YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 18

18
UPawulos eKorinte
1Emva koko uPawulos wemka eAtene, wabheka eKorinte. 2Apho wadibana nomJuda ogama linguAkwila, owazalelwa ePonto, ekunye noPrisila umkakhe. Wayesand' ukufika apho, evela eItali, ekubeni *uKhesare Klawudiyo wawagxothayo amaJuda awayeseRoma. Ebandwendwele uPawulos, 3wahlala kunye nabo, wasebenza kunye nabo, kuba kaloku wayephila ngokwenza iintente njengabo. 4Yonke imiGqibelo wayedla ngokubamba iingxoxo *endlwini yesikhungo, ezama ukuwanelisa amaJuda kwanamaGrike.
5Bakufika ooSilas noTimoti, bevela eMakedoni, uPawulos akabanga senza nto yimbi ingekuko ukushumayela iindaba ezimnandi, ewacacisela amaJuda ukuba uYesu unguye uKrestu. 6Kuthe akumchasa emngcikiva, wavuthulula iimpahla zakhe, ekhalala, esithi: “Ukuba nithe natshabalala, lityala lenu. Mna andinatyala kuloo nto. Ukususela ngoku ndiya ezintlangeni.” 7Wabashiya ke waya kuhlala emzini kaTitiyo Yusto intlanga eyayimnqula uThixo. Umzi wakhe wawumelene nendlu yesikhungo. 8UKrispo, igosa lendlu yesikhungo, wazinikela eNkosini kunye nentsapho yakhe. Kwabhaptizwa nenkitha yabantu eKorinte eyalivayo ilizwi yazinikela eNkosini.
9Ngabusuku buthile uPawulos waba nombono apho, yathi iNkosi kuye: “Sukoyika, zingisa ukuthetha ungancami, 10kuba mna ndinawe. Akukho mntu uya kukuchukumisa, kuba baninzi abantu bam kule dolophu.” 11UPawulos wahlala apho ke unyaka onesiqingatha, ebafundisa ilizwi likaThixo abantu.
12Kwathi akuba uGaliyo eyirhuluneli emele amaRoma kwisithili saseAkaya, amaJuda adibana ngoPawulos, amthatha amsa enkundleni, afika athi: 13“Le ndoda izama ukuwexula abantu ukuba bakhonze uThixo ngendlela ephambeneyo nomthetho.”
14Kwathi xa aza kuphendula uPawulos, uGaliyo wabhekisa kumaJuda wathi: “Ukuba ngaba lo mbandela ubuyimpazamo ethile, okanye ityala elibi, bendingade ndiyinyamezele le nto, maJuda. 15Kodwa ke ngenxa yokuba lo mbandela uphathelele kumazwi, namagama, nomthetho wenu, ziboneleni nina ukuba ningawulungisa njani na. Mna andinakugweba izinto ezinjalo.” 16Waza ke wabakhupha apho enkundleni. 17Bahlasela uSosteno igosa lendlu yesikhungo, bambethela apho phambi kwenkundla. Kodwa yena uGaliyo zange azikhathaze ngaloo nto.
UPawulos ubuyela eAntiyokwe
18UPawulos wahlala apho eKorinte ixesha elide, waza ke wanduluka apho ngesikhephe enoPrisila noAkwila, basinga eSiriya. Wathi xa aseKenkreya wacheba intloko yakhe, kuba wayenze isifungo. 19Bakufika e-Efese, uPawulos wabashiya ooPrisila noAkwila, waya endlwini yesikhungo, waxoxa khona namaJuda. 20Babemcela ukuba ahlale nabo ixesha elide, kodwa akavuma. 21Wasuka wathi xa ahambayo: “Ukuba ngaba kuyintando kaThixo ukuba ndibuye, ndobuya ndibuye.” Waza ke wemka e-Efese.
22Akufika eKhesariya, wadlula waya kubulisa ibandla, waza ke waya eAntiyokwe. 23Emva kwethuba elapho wemka, watyhutyha imimandla yaseGalati neyaseFrigi, ehamba ewomeleza onke amakholwa.
UApolo e-Efese naseKorinte
24E-Efese kwafika umJuda, ogama linguApolo, owazalelwa eAlesandriya. Wayeliciko lokuthetha, futhi ezazi ngokucokisekileyo *iziBhalo. 25Wayeqeqeshiwe ngeNdlela yeNkosi, ngokunjalo wayethetha ngokutshiseka ezifundisa iinyaniso ezingoYesu ngentembeko. Nangona kunjalo wayesazi ubhaptizo lukaYohane kuphela. 26Wayethetha ngesibindi *endlwini yesikhungo. Bathi ke bakumva ooPrisila noAkwila, bammemela emzini wabo, bamcacisela kakuhle ngokuzeleyo iNdlela yeNkosi. 27UApolo wagqiba ukuba aye kwelaseAkaya, aza amakholwa ase-Efese amkhuthaza amphathisa neleta emazisayo kumakholwa alapho. Akufika khona waba luncedo olukhulu kwabo babethe ngesisa sikaThixo baguquka, 28kuba ngenxa yobuciko bakhe wayewoyisa amaJuda ezingxoxweni. Kaloku wayecaphula eziBhalweni, ebonisa ukuba uYesu *unguKrestu.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy