YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 4

4
Ukugwintwa kukaIshbhoshete
1Unyana kaSawule uIshbhoshete waphelelwa ngamandla zakufika iindaba zokuba uAbhinere ufele eHebron, othuka kakhulu namaSirayeli. 2Ke kaloku uIshbhoshete wayenabafo ababini abaziinkokheli zabanqolobi. Ayezizinto zikaRimon wesizwe sakwaBhenjamin eBheroti. Amagama abo bafo yayinguBhana noRekabhi. IBheroti le ibalelwa kwaBhenjamin. 3Abemi balapho basabela eGitayim, apho bahlala khona kude kube ngoku bengabangeneleli.
4UJonatan unyana kaSawule wayenonyana osisiqhwala kwiinyawo zombini. Wayeminyaka mihlanu ukufa kukayise-mkhulu uSawule noJonatan uyise. Kwathi ukufika kodaba lokufa kwabo, luvela eYizereli, yothuka yamfunqula ibaleka ineni yakhe, waphuncuka wawa, kuba kaloku yayingxamile. Waba sisiqhwala ke loo mntwana. Igama lakhe lalinguMefibhoshete.
5Basuka ke uRekabhi noBhana oonyana bakaRimon waseBheroti, benjenjeya ukuya kwaIshbhoshete, bafika khona emini emaqanda, ngexesha esangqengqile, ephumle ngokwesiqhelo sakhe emini ngelo xesha. 6OoRekabhi noBhana bangena endlwini phakathi ngokungathi beze nengqolowa, basuka bamhlaba esiswini, baza basaba. 7Kaloku bathi ngqo ngomandlalo kaIshbhoshete, bafika bamgwaza bamosela esalele njalo. Bamnqumla intloko, bahamba nayo ubusuku bonke, batyhutyha loo ntili yaseJordan. 8Bafika eHebron, loo ntloko bayisa kukumkani uDavide, bathi: “Mhlekazi, nantsi intloko kaIshbhoshete unyana walaa mchasi wakho uSawule ubekade ezungula ubomi bakho. Namhlanje *uNdikhoyo, mhlekazi, ukuvulele ukuba ubuyise izitya nawe kwinzala kaSawule.”
9UDavide wabaphendula uRekabhi nomntakwabo uBhana oonyana bakaRimon waseBheroti, wathi: “Ekho nje uNdikhoyo obekade endikhulula kuzo zonke iingxingwa, inene, 10kwafika umfo kum eZikelage eze kundixelela ukuba uSawule ufile. Ndamthi ntlithi ndamosela loo mfo. Naxa wayeba undizela neendaba ezimnandi, yaba kukufa umvuzo wakhe. 11Kubeka phi ke xa amatshijolo anjengani aba aphalaza igazi lomntu ongenatyala emandlalweni wakhe ekhayeni lakhe? Nithi ke mandingaliphindezeli elo gazi, ndinicim' igama ehlabathini?”
12Wathi uDavide abafana mabababulale abo bafo. Benjenjalo ke, babanqumla iinyawo nezandla, babaxhoma ngasedamini lamanzi eHebron. Intloko kaIshbhoshete yona bayithatha, bayifaka engcwabeni lika-Abhinere apho eHebron.

Currently Selected:

2 KASAMWELI 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy