YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 10

10
Ukubulawa kwendlu ka-Ahabhi
1Ke kaloku eSamariya kwakukho amashumi asixhenxe oonyana bendlu ka-Ahabhi. Ke uYehu wabhala iileta, wazithumela eSamariya kumaphakathi aseYizereli, nakumadoda amakhulu, nakubagcini babantwana baka-Ahabhi. Zazisithi: 2“Ngoku ke, xa ifikileyo kuni le ncwadi, bekuni nje oonyana benkosi yenu, zikuni nje iinqwelo zokulwa, namahashe, nesixeko esinqatyisiweyo, nezixhobo, 3khethani oyena ufanelekileyo nongenakukhalazelwa koonyana benkosi yenu, nimbeke esihlalweni sikayise, nize niyilwele indlu yenkosi yenu ke.”
4Kambe ke basuka bangcangcazela kukoyika, besithi: “Xa oyise ookumkani ababini, sobeka phi ke thina?”
5Ngoko ke umlawuli wakomkhulu, nonolali wesixeko, amadoda amakhulu nabagcini, bathumela lo myalezo kuYehu: “Sizizicaka zakho; sizimisele ukwenza ukuthanda kwakho; asizimiselanga kumisa mntu abe ngukumkani. Nawe ke ungenza ngendlela obona ngayo.”
6Wababhalela eyesibini incwadi uYehu, esithi: “Kaloku xa ningakum, nizimisele ukundithobela, banqumleni iintloko oonyana benkosi yenu, nize nazo, sibonane eYizereli ngomso ngeli xesha.”
Amatshawe lawo ke ayengamashumi asixhenxe ekumadoda aziinkokheli zesixeko awayewakhulisa.
7Ithe ke yakufika loo leta amadoda lawo awathatha onke loo matshawe angamashumi asixhenxe awabulala. Iintloko zawo azifaka ezibhaskitini, azithumela kuYehu eYizereli. 8Isigidimi eso ke safika samxelela uYehu sathi: “Nazi, bazizisile iintloko zamatshawe.”
UYehu wayalela wathi: “Zibekeni zibe ziinqumba ezimbini phaya esangweni lesixeko kude kube ngomso kusasa.”
9Ngentsasa elandelayo ke uYehu waphuma, wema phambi kwabo bonke abantu, wathi: “Aninatyala; ndim lo oyenzele iyelenqe inkosi yenu, ndayibulala; kambe ke, ngubani lo ubulele aba? 10Yazini ke kodwa ukuba akukho nalinye ilizwi elathethwa *nguNdikhoyo ngendlu ka-Ahabhi eliya kulambatha. UNdikhoyo ukwenzile konke awakuthethayo ngesicaka sakhe uEliya.” 11Ke uYehu wabulala wonke umntu apho eYizereli owayesasele engowendlu ka-Ahabhi, kananjalo nezibonda zakhe, izihlobo nababingeleli bakhe, akashiya nempunde le.
12UYehu ke waphuma waya ngaseSamariya. EBhete-ekede yabelusi 13wadibana nezizalwana zikakumkani uAhaziya wakwaJuda, wabuza wathi: “Ningoobani?”
Zaphendula zathi: “Sizizizalwana zika-Ahaziya. Size kubona indlu kakumkani kunye nonina wekumkanikazi.”
14Waza wathi: “Babambeni besaphila!” Bababamba ke, bababulala ngakwiqula laseBhete-ekedi. Yayingamashumi amane amadoda; akasindisanga nalo mnye umntu.
15Akudlula apho wadibana noYonadabhi unyana kaRekabhi owayehlangabeza yena. UYehu wambulisa wathi: “Ngaba nawe ungakum kwanjengokuba nam ndingakuwe?”
UYonadabhi waphendula wathi: “Ewe, kunjalo.”
UYehu wathi: “Xa kunjalo, ethe isandla.” Wenjenjalo ke, waza ke uYehu wamkhwelisa apho enqwelweni yakhe. 16UYehu wathi: “Yiza uze kubona ukumzondelela kwam uNdikhoyo.” Baza ke bahamba kunye ngenqwelo leyo.
17Akufika eSamariya uYehu wabulala bonke ababesele bendlu ka-Ahabhi, wabatshabalalisa mpela ngokwelizwi elathethwa *nguNdikhoyo kuEliya.
Ukufa kwabanquli bakaBhali
18UYehu wabaqokelela bonke abantu, wathi kubo: “UAhabhi wayemnqula kancinci uBhali, kodwa ke mna ndiza kumnqula kakhulu. 19Babizeni bonke abashumayeli bakaBhali, abanquli bakhe, ndawonye nababingeleli bakhe. Makungasali namnye, kuba ndiza kumenzela idini elikhulu uBhali. Umntu othe akeza akayi kudla bomi.” Kambe ke uYehu wayesenza iqhinga lokutshabalalisa bonke abanquli bakaBhali.
20UYehu wathi: “Abantu babizeleni kwindawo eyodwa yokunqula uBhali.” Ngenene ke babamema abantu. 21Waza ke wathumela umyalezo kuSirayeli ephela, nakubo bonke abanqula uBhali, ukuze bangaphoswa. Ewe, beza xa bebonke. Baqokelelana ke apho esibingelelweni sikaBhali, satsho sazala sema ngeembambo. 22UYehu wathi kumgcini wegumbi lezambatho: “Bonke abanquli bakaBhali banike izambatho.” Weza nazo ke ezo zambatho.
23Ke uYehu kunye noYonadabhi, unyana kaRekabhi, bangena apho esibingelelweni sikaBhali. UYehu wathetha nabanquli bakaBhali wathi: “Khangelani kungathi kanti apha kukho nezicaka zikaNdikhoyo; kuphela mayibe ngabo banqula uBhali.” 24Bangena ke, benza iminikelo namadini atshiswayo. Ngoku ke uYehu wayemise amadoda angamashumi asibhozo ngaphandle, wathi: “Umntu okhe wabayeka baphuncula aba bantu ndininika bona, uya kubuyekeza ngobomi bakhe.”
25Akugqiba ukwenza amadini atshiswayo uYehu wayalela abalindi namagosa, wathi: “Ngenani nibulale konke, kungasali nomnye.” Ngoko ke babanqumla bonke ngekrele. Abalindi namagosa lawo ayiphosa ngaphandle imizimba, wona angena kumagumbi angaphakathi eso sibingelelo sikaBhali. 26Bazikhupha apho esibingelelweni sikaBhali iintsika ezingcwele, baza bazitshisa. 27Balitshabalalisa ilitye likaBhali, basiqhaqha isibingelelo sakhe, satsho sayindawo ekuyiwa kuyo ngasese unanamhla.
28Ngoko ke uYehu walubhangisa unqulo lukaBhali kwaSirayeli. 29Kambe ke zange aziyeke izono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli: inkonzo yethole legolide eBhetele nakwaDan.
30UNdikhoyo wathi kuYehu: “Ngenxa yokuba wenze kakuhle kangaka, wandikholisa ngokwenza loo nto ndandizimisele kuyo mayela nendlu ka-Ahabhi, ngoko ke iya kude ibe sisizukulwana sakho sesine indlu yakho ilawula kwaSirayeli.” 31Phofu ke yena uYehu lo zange akunonophele ukuwuthobela umthetho kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngomxhelo wakhe wonke. Zange azichase izono zikaJerobhowam, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli.
32Ngaloo mihla ke uNdikhoyo wawaphungula amaSirayeli. UHazayeli wawongamela amaSirayeli kuwo wonke ummandla wawo, 33kwimpuma yeJordan, nakuwo wonke umhlaba waseGiliyadi (ingingqi kaGadi, noRubhen, noManase), ukusuka eArohere kwingxingwa yeArnon, ukunqumla iGiliyadi, kuye eBhashan.
34Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehu, nayo yonke imisebenzi nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkai bakwaSirayeli.
35UYehu waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa eSamariya. UYowahazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe. 36Ithuba lolawulo lukaYehu kwaSirayeli eSamariya yaba ngamashumi amabini anesibhozo eminyaka.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy