YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 14

14
UAmaziya ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 25:1-28)
1Kwathi ke ngonyaka wesibini wolawulo lukaYehowashe unyana kaYowahazi ukumkani wakwaSirayeli, waqalisa ukulawula kwaJuda uAmaziya unyana kaYowashe. 2Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anethoba. Unina yayinguYowadan intombi yaseJerusalem. 3Ke yena wenza okulungileyo emehlweni kaNdikhoyo, kodwa akafika kwinqanaba likaDavide uyise. Kuko konke walandela ikhondo likayise uYehowashe. 4Iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe; abantu baqhubela phambili, banikela amadini, besenza neziqhumiso khona.
5Wathi wakuba umilile umbuso wakhe wawabulala loo maphakathi ayebulele uyise. 6Kambe ke akababulalanga oonyana bababulali abo, ngokwelizwi elibhaliweyo encwadini yomthetho kaMosis, apho uNdikhoyo athi: “Abazali abayi kubulawa ngenxa yabantwana, nabantwana abayi kubulawa ngenxa yabazali; umntu ngamnye uya kufela esakhe isono.”
7Nguye owoyisa ishumi lamawaka amaEdom kwiNtili yeTyuwa, wathimba iSela awayibiza ngokuthi yiYoketele, gama elo lisasetyenziswayo unanamhla.
8UAmaziya ukumkani wakwaJuda wathumela izigidimi kuYehowashe unyana kaYowahazi kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, ecel' umngeni, esithi: “Yiza sihlangane!”
9Kambe ke ukumkani uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmaziya ukumkani wakwaJuda, wathi: “Umthana wameva waseLebhanon wathumela udaba kumsedare waseLebhanon, usithi: ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam.’ Kusenjalo kwavela irhamncwa apho eLebhanon, laza lawunyhasha ngeenyawo loo mthana wameva. 10Ewe, uwoyisile amaEdom; ngoku unekratshi. Zingce ngoloyiso olo, kodwa uhlale ekhaya! Ngani ukuba uziqhwayele inkathazo eya kukukhahlela phantsi wena ndawonye noJuda?”
11Kambe ke uAmaziya zange aphulaphule; ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli uYehowashe wamhlasela. Yena noAmaziya ukumkani wakwaJuda baqubisana eBhete-shemeshe kwelakwaJuda. 12UJuda ke wavuthululwa nguSirayeli, yaza ke yayileyo indoda yabalekela kowayo. 13UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmaziya ukumkani wakwaJuda unyana kaYowashe, ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe. UYehowashe waya eJerusalem, waza waludiliza udonga lwayo ukusukela kwiSango lakwaEfrayim, ukuya kwiSango leKona, umgama okwisithuba seemitha ezimakhulu mabini. 14Wayithatha yonke igolide nesiliva, nayo yonke impahla awayifumanayo endlwini kaNdikhoyo nakoovimba basebhotwe. Wemka nabathinjwa, wabuyela nabo eSamariya.
15Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehowashe, imisebenzi nemizabalazo yakhe ndawonye nemfazwe yakhe noAmaziya ukumkani wakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 16UYehowashe waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya phakathi kookumkani bakwaSirayeli. UJerobhowam unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.
17Ke uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda wahlala iminyaka elishumi elinesihlanu emva kokufa kukaYehowashe unyana kaYowahazi ukumkani wakwaSirayeli. 18Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Amaziya, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
19Bamenzela iyelenqe eJerusalem, waza wabalekela eLakishe, kodwa bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulala khona. 20Wabuyiswa ngehashe, waza wangcwatyelwa eJerusalem phakathi kooyise kwisixeko sikaDavide.
21Ke amaJuda xa ewonke athatha uAzariya, ambeka wangukumkani esikhundleni sikayise uAmaziya. UAzariya lo ke wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ezelwe. 22Nguye owayakhayo ngokutsha iElati, waza wayibuyisela kuJuda emva kokusweleka kuka-Amaziya.
UJerobhowam wesibini wakwaSirayeli
23Kwathi ngonyaka weshumi elinesihlanu elawula uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda, uJerobhowam unyana kaYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waba ngukumkani eSamariya, waza walawula iminyaka emashumi mane ananye. 24Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba akashenxanga nakwesinye kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo. 25Nguye owabuyisela imida yelakwaSirayeli ukusukela kwinkalo yeHamati ukuya kuLwandle oluFileyo, ngokwelizwi likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli elo walithetha ngesicaka sakhe uJona unyana ka-Amitayi umshumayeli waseGati-hefere.
26Ke kaloku uNdikhoyo wabubona ubuhlungu awayekubo amaSirayeli ephela, akhululekileyo namakhoboka. Ewe, ayebandezelekile kungekho bani wokuwasiza. 27Ukanti ke uNdikhoyo wayengatshongo ukuba uya kulibhangisa kuphele igama likaSirayeli ehlabathini, ngoko ke wamhlangula uSirayeli ngesandla sikaJerobhowam unyana kaYehowashe.
28Ezinye zeziganeko zolawulo lukaJerobhowam nemisebenzi nemizabalazo yakhe kwezemfazwe, ndawonye nendlela awayibuyisela kuSirayeli ngayo iDamasko neHamati, ndawo ezo yayizezakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 29UJerobhowam waya kuphumla kooyise, ookumkani bakwaSirayeli, kwaza ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uZakariya.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy