YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 35

35
UJosiya ubhiyozela iPasika
(2 Kum 23:21-23)
1Ke kaloku uJosiya wenzela *uNdikhoyo itheko *lePasika eJerusalem, laza ke ixhwane lePasika laxhelwa ngomhla weshumi elinesine ngenyanga yokuqala. 2Ababingeleli wabamisela kwimisebenzi yabo, wabakhuthaza emsebenzini wendlu kaNdikhoyo. 3KubaLevi ababenikezelwe kuNdikhoyo befundisa uSirayeli wonke ephela wathi: “Yithatheni ityesi engcwele, niyifake endlwini awayakhela yona uSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli. Mayingahlali niyithwele ngamagxa. Ngoku khonzani uNdikhoyo uThixo wenu ngokunjalo namaSirayeli. 4Zilungiseleleni ngokwemizi yenu nangokwezintlu, ngokwendlela nemigqaliselo eyabhalwa nguDavide ukumkani wakwaSirayeli kunye nonyana wakhe uSolomon.
5“Yimani engcweleni nineqela labaLevi kuluhlu ngalunye lwemizi yamawenu, abantu ngokubanzi. 6Xhelani amaxhwane ePasika, nizihlambulule, amawenu niwalungiselele amaxhwane, nenze loo nto wayiyalezayo uNdikhoyo ngoMosis.”
7Abantu ababelapho uJosiya wabalungiselela amashumi amathathu amawaka eegusha neebhokhwe ezizezedini lePasika, kwakunye namawaka amathathu eenkomo – zonke ezo zinto ziphuma kukumkani ngokwakhe.
8Nawo amaphakathi akhe enza izinwe akhuphela abantu nababingeleli nabaLevi. UHilekiya noZakariya noYehiyeli, abaphathi bendlu kaThixo, banika ababingeleli amakhulu angamashumi amabini anesithandathu amaxhwane ePasika kunye neenkomo ezimakhulu mathathu. 9Kwakhona uKonaniya noShemaya noNataniyeli, abantakwabo, kunye noHashabhiya noYehiyeli noYozabhadi iinkokheli zabaLevi, bakhupha amawaka amahlanu amaxhwane ePasika, kunye namakhulu amahlanu eenkomo egameni labaLevi.
10Yalungiselelwa inkonzo leyo, ababingeleli bema ngeendawo zabo nabaLevi kwizintlu zabo ngokomyalelo kakumkani. 11Axhelwa amaxhwane ePasika, baza ababingeleli bafefa ngelo gazi lalinikezelwe kubo, baba bona abaLevi behlinza. 12Bawabeka bucala amadini atshiswayo, ukuze bawanikezele kwizintlu zemizi, ukuze zinikele kuNdikhoyo njengoko kubhaliwe encwadini kaMosis. Benjenjalo ke nasezinkomeni. 13Ngokommiselo ke amaxhwane ePasika bawosa emlilweni, wona amadini awodwa bawapheka ngeembiza, oongxawu, neepani, baza ke baphakela abantu ngokukhawuleza. 14Kamva ke balungiselela bona kunye nababingeleli. Kaloku ababingeleli, inzala ka-Aron, babesenza amadini atshiswayo nawamanqatha kwada kwahlwa. Ngoko ke abaLevi bazilungiselela bona ziqu kwanababingeleli bendlu ka-Aron.
15Iimvumi, inzala ka-Asafu, zazimi ngeendawo zazo ngokomyalelo kaDavide noAsafu noHeman noYedutun imboni kakumkani. Kwisango ngalinye abagcini-masango abemkanga, kuba amawabo abaLevi babebalungiselele.
16Ngelo thuba ke yonke inkonzo kaNdikhoyo yaqhutywa, kubhiyozelwa iPasika, kusenziwa namadini atshiswayo kwiqonga likaNdikhoyo ngokomyalelo kakumkani uJosiya. 17Ngelo thuba ke amaSirayeli awayekhona apho ayibhiyozela iPasika, aqhuba neSidlo seZonka ezingaNyuswanga, iintsuku zasixhenxe. 18Ukususela kwimihla yomshumayeli uSamweli iPasika le yayingazange iqhutywe ngolu hlobo kwaSirayeli, kungekho nakumkani kwabakwaSirayeli wakha waqhuba iPasika ngendlela awayenza ngayo uJosiya enababingeleli nabaLevi, naye wonke uJuda noSirayeli, abantu ababelapho eJerusalem. 19Le Pasika ke yabhiyozelwa kunyaka weshumi elinesibhozo elawula uJosiya.
Ukufa kukaJosiya
(2 Kum 23:28-30)
20Ke kaloku emva kokuba uJosiya eyilungisile indlu kaThixo, uNeko ukumkani waseJiputa wenyuka waya kuhlasela iKarkemishe kumlambo iEfrati. Ke uJosiya wamhlangabeza. 21Kambe ke uNeko wathumela izigidimi esithi: “Akukho mfazwe phakathi kwam nawe, kumkani wakwaJuda. Okweli lixa andihlaseli wena, koko ndihlasela isizwe esilutshaba lwam. UThixo uthe mandikhawulezise, ngoko ke wena musa ukuchasana noThixo ongakum, hleze akutshabalalise.”
22Kodwa ke uJosiya zange ajike, koko wazenza mntu wumbi, wangena edabini. Ewe, zange ayiphulaphule into eyayithethwa kuye nguNeko owayeyalelwe nguThixo – wafunzela kuye, walwa naye kumathafa aseMegido.
23Abatoli bamchana ukumkani uJosiya edabini apho, waza ke yena wathetha namaphakathi akhe, wathi: “Ndikhupheni; bandingxwelerhile.” 24Bamkhupha ke kuloo nqwelo yakhe, bamfaka kwenye, baza bamsa eJerusalem, apho wafela khona. Wangcwatywa phakathi kwamangcwaba ooyise, waza ke wonke uJuda neJerusalem bamzilela.
25Ke kaloku uJeremiya waqamba izililo ngoJosiya. Unanamhla ke zonke iimvumi, amadoda nabafazi, bahlabela ezo zililo xa bekhumbula uJosiya. Zona ke zada zasisithethe kwaSirayeli, zabhalwa kwiNcwadi yesiJwili.
26Ke kaloku ezinye zeziganeko zolawulo lukaJosiya, kwanemisebenzi yakhe yokuzinikezela njengoko kubhaliweyo encwadini yomthetho kaNdikhoyo, 27nazo zonke iziganeko zolawulo lwakhe, ukusukela ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 35: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy