YouVersion Logo
Search Icon

2 KUTIMOTI 4

4
1Ndiyakuyala phambi koThixo noYesu Krestu oza kugweba abahleliyo nabafileyo, xa afikayo eze kulawula. 2Lushumayele udaba, zingisa ukuluvakalisa ngamathuba alungileyo naxakileyo. Baqononondise abantu, ukhalime, ubakhuthaze, ufundisa ngomonde. 3Liyeza lona ixesha lokuba abantu banganeliswa konke yimfundiso emsulwa. Bosuka balandele iingqiqo zabo, bazifunele abafundisi abaninzi bokubafundisa izinto abazilangazelelayo. 4Baya kuyifulathela inyaniso, baphulaphule iintsomi. 5Kodwa ke wena zola; ngamaxesha onke hlala ugcisile. Khalipha xa kunzima. Iindaba ezimnandi zihambise, uzenze zonke iimfanelo zobizo lwakho.
6Okokwam ke mna, ubomi bam sebuphalazwa njengedini; nexesha lam lokunduluka selisongekile. 7Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile. 8Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.
Imiyalezo
9Zama kangangoko unako ukuba uze kundibona ngokukhawuleza. 10Kaloku uDemas undibalekile, waya eTesalonika ngenxa yokuthanda izinto zeli lizwe. UKreske yena useGalati, yena uTito useDalmati. 11NguLuka yedwa okhoyo apha kum. Xa uzayo uze ungamshiyi uMarko, kuba uluncedo olukhulu kum emsebenzini. 12UTikiko ndimthume e-Efese. 13Xa uzayo uze undiphathele ingubo yam endayishiya kuKarpo eTrowa, kunye neencwadi, ingakumbi ezamanqaku.
14UAlesandire, ingcibi yezinto zekopolo, wandenza into embi. INkosi yondiphindezela kuye! 15Nawe kungakuhle umlumkele. Wayendiphikisa kakhulu kuyo yonke into endiyithethayo.
16Akuzanga kubekho namnye umntu oweza kundixhasa ukuqala kokuvavanywa kwetyala lam. Bonke bandishiya enyanyeni. Wanga akangebohlwayi ngaloo nto uThixo! 17INkosi yaba nam, yandomeleza phezu koko. Ndaba nako ukuzishumayela iindaba zayo ezimnandi, abantu beentlanga zonke bephulaphule. Yandihlangula emlonyeni wengonyama. 18Yondikhusela iNkosi kulo naliphi na ilinge lokundenzakalisa. Yondikhusela ndide ndifike kulawulo lwayo ezulwini.
Huntshu-u-u! Mayibongwe iNkosi ngonaphakade! *Amen.
Imibuliso
19Bulisa kuPriska nakuAkwila, nakusapho lukaOnesiforo. 20UErasto wasala eKorinte. Yena uTrofimo ndamshiya eMileto kuba wayengaphilanga. 21Nceda ufike kungekabi sebusika. OoYubhulo noPudens noLino kunye noKlawudiya bayabulisa. Onke amakholwa ayabulisa ngokunjalo.
22INkosi mayibe nawe. Makanenzele isisa uThixo nonke.

Currently Selected:

2 KUTIMOTI 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy