YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASETESALONIKA 3

3
Sithandazeleni
1Ndiphetha ngelithi ke, mawethu, sithandazeleni, khon' ukuze ilizwi lodaba lweNkosi likhawuleze ukunwenwa kuzo zonke iindawo, nokuze linikwe imbeko nanjengoko kwaba njalo phakathi kwenu. 2Nam nindithandazele ukuze ndihlangulwe kubantu abakhohlakeleyo abanobuqhokolo. Kaloku asingabo bonke abantu abalwamkelayo udaba lweNkosi.
3Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo. 4Ndinithembile, nimanywe neNkosi nje, ukuba nohlala nisenza izinto endiniyalele zona.
5Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.
Umsebenzi yimfanelo
6Ndiyaniyala, mawethu, ngegunya legama leNkosi uYesu Krestu, ukuba nizikhwebule nakubani othi ulikholwa abe engenwe ngumkhwa wokungakhathali, nakulowo uyidelayo imfundiso yethu. 7Nazi mhlophe ukuba nina nimelwe kukuhamba ekhondweni lam. Mna bendingavilaphi phakathi kwenu. 8Bendingenanto ndiyifumana nje mahala, ndingayisebenzelanga. Bendisebenza nzima ubusuku nemini, endaweni yokuba ndibe ngumthwalo kuni. 9Ewe, bendinalo ilungelo lokuyifumana kuni inkxaso, koko ndithande ukuninika umzekelo. 10Kaloku ndandithe kuni: “Umntu olinqenerha makangaphiwa kutya.”
11Le ntetho ndiyenziswa kukuba ndive ukuba abanye kuni bahlala ngokungakhathali. Akukho nto bayenzayo ngaphandle nje kokuzifaka kwimicimbi yabanye abantu. 12Bonke ke abo ndibayala egameni leNkosi uYesu Krestu, ndisithi mabaziphathe kakuhle, basebenze, bazixhase.
13Nina ke kodwa, zihlobo zam, maze ningadinwa kukwenza okulungileyo. 14Kungenzeka kubekho othe kanti uyayidela le miyalelo yale ncwadi. Ukuba ke kuthe kanti kunjalo, mqapheleni loo mntu, nimbukule phakathi kwenu, ade asidanele isimilo sakhe. 15Anditsho phofu ukuba nimthathe njengotshaba. Hayi, ze nimcenge nina, nimluleke njengomntakwenu.
Isiphetho
16Ngamana iNkosi, ekuvela kuyo yonke inzolo, ingamana inipha uxolo njalo-njalo, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani.
17Ndibhala ngesam isandla. Nasi ke isandla sam: Ndiyabulisa mna Pawulos.
18Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke.

Currently Selected:

2 KWABASETESALONIKA 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy