YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 9

9
Ukumkanikazi waseShebha utyelela uSolomon
(1 Kum 10:1-13)
1Uthe ke ukumkanikazi waseShebha akuluva udumo lukaSolomon waya eJerusalem ngeenjongo zokukhe amvavanye ngemibuzo enzima. Wafika enehlokondiba lamaphakathi kunye negquba leenkamela zithwele izinongo, nento eninzi yegolide, namatye axabisekileyo, waza waya kuSolomon wathetha naye ngazo zonke izinto ezazisengqondweni yakhe. 2Ke uSolomon wayiphendula yonke imibuzo yakhe; ayikho into eyamxakayo kwiingcaciso awayezifuna. 3Ukumkanikazi waseShebha akububona ubulumko bukaSolomon, ebona nelo bhotwe wayelakhile, 4nokutya okusetafileni yakhe, naloo maphakathi akhe, nendlela ahlaliswe ngayo, nezicaka ziwunduzelisa ngeminweba, nabangcamli bevathe ezabo, naloo madini atshiswayo wayewenza endlwini *kaNdikhoyo, wasuka wee khumnqa.
5Wathi kukumkani: “Ingxelo endiyive kwelakowethu mayela nempumelelo yakho ndawonye nobulumko bakho kuthe kanti yinyani. 6Kambe ke zange ndiyikholelwe into ababeyithetha de ndazibonela ngala wam amehlo. Ngenene mayela nobukhulu nobulumko bakho andixelelwanga nesiqingatha esi; wena ukude lee kwingxelo endandiyifumene. 7Anoyolo amadoda akwakho! Anenyhweba amaphakathi akho asoloko ekuququzelela esiva nobu bulumko bakho! 8Makabongwe uNdikhoyo uThixo wakho, yena ukholisekileyo nguwe waza wakubeka esihlalweni ukuze ulawule esikhundleni sakhe. UThixo wakho uyamthanda uSirayeli, yaye ke ufuna ukumxhasa naphakade, kungoko ke amise wena ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli ukuze uzinzise umthetho nobulungisa.”
9Ke ukumkanikazi waseShebha wanika uSolomon igolide ebunzima bungaphezu kweekhilogram ezingamawaka amane, kunye nentaphane yezinongo, namatye exabiso. Ezingako zona izinongo azizange zibekho njengezo zanikwa ukumkani uSolomon ngukumkanikazi waseShebha.
10Ke amadoda kaHiram nalawo kaSolomon eza negolide eOfire, kunye nomthi wom-algumi namatye exabiso. 11Ngaloo mthi wom-algumi ke ukumkani wenza amanqwanqwa okungena endlwini kaNdikhoyo nakwibhotwe lakhe, waza ngenxalenye yawo wenzela iimvumi iihapu nemirhubhe. Ezinjalo zazingazange zabakho kwaJuda.
12Ukumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha konke awayekunqwenela nawayekucela; wamnika nangaphezu kwezinto awayeze nazo kuye. Ke ukumkanikazi lowo ekunye namaphakathi akhe bajika babuyela kwelakowabo.
Ubutyebi bukaSolomon
(1 Kum 10:14-25)
13Minyaka le ukumkani uSolomon wayefumana igolide ebunzima bukwisithuba samashumi amabini anantathu amawaka eekhilogram, 14ngaphandle kwengeniso eyayisiza nabarhwebi nabashishini. Kananjalo ookumkani belama-Arabhu nabalawuli belizwe elo baberhuma ngegolide nesiliva kuSolomon.
15Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka amakhulu. Ikhaka ngalinye lalityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezisixhenxe. 16Wenza namakhaka amancinci angamakhulu amathathu, ngalinye kuwo lityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezimbini. Ke ukumkani wawabeka kwibhotwe elibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon.
17Ukumkani wenza isihlalo sobukhosi. Sasisikhulu, sihonjiswe ngamabamba eendlovu, sityatyekwe ngegolide ecwengileyo. 18Esi sihlalo sasinamanqwanqwa okunyuka amathandathu kunye nendawo yokubeka iinyawo eyenziwe ngegolide ithe nca kwalapho kuwo. Macala eso sihlalo sasineendawo zokubeka iingalo, kananjalo kukho nemifanekiso emibini yeengonyama isiphahlile. 19Kuloo manqwanqwa okunyuka amathandathu kwakumi iingonyama ezilishumi elinambini, zingambini ziphahle inqwanqwa ngalinye. Enjalo yona into yayingazange yenziwa nakubuphi na ubukumkani. 20Yonke impahla yokusela kakumkani uSolomon yayiyeyegolide, kananjalo nayo yonke impahla yebhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon yayiyigolide ecikizekileyo. Kwakungekho nto eyayenziwe ngesiliva, kuba kaloku ngemihla kaSolomon isiliva yayingaxabisekanga. 21Ukumkani wayeneqela leenqanawa zokurhweba ezaziqhutywa ngamadoda akwaHiram. Zazibuya kanye ngeminyaka emithathu, zifike zithwele igolide, isiliva, amabamba eendlovu, iinkawu, neemfene.
22Ukumkani uSolomon wayebalasele ngobutyebi nangobulumko kunabo bonke ookumkani behlabathi. 23Bonke ookumkani bamazwe babefuna amacebo kuSolomon ukuze beve ubulumko abunikwe nguThixo. 24Minyaka le umntu ngamnye ozayo wayesiza nomrhumo – izinto zesiliva, ezegolide, iminweba, izixhobo, izinongo, amahashe, neemeyile.
25USolomon wayenezitali zamahashe neenqwelo ezingamawaka amane, enamahashe angamawaka alishumi elinambini, awayewagcina kwizixeko zeenqwelo nakwakhe eJerusalem. 26Xa bebonke ookumkani wayebalawula ukususela kumlambo iEfrati kuye kwelamaFilistiya, kuthi xhaxhe ngomda weJiputa. 27Ke ukumkani lo isiliva wayenza yaxhaphaka eJerusalem oku kwamatye, umsedare wamninzi njengomthombe esihlanjeni. 28USolomon amahashe wayewazuza eJiputa nakuwo onke amanye amazwe.
Ukufa kukaSolomon
(1 Kum 11:41-43)
29Ke zona ezinye iziganeko zolawulo lukaSolomon ukususela ekuqalekeni kude kuye esiphelweni, nâzo kwincwadi yeembali zomshumayeli uNatan, nakwiintshumayelo zika-Ahiya waseShilo, ngokunjalo nakwimibono kaYedi imboni echaza nangoJerobhowam unyana kaNebhati. 30Ke kaloku yaba yiminyaka emashumi mane uSolomon elawula kwaSirayeli eJerusalem. 31Waza ke waya kuphumla kooyise, wangcwatywa kwisixeko sikayise uDavide. URehobhowam unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy