YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 22

22
UAhaziya ukumkani wakwaJuda
(2 Kum 8:25-29; 9:21-28)
1Abantu baseJerusalem bamisela uAhaziya unyana wamaphelo kaYehoram wangukumkani esikhundleni sakhe. Kaloku abahlaseli ababekunye nama-Arabhu bababulala bonke oonyana bakhe abadala. Ngoko ke waqalisa ukulawula uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda.
2UAhaziya waqalisa ukulawula xa eneminyaka emashumi mabini anambini, waza walawula eJerusalem unyaka wamnye. Unina yayinguAtaliya umzukulwana kaOmri.
3Naye ke wahamba ekhondweni lendlu ka-Ahabhi, ekubeni wayekhuthazwa ngunina ekwenzeni ububi. 4Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengendlu ka-Ahabhi. Kaloku akuba engasekho uyise kweza abendlu ka-Ahabhi baba ngabacebisi bakhe, nto leyo yaluphuthisayo ulawulo lwakhe. 5Walandela icebo labo, waya emfazweni noYoram unyana ka-Ahazi ukumkani wakwaSirayeli xa wayesilwa noHazayeli ukumkani wama-Aram kwiRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram amngxwelerha uYoram, 6waza ke yena waya eYizereli khon' ukuze achache kuloo manxeba wayewafumene eRamoti kwelo dabi noHazayeli ukumkani wakwa-Aram.
Ke uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda wehla waya eYizereli esiya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi njengoko wayenzakele.
7Ukuwa kuka-Ahaziya ekutyeleleni kwakhe uYoram kwaphuma kuThixo. Akufika uAhaziya wahamba noYoram baya kubonana noYehu unyana kaNimshi owayethanjiswe nguNdikhoyo ukuze atshabalalise indlu ka-Ahabhi. 8Xa uYehu wayewisa isigwebo kwindlu ka-Ahabhi, wafumana namatshawe akwaJuda nezizalwana zoonyana baka-Ahaziya ezazisonga uAhaziya, nazo ke wazibulala. 9Waza ke wamzingela uAhaziya owafunyanwa ngamahlakani akhe ezimele eSamariya. Bamzisa kuYehu, wabulawa. Bamngcwaba ke, kuba babesithi: “Kaloku yena ungunyana kaYoshafati, umfo owayemfuna ngomxhelo wakhe wonke uNdikhoyo.” Ngoko ke endlwini ka-Ahaziya akusalanga mntu unako ukubuphatha ubukumkani.
UAtaliya noYowashe
(2 Kum 11:1-20)
10UAtaliya unina ka-Ahaziya, akubona ukuba unyana wakhe ufile, wasuka wayitshabalalisa yonke indlu yekomkhulu lakwaJuda. 11Ke yena uYoshebha, intombi kakumkani uYehoram, wesuka weba uYowashe unyana ka-Ahaziya, wemka naye apho phakathi kweenkosana ezaziza kubulawa, wamfihla neneni yakhe kwigumbi lokulala. Kaloku uYoshebha intombi kakumkani uYehoram owayengumfazi wombingeleli uJoyada wayengudade boAhaziya; yiyo ke loo nto wasuka wamfihla umntwana lowo ukuze angabulawa nguAtaliya. 12Wahlala ezinyelisiwe ke endlwini kaThixo iminyaka yamithandathu, xesha elo kwakusalawula uAtaliya apho kwaJuda.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy