YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 7

7
1UElisha waphendula wathi: “Phulaphula, nali ilizwi likaNdikhoyo! UNdikhoyo utsho ukuthi: ‘Malunga neli xesha ngomso iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa kananjalo neekhilogram ezintandathu zerhasi apha eSamariya zobe zithengiswa ngesiliva enye kuphela.’ ”
2Ke iphakathi awayethembele ngalo ukumkani lathi apha kumfo wakwaThixo: “Unotshe! Soze yenzeke into enjalo, nditsho nokuba uNdikhoyo ebenokwenza iifestile ezulwini.”
UElisha waphendula wathi: “Le nto ndiyithethayo uza kuyibona ngala wakho amehlo, kambe kona ukutya soze ukufake kuloo mlomo wakho!”
Ukumka komkhosi wakwa-Aram
3Ke kaloku esangweni lesixeko phaya kwakukho amadoda amane awayeneqhenqa. Athetha-thethana athi: “Ngani ukuba sihlale apha side sife? 4Ukuba sithi: ‘Masingene esixekweni,’ yindlala yodwa khona, siya kufa. Noba singade sihlale apha, siza kufa. Ngoko ke masiwelele kwikampu yama-Aram, sizinikele kuwo. Ukuba asisindisile, sophila ke; ukuba kanti athe asibulala, sifile ke.”
5Ngongcwalazi avuka aya ekampini yama-Aram. Athe esondela emacaleni ekampu yama-Aram lawo, kwaye kungabonakali nomntu lo. 6Kaloku *uNdikhoyo ama-Aram lawo wawenza eva isandi seenqwelo namahashe, kwaba ngathi kuza umkhosi omkhulu. Ngoko ke athetha-thethana athi: “Niyabona ukumkani wakwaSirayeli uqeshe ookumkani bamaHiti nookumkani baseJiputa ukuze basihlasele.” 7Ngoko ke ama-Aram lawo asuka abaleka ngongcwalazi, ashiya konke: iintente, namahashe, needonki zawo. Ikampu yawo leyo ayishiya injalo, asindisa ubomi bawo kuphela.
8Loo madoda ayeneqhenqa ke afika emacaleni ekampu leyo, aza angena kwenye yeentente ezo. Hayi ke, azenzela atya, asela, ade aziphathela isiliva, igolide, nempahla yokunxiba, emka nazo, aya kuzifihla. Aphindela abuyela kwenye intente, nalapho azithathela izinto, aya kuzifihla nazo.
9Asuka athi enye kwenye: “Asilungisi xa sisenjenje. Le yimini yeendaba ezimnandi, ibe ke thina naku sizigcine kuthi. Ukuba siyalinda kukhanye siya kufikelwa sisohlwayo. Ngoko ke masihambe kwangoku, siye kuxela ezi ndaba komkhulu.”
10Ahamba ke, afika abiza abalindi bamasango, abaxelela athi: “Besiye phaya kwikampu yamaSiriya, saza safika kungekho nalo mnye umntu khona. Hayi, akukho nesandi esi somntu khona! Into ekhoyo ngamahashe, needonki ezibotshelelweyo. Iintente zisenjengoko bezinjalo nazo.” 11Abalindi-masango ke nabo bakhwaza babhengeza iindaba ezo apho komkhulu.
12Ukumkani wavuka ebusuku njalo, wathetha namaphakathi akhe, wathi: “Nantsi into asenze yona ama-Aram. Ayazi ukuba siyalamba, ngoko ke ayishiyile ikampu yawo, aya kuzimela emaphandleni, esithi: ‘Xa bephuma esixekweni siya kubabamba bephila, size ke sisifikele isixeko.’ ”
13Elinye iphakathi lathi: “Masikhuphe amadoda athile, athathe amahashe amahlanu kwaseleyo apha esixekweni. Isiphelo sawo sofana nawo onke amaSirayeli, la asele apha esixekweni. Ewe, nawo oba selelindelwe kukufa njengawo onke amaSirayeli. Ngoko ke masiwathume ukuba aye kuqonda ukuba kuhle ntoni na.”
14Ngoko ke bakhetha iinqwelo ezimbini namahashe azo, waza ukumkani wazithumela ekhondweni lomkhosi wama-Aram, esithi: “Hambani niye kuqonda ukuba kuhle ntoni na.” 15Awalandela ke ada aya kufika eJordan. Yonke ke loo ndlela ayifumana ineempahla nezixhobo zama-Aram, zifane zathi saa, oko bezishiywe ngama-Aram xa abalekayo. Zajika ke ezo zigidimi, zaya kuxelela ukumkani. 16Baphuma ke abantu, bafika bazenzela kuloo kampu yama-Aram. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa ngokunjalo nesithandathu seekhilogram zerhasi zathengiswa ngesiliva enye kuphela.
17Ke ukumkani wamisa elaa phakathi wayethembele ngalo, lajongana nesango. Kambe ke abantu balixovula ngenyawo apho esangweni, laza lafa ngokomlomo womfo wakwaThixo, xa wayethetha nokumkani ngokuya wayeze endlwini yakhe. 18Kwenzeke kanye ngokokuthetha komfo wakwaThixo xa wayethetha nokumkani esithi: “Malunga neli xesha ngomso esangweni leSamariya iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa noba ziikhilogram ezintandathu zerhasi zothengiswa ngesiliva enye kuphela.”
19Iphakathi elo ke lalithe apho kuloo mfo wakwaThixo: “Noba uNdikhoyo ebengade enze iifestile ezulwini ibingenakuze yenzeke into enjalo.” Umfo wakwaThixo yena wayethe: “Le nto ndiyithethayo ke uya kuyibona ngala wakho amehlo, kambe ke kona ukutya soze ukufake kuloo mlomo wakho.” 20Loo nto ke yile kanye yalihlelayo elo phakathi; kaloku abantu balinyhasha ngeenyawo esangweni apho lada lafa.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy