YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 34

34
UJosiya uchasa unqulo-zithixo
(2 Kum 22:1-2; 23:4-20)
1UJosiya waqalisa ukulawula eneminyaka esibhozo, waza walawula eJerusalem iminyaka emashumi mathathu ananye. 2Ke yena wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, ehamba ekhondweni likayise-mkhulu uDavide, enganxaxhi.
3Kunyaka wesibhozo elawula, nakuba wayeselula, waqalisa ukufunana noThixo kayise-mkhulu uDavide. Kunyaka weshumi elinesibini waqalisa ukuzitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo kwaJuda naseJerusalem, wazisusa neentsika zika-Ashera kunye nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo. 4Wayalela ukuba achithwe namaqonga kaBhali, kunye nalawo eziqhumiso ayephezu kwawo; wazintlekeza iintsika zika-Ashera, kwanemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo. Ezi zinto wazikroboza waza wazisarhaza emangcwabeni abo babezinqula. 5Amathambo ababingeleli baloo maqonga wawatshisela phezu kwawo; ngaloo ndlela ke wamhlambulula uJuda neJerusalem. 6Kwiidolophu zakwaManase, kwaEfrayim, kwaSimon, de kuthi xhaxhe ngoNafetali, nakumabhodlo ajikelezileyo, 7wawachitha amaqonga, wazisusa neentsika zika-Ashera, imifanekiso wayicola yangumgubo, onke amaqonga eziqhumiso wawadiliza kwaSirayeli ephela. Waza ke wabuyela eJerusalem.
Ukuhlaziywa kwendlu kaNdikhoyo
(2 Kum 22:3-7)
8Ngonyaka weshumi elinesibhozo elawula uJosiya, ekulihlambululeni kwakhe ilizwe elo kunye nendlu kaThixo, wathumela uShafan unyana ka-Azaliya noMaseya umlawuli-sixeko, kunye noJowa unyana kaYowahazi umgcini-manqaku, ukuze bahlaziye indlu kaNdikhoyo uThixo wakhe.
9Baya kumbingeleli omkhulu uHilekiya, baza bamnika imali eyayiziswe endlwini kaThixo, eyayiqokelelwe ngabaLevi ababengabagcini-minyango, baza bayiqokelela kubantu bakwaManase, abakwaEfrayim, nakuwo onke amasalela kaSirayeli, nakubantu bakwaJuda nabakwaBhenjamin, ngokunjalo nakubemi baseJerusalem. 10Bayigcinisa kubafo ababemiselwe ukuvelela umsebenzi wendlu kaNdikhoyo. Aba bafo ke bahlawula abasebenzi ababehlaziya indlu kaThixo. 11Enye imali bayinika abachweli nabakhi ukuze bathenge amatye akroliweyo kunye nomthi wokuhlanganisa nowemiqadi ukuze kulungiswe ezo zakhiwo zayekwa zabhodloka ngookumkani bakwaJuda.
12La madoda awenza ngentembeko loo msebenzi. Ayekhokelwa nguYahati no-Obhadiya, abaLevi abayinzala kaMerari, kunye noZakariya noMeshulam, inzala kaKohati. Aba baLevi bonke babeziingcungela ekudlaleni izikhalisi zengoma; 13ngabo ababevelele abathwali bempahla nabasebenzi kwiinkalo ngeenkalo zomsebenzi. Bambi abaLevi babengoonobhala, namagosa, nabagcini-masango.
Ukufunyanwa kwencwadi yomthetho
(2 Kum 22:8 – 23:3)
14Bathe besakhupha imali eyayiziswe endlwini kaNdikhoyo, umbingeleli uHilekiya wayibhaqa incwadi yomthetho kaNdikhoyo, leyo yayinikelwe kuMosis. 15UHilekiya wathetha noShafan unobhala, wathi: “Apha endlwini kaNdikhoyo ndiyifumene incwadi yomthetho.” Waza ke wayinika uShafan.
16UShafan ke incwadi leyo wayisa kukumkani, wamazisa wathi: “Izicaka zakho ziyakwenza konke ezikuthunyiweyo. 17Imali ebisendlwini kaNdikhoyo ziyithathile zayinikezela kubaveleli babasebenzi.” 18Waza ke unobhala uShafan waxelela ukumkani wathi: “Umbingeleli uHilekiya undinike incwadi.” Wandula ke uShafan ukufundela ukumkani incwadi leyo.
19Akuweva ke amazwi omthetho lowo, ukumkani wasuka wazikrazula izambatho zakhe. 20Wayalela uHilekiya, uAhikam unyana kaShafan, uAbhedon unyana kaMika, unobhala uShafan, noAsayi intong' esekhosi kakumkani, wathi: 21“Hambani niye kubuzisa kuNdikhoyo malunga nam namasalela kaSirayeli noJuda, malunga noko kubhaliweyo kule ncwadi ivelileyo. Ayinganganto ingqumbo kaNdikhoyo ayiphokozele phezu kwethu, kuba oobawo abawathobelanga amazwi kaNdikhoyo, abaziphathanga ngokwala mazwi abhalwe kule ncwadi.”
22Ke kaloku uHilekiya nâbo wayethunywe nabo ngukumkani baya *kumshumayeli obhinqileyo uHulda, owayengumfazi kaShulam unyana kaTokati, kaHasera umgcini-wegumbi lezambatho. Yena ke wayehlala eJerusalem kwisithili sesibini.
23Wathetha nabo wathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: Mxelele loo mntu unithumileyo nithi: 24‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Uyabona, le ndawo, ikunye nabantu bayo, ndiza kuyizisela isithwakumbe. Ziza kuwa phezu kwayo zonke iziqalekiso ezibhaliweyo kule ncwadi ayifundelweyo ukumkani wakwaJuda. 25Kaloku bandishiyile, baza benzela abanye *oothixo iziqhumiso. Ewe, bawuxhokonxile umsindo wam ngezi zinto bazenze ngezandla zabo. Ingqumbo yam iza kuwa phezu kwale ndawo, ingabi nakucimeka.’ 26Ukumkani wakwaJuda onithume ukuza kubuzisa kuNdikhoyo mxeleleni nithi: ‘Mayela namazwi owevileyo utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: 27Ngenxa yokuba wena uhlabekile, waza wazithoba phambi koThixo wakuba uwevile amazwi ayikhalimela ngawo uThixo le ndawo nabemi bayo, wada ke wena wazithoba phambi kwam, wakrazula nezambatho zakho, ulila phambi kwam, ngoko ke ndikuvile, utsho uNdikhoyo. 28Wena ke ndiya kukusa kooyihlo, ungcwatywe unoxolo. Awakho amehlo akayi kusibona esi sithwakumbe ndiza kusithoba phezu kwale ndawo kunye nabemi bayo.’ ”
Loo mpendulo ke bayixelela ukumkani.
29Ukumkani ke wawaqokelela onke amadoda amakhulu akwaJuda naseJerusalem. 30Waya endlwini kaNdikhoyo, ehamba namadoda akwaJuda, abemi baseJerusalem, ababingeleli nabaLevi, enabantu bonke kuqalela koyena mncinci kuye koyena mkhulu. Wabafundela onke amazwi aloo ncwadi yomnqophiso, leyo yayifunyenwe endlwini kaNdikhoyo. 31Ke ukumkani wema ngasentsikeni, wawuhlaziya umnqophiso wokuba yena uya kulandela uNdikhoyo, ayithobele imiyalelo, imiqathango, nemimiselo yakhe, oko akwenze ngentliziyo yakhe iphela, nomphefumlo wakhe uphela, ahambe ngokwamazwi omnqophiso abhalwe kule ncwadi.
32Kananjalo wonke umntu eJerusalem nakwaBhenjamin wathi makazibophelele kuwo. Ke abemi baseJerusalem bayenza le nto ngokomnqophiso kaThixo, nditsho uThixo wooyise.
33Kuwo wonke ummandla wakwaSirayeli uJosiya wazisusa izithixo ezingamasikizi, waza onke amaSirayeli wathi makakhonze uNdikhoyo uThixo wawo. Ngethuba lokudla kwakhe ubomi amaSirayeli zange ajike ekumlandeleni uNdikhoyo uThixo wooyise.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 34: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy