YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 13

13
Izilumkiso nemibuliso
1Eli liza kuba lixesha lesithathu ndinityelela. “Nasiphi na isityholo kufuneka simiswe ngamangqina amabini okanye amathathu,” njengoko zisitsho *iziBhalo. 2Ndibhekisa kwabo babonile ngaphambili, kunye nawuphi na ongomnye. Ndandikhe ndatsho kambe kutyelelo lwam lwesibini, kodwa ndiyaphinda nangoku ndingekhoyo ukuthi: xa ndiphinda ukuza apho, akukho bani uya kusinda ekohlwayweni. 3Nithi nifuna ukuqinisekiswa ukuba uKrestu uyathetha ngam. Nimazi engelobhetye-bhetye, kodwa enamandla phakathi kwenu. 4Kuba nakuba wabulawa emnqamlezweni enenxaxheba kubuthathaka bethu, udla ubomi ngamandla kaThixo. Ngoko ke ndibuthathaka kuba ndimanywe naye, kodwa ndiyakudla ubomi naye ngamandla kaThixo. Iya kucaca ke loo nto kuni.
5Zivavanyeni niziqonde ukuba ningamakholwa ngenene na. Khanizicikide. Ngokuqinisekileyo niyaqonda ukuba uYesu Krestu ukho kuni – ngaphandle kokuba ngaba noyisakele. 6Ndiyathemba ukuba niya kuqonda ukuba ndiphumelele mna. 7Ndithandaza kuThixo ukuba ningoni tu – kungekuko ukubonakalisa impumelelo yam, kodwa kukuze nenze oko kulungileyo, nangona mna ndinga ngathi ndoyisiwe. 8Kaloku mna andiyenzi into ephikisana nenyaniso, kuba ndingakuyo inyaniso. 9Ndiyavuya mna xa ndibuthathaka nibe ke nina nomelele. Ngoko ke ndithandazela ukuba ningabi nampazamo. 10Yiyo le nto ndibhala ngoku ndingekezi apho kuni. Ndenzela ukuba ze ndithi ndakufika apho ndinganiphathi gadalala, ndisebenzisa igunya endalinikwa yiNkosi – igunya lokunakha, ingelilo elokuniwisa.
11Ekugqibeleni ke, mawethu, ndithi salani kakuhle. Zamelani ukuba ningabi nampazamo; zigqaleni iziyalo; visisanani, nihlale ngoxolo. Ngoko ke uThixo wothando noxolo uya kuba nani.
12Bulisanani ngokwamakholwa. Bonke abantu bakaThixo bayanibulisa.
13Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy