YouVersion Logo
Search Icon

2 KAPETROS 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna sicaka sikaYesu Krestu *nomthunywa wakhe, uSimon Petros. Ndibhalela nina bathe ngenxa yobulungisa bukaThixo noMsindisi wethu uYesu Krestu nânokholo olunjengolwethu ukuxabiseka. 2Nanga ngenxa yokwazana kwenu noThixo kwakunye noYesu iNkosi yethu, ningenzelwa isisa, niphiwe noxolo ngakumbi nangakumbi.
Ukubizwa nokunyulwa nguThixo
3Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe. 4Ezi zipho zisisiqinisekiso sezinto ezinkulu nezimangalisayo asenzela zona: uThixo usenza sibe nenxaxheba kubomi bakhe, sikuphephe ukonakaliswa lihlabathi elikhohlakeleyo. 5Ngenxa yaloo nto ke kufuneka nenze unako-nako ukongezelela ukholo ngesidima, nesidima ngengqiqo, 6ingqiqo ngokuzeyisa, nokuzeyisa ngonyamezelo, unyamezelo ngembeko, 7nembeko ngokuhlobana, nokuhlobana ngokuthanda abantu bonke. 8Xa ninazo ngokwaneleyo, zisanda ngokwanda ezi zinto, zonenza nikhuthale nivelise neziqhamo, nazane nokwazana ngenene neNkosi yethu uYesu Krestu. 9Kaloku umntu ongenazo ezi mpawu, yimfama, ubona kufuphi, uyalibala nokuba izono zakhe zangaphambili sewazixolelwa.
10Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ngakumbi ukuqinisekiswa kokubizwa nokunyulwa kwenu nguThixo. Kaloku ukuba niyayenza loo nto, aninakuze niwe konke. 11Leyo yindlela eniya kungena ngayo ekuxhamleni ubuncwane bokulawulwa amaxesha onke yiNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu.
12Ngenxa yaloo nto ke, ndiya kusoloko ndinikhumbuza ezi zinto, naxa nizaziyo nje, nisekelwe ngokuthe nkqi enyanisweni leyo ninayo. 13Ndiba yimfanelo yam, lo gama ndisaphilayo, ukuba ndinikhwezele ngokumana ndinikhumbuza. 14Kaloku ndiyazi ukuba sendiza kuwushiya lo mhlaba. Sele wandazisayo kaloku uYesu Krestu iNkosi. 15Ndaye ndiza kwenza indlela yokuba nihlale nizikhumbula ezi zinto naxa ndingasekhoyo.
Amangqina awasibona ngamehlo isihomo sikaKrestu
16Ngokuya sasinixelela ngamandla eNkosi yethu uYesu Krestu nangokuza kwayo, sasinganenzeli ntsomi emini. Isihomo nesithozela sayo sasibona ngala wethu amehlo. 17Ngokuya yayinikwa iwonga nobuqaqawuli nguThixo uYise sasikho. Sasikho naxa kwakuvakala ilizwi livela kuSobuqaqawuli, lisithi: “Lo nguNyana wam oyintanda, ondikholisayo.” 18Leviwa sithi aba elo lizwi lalivela ezulwini, sikunye naye uYesu phezu kwaloo ntaba ingcwele.
19Ngoko ke ubungqina bodaba *lwabashumayeli bamandulo bucaca ngakumbi. Ke xa niluthathela ingqalelo udaba lwabo noba niyakholisa. Olo daba ke luthatheni njengesibane sokukhanyisa ebumnyameni, lide livele ikhwezi lokusa, lithi chapha ezingqondweni zenu ilitha lomsobomvu. 20Kanti ke, ngaphezu koko, ze nikhumbule ukuba akukho *mshumayeli wakha wazihlalutyela ngokwakhe udaba *lweziBhalo. 21Kaloku udaba lukaThixo aluzanga ngokuzithandela komntu, koko abantu baluthetha udaba lukaThixo beqhutywa lifuthe loMoya oyiNgcwele.

Currently Selected:

2 KAPETROS 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy