukuze iphinde ibe nokubona.”
13Waphendula wathi uHananiya: “Nkosi, baninzi abantu abandixeleleyo ngale ndoda, nangezinto ezilumezayo ezenzileyo ebantwini bakho eJerusalem. 14Nangoku ilapha eDamasko nje, inamagunya ewathathe kubabingeleli abaziintloko, ukuze ikhonkxe bonke abakunqulayo.”
15Yaza yathi iNkosi kuye: “Hamba uye kuyo, kuba mna ndiyikhethile ukuba indisebenzele, yazise igama lam kwiintlanga nakookumkani nakulo usapho lukaSirayeli. 16Ndaye mna ngokwam ndiya kuyibonisa ubunzima efanele ukubuva ngenxa yam.”
17Wahamba ke uHananiya, wangena endlwini leyo ebeyixelelwe, wambeka izandla uSawule, esithi: “Sawule, mfondini, iNkosi indithumile, uYesu ngokwakhe, lo umbonileyo endleleni, xa ubusiza apha. Indithumele ukuze wena uphinde ufumane ukubona, uzaliswe nanguMoya oyiNgcwele.” 18Ngoko nangoko kwaba ngathi amehlo kaSawule ongulwe, waza waphinda wanako ukubona. Wathi akuvuka wabhaptizwa. 19Emveni kokuba etyile, wabuya wangumqabaqaba.
USawule ushumayela eDamasko
USawule wahlala iintsukwana nabalandeli bakaYesu eDamasko. 20Zisukanje waya *ezindlwini zesikhungo zamaJuda, wafika washumayela ngoYesu, esithi unguNyana kaThixo. 21Bonke ababemva, babemangaliswa, bebuza besithi: “Ngaba le ndoda asiyiyo na leya yayibatshutshisa eJerusalem bonke abathetha ngeli gama? Kanene, andithi nangoku ilapha nje, izele ukuze ibambe abantu, ibase kubabingeleli abaziintloko?”
22Kodwa intshumayelo kaSawule yaya ikhula emandleni, neengxoxo zakhe ezibonisa ukuba uYesu *unguKrestu, zabetha asikwa imilomo amaJuda aseDamasko.
23Kwakuba kudlule iintsuku ezininzi amaJuda ahlanganisana, afutha amacebo okumbulala uSawule; 24kodwa eli yelenqe waliva uSawule. Imini nobusuku babemlinda emasangweni edolophu, khon' ukuze bambulale. 25Ngabusuku buthile abalandeli bakaYesu bamthatha uSawule, bamthoba ngengobozi eludongeni.
USawule eJerusalem
26USawule waya eJerusalem, wazama ukuzibandakanya nabalandeli bakaYesu. Kodwa bonke babemoyika, bengakholwa ukuba naye ungumlandeli kaYesu. 27Wada wancedwa nguBharnabha owamthathayo, wamsa *kubathunywa, wabachazela indlela awabonana ngayo neNkosi, nento eyathethwayo yiNkosi kuye. Wababalisela nangokulishumayela kukaSawule ngesibindi igama likaYesu eDamasko. 28Waza ke uSawule wahlala apho eJerusalem, ejikeleza elishumayela ngesibindi igama leNkosi. 29Ngokunjalo wathetha, waxoxa nawo namaJuda athetha isiGrike, kodwa asuka afuna ukumbulala. 30Athi amakholwa akuyiqonda le nto, amthatha uSawule, amsa eKhesariya, aza amthumela eTarso.
31Ke kaloku ibandla kulo lonke elakwaJuda naseGalili naseSamariya lazola, kungekho ntshutshiso. Laba nenkqubela, lakhula nangamanani, limhlonela uThixo, likhuthazwa nguMoya oyiNgcwele.
Ukuphiliswa kukaEneya
32Njengoko uPetros wayeyihamba yonke loo ngingqi, ngathuba lithile watyelela abantu bakaThixo eLida. 33Apho wahlangana nendoda egama linguEneya. Yayife icala, futhi ineminyaka esibhozo yalalayo. 34Wathi uPetros kuyo: “Eneya, uYesu Krestu uyakuphilisa. Phakama, wendlule umandlalo wakho.” Ngakonje ukuba atsho, wavuka uEneya. 35Bathi bakumbona, bonke abantu ababehlala eLida nakwintili yaseSharon bazinikela eNkosini.
Ukuvuswa kukaTabhita
36EJopa kwakukho umlandeli kaYesu ogama linguTabhita, oko kukuthi uBhadikazi. Lonke ixesha lakhe wayelichithela ekwenzeni okulungileyo, enezinwe, ebanceda abahlelelekileyo. 37Ngeli xesha wagula, wasweleka. Bawuhlamba umzimba wakhe, bawubeka egumbini elikumgangatho ophezulu. 38Njengoko iJopa yayingekude eLida, beva abalandeli bakaYesu ukuba uPetros useLida, baza bathumela amadoda amabini nomyalezo wokuba uPetros makancede afike ngokukhawuleza. 39Akalibazisanga uPetros; wahamba nawo kwangoko. Akufika khona, wasiwa egumbini elo liphezulu, waphahlwa libubu labahlolokazi ababelila, bembonisa iingubo kwaneempahla awayezenza uBhadikazi esaphilile.
40UPetros wabakhuphela phandle bonke, waza waguqa wathandaza. Wathi kamva waguqukela kuso isidumbu, wathi: “Tabhita, vuka!” Wajonga, waza akubona uPetros, wavuka. 41Wasondela kuye uPetros, wamncedisa, waphakama. Wawabiza ke uPetros amakholwa kunye nabahlolokazi abo, wamnikela kubo ephilile. 42Ezi ndaba zafikelela kuyo yonke iJopa, baza abantu abaninzi bazinikela eNkosini. 43UPetros waba neentsuku ezininzi ehleli apho eJopa kunye nendoda egama linguSimon, umsuki weemfele.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy