YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 8

8
Ukubuya komfazi waseShunem
1Ke kaloku uElisha wayethethe nalaa mfazi wayephilise unyana wakhe, wathi: “Khawuhambe uye kuzifunela indawo yokuhlala noba kuphi na apho ungayizuza khona, ze ukhe uthi chu khona okwexeshana, kuba *uNdikhoyo umisele imbalela eya kuthatha iminyaka esixhenxe kulo mhlaba.” 2Umfazi lowo ke wenza njengoko wayeyalelwe ngumfo wakwaThixo. Wemka nosapho lwakhe, waya kuhlala kwelamaFilistiya loo minyaka isixhenxe.
3Emva kwaloo minyaka isixhenxe wabuya ke kwelamaFilistiya, waza waya kucela indlu nentsimi yakhe kukumkani kwelo lakowabo. 4Ke ukumkani wathetha noGehazi ihlakani lomfo wakwaThixo, wathi: “Khawundixelele ngayo yonke imisebenzi emikhulu eyênziwa nguElisha.” 5Uthe ke uGehazi esachubela ukumkani indlela uElisha awayebaphilisa ngayo nabafileyo, suka umfazi lowo waphiliselwa unyana wakhe nguElisha, wangena, eze kucela indlu nentsimi yakhe kukumkani kwelo lakowabo.
UGehazi ke wathi: “Tyhini, nanku loo mfazi, mhlekazi kumkani! Naloo nyana wakhe wavuswa efile nguElisha, nguye lo.” 6Ukumkani ke walanda loo ngcombolo apho kuye, waza ke wamchazela.
Ngoko ke ukumkani wamnikezela kwesinye isicaka, wathi kuso: “Nika lo mfazi yonke into eyeyakhe, ndawonye nengeniso yomhlaba wakhe ukusukela kumhla walishiya eli lizwe kude kube namhlanje.”
UHazayeli ubulala uBhenadadi
7UElisha ke waya eDamasko, wafika uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram egula. Uthe ke ukumkani lowo akuva kusithiwa: “Umfo wakwaThixo nanko efika apho,” 8wathetha noHazayeli wathi: “Thatha isipho, uhambe uhlangabeze lo mfo wakwaThixo, uze ubuzise ngaye kuNdikhoyo ukuba ngaba ndiza kuphila na.”
9UHazayeli ke wahamba, waya kuhlangabeza uElisha, emphathele zonke iindidi zemveliso yaseDamasko, zingumthwalo okwiinkamela ezimashumi mane. Waya kuma phambi kwakhe, wathi: “Unyana wakho uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram undithume ukuba ndize kubuza ukuba ngaba wophila na kwisifo esimbambileyo!”
10UElisha uphendule wathi: “Yiya kumxelela ukuba nakanjani na uza kuphila. Ewe kambe, *uNdikhoyo undityhilele ukuba uza kufa.” 11Wathi ntsho ngamehlo, wada ke uHazayeli waziva eneentloni. Umfo wakwaThixo ke wathi chapha-chapha iinyembezi.
12“Ngani ukuba ulile, nkosi yam?” ubuzile uHazayeli.
“Ndililiswa kukuqonda umonakalo oya kuwenza kumaSirayeli,” uphendule watsho uElisha. “Ewe, wena uya kuzitshisa iinqaba zawo, abafana ubangenele ngekrele, uze abantwana ubaqhumze emhlabeni, ke bona abafazi abakhulelweyo ubagrabhuze.”
13UHazayeli uphendule wathi: “Kuxa ndingubani, ndiyinja nje, ukuba ndide ndenze into enjalo?”
UElisha waphendula wathi: “UNdikhoyo undityhilele ukuba wena uza kuba ngukumkani wakwa-Aram.”
14UHazayeli wamshiya uElisha, wagoduka waya enkosini yakhe. Akubuza ke uBhenadadi ukuba uthini na uElisha, uHazayeli wathi: “Uthi uza kuphila.” 15Kambe ke ngemini elandelayo uHazayeli wathatha ilaphu, walifaka emanzini, waza wafuthanisela ukumkani lowo wada wafa. Akuba efile ke, uHazayeli waba ngukumkani endaweni yakhe.
UYehoram ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 21:1-20)
16Ke kaloku ngonyaka wesihlanu uYoram unyana ka-Ahabhi engukumkani wakwaSirayeli, uYehoram unyana kaYoshafati ukumkani wakwaSirayeli waqalisa ukulawula kwaJuda. 17Wayeneminyaka emashumi mathathu anambini ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke walawula eJerusalem iminyaka yasibhozo. 18Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wenza njengendlu ka-Ahabhi. Kaloku wayethathe intombi yakhe. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. 19Kambe ke, ngenxa yesicaka sakhe uDavide, uNdikhoyo akamtshabalalisanga uJuda. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.
20Ke ngexesha likaYehoram iEdom yamvukela uJuda, yazimisela owayo ukumkani. 21Ngoko ke uYehoram waya eZayira nazo zonke iinqwelo zakhe. Ke amaEdom amrhawula kunye nezo njengele zeenqwelo, kambe ke yena wavuka ngobusuku, waphuncuka. Ke wona umkhosi wakhe wabaleka wagoduka. 22Unanamhlanje ke iEdom isavukelene noJuda. NeLibhena ke yenza uvukelo kwangelo xesha.
23Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehoram, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 24UYehoram ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. UAhaziya unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.
UAhaziya ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 22:1-6)
25Ngonyaka weshumi elinambini elawula uYoram unyana ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli, uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda waqalisa ukulawula kwaJuda. 26Waqalisa ukulawula xa aneminyaka emashumi mabini anambini, waza walawula eJerusalem unyaka wamnye. Unina yayinguAtaliya umzukulwana kaOmri ukumkani wakwaSirayeli. 27Wahamba ekhondweni lendlu ka-Ahabhi, wenza okubi emehlweni kaNdikhoyo. Kaloku wayengumkhwenyana kwindlu ka-Ahabhi.
28UAhaziya wadibana noYoram unyana ka-Ahabhi, baza balwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram eRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram lawo ke amngxwelerha uYoram, 29waza ke yena waya eYizereli, ukuze ade achache kuloo manxeba wayewafumene kuma-Aram eRama kwelo dabi labo noHazayeli ukumkani wakwa-Aram.
Ke uAhaziya unyana kakumkani uYehoram wakwaJuda wehla waya eYizereli, esiya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi njengoko wayenzakele.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy